Ubizo lobuFundisi
ISahluko 3: Funda kwaye uFundise iVangeli kaYesu Krestu


“ISahluko 3: Funda kwaye uFundise iVangeli kaYesu Krestu,” Shumayela iVangeli Yam: ISikhokelo eKwabeleni ngeVangeli kaYesu Krestu (2023)

“Funda kwaye uFundise iVangeli kaYesu Krestu,” Shumayela iVangeli Yam

Umfanekiso
The Baptism of Christ [uBhaptizo lukaKrestu], nguJoseph Brickey

Isahluko 3

Funda kwaye Ufundise iVangeli kaYesu Krestu

IZifundo kwesi sahluko ziqulethe imfundiso ebalulekileyo, imigaqo, nemiyalelo yevangeli kaYesu Krestu. Ezi zifundo yinto abaprofeti abaphilayo nabapostile abakuyalele ukuba uyifunde kwaye uyifundise. Zibonelelwe apha ukuze uncede abanye bayiqonde ngokucacileyo imfundiso kaKrestu.

Icandelo lokuqala kwesi sahluko sisimemo sobhaptizo. Intsalela yesahluko iqulethe izifundo ezine ezilandelayo:

Funda izibhalo kwaye uxabise ubutyebi bemfundiso kwisifundo ngasinye. Njengoko usenza, uMoya uya kunika ubungqina beenyaniso ozifundayo. Yena uya kukunceda wazi omawukuthethe kwaye ukwenze ukunceda abanye bafumane ubungqina benyaniso. (Bona IMfundiso neMinqophiso 84:85.)

Abantu baya kumazi ngakumbi uMsindisi njengoko besenza oko Yena abamemele ukuba bakwenze. Dlulisa izimemo kwisifundo ngasinye, kwaye uncede abantu bagcine izibophelelo abazenzileyo. Njengoko abantu begcina izibophelelo, baye baqalise ukuphila ivangeli kaYesu Krestu kwaye balungiselele ukwenza iminqophiso noThixo.

Fundisa zonke izifundo phambili nasemva kobhaptizo. Abafundisi bevangeli bexesha elizeleyo bayakhokela ekufundiseni izifundo omabini amaxesha. Abafundisi bevangeli beWadi okanye amanye amalungu athabatha inxaxheba xa kunokwenzeka. Bona izahluko 10 no 13 ngolwazi malunga nokubandakanya amalungu ekufundiseni.

Lungiselela Ukufundisa

Njengoko ulungiselela ukufundisa, phonononga ulwazi lomntu ngamnye kusetyenziso lwePreach My Gospel. Yenza isicwangcwiso sesifundo esisekelwe kwiimfuno zomntu. Qwalasela oko yena kufanele akwazi kwaye nemvakalelo yakhe ngexesha lokufundisa kwakho kutyelelo. UMoya uya kuyikhulisa imizamo yakho njengoko uthatha ixesha lokulungiselela kwaye ucwangcwisa.

Nantsi eminye imibuzo yakho neqabane lakho omawuyiqwalasele ngomthandazo njengoko ulungiselela ukufundisa.

  • Sesiphi isimemo esiza kusidlulisa ukunceda umntu akhe ukholo kuKrestu kwaye enze inkqubela? Izimemo yindlela onceda ngayo abantu baguquke kwaye babe namava “emandleni oMkhululi” (Hilamani 5:11). Qwalasela inkqubela yomntu, imeko, neemfuno. Emva koko quka isimemo esinye okanye ngaphezulu kwisicwangcwiso sesifundo sakho.

  • Yeyiphi imfundiso nemigaqo eya kunceda umntu ukuba agcine isibophelelo esimmemele ukuba asenze? Ngomthandazo misela ukuba yeyiphi imfundiso nemigaqo eyakunceda abantu baqonde ukuba kutheni ukugcina isibophelelo sabo kubalulekile kubo nakwiNkosi.

  • Siyakumnceda njani umntu afunde imfundiso? Ukulungiselela ukufundisa imfundiso, lungelelanisa kwaye ushwankathele oko uza kufundisa usebenzisa isifundo 1–4 Chonga imibuzo, izibhalo, imizekelo, nejelo losasazo elifanelekileyo eliya kunceda umntu aqonde oko ukufundisayo. Bona isahluko 10 ngenkcazelo malunga nendlela onokuphucula ngayo ukufundisa kwakho.

  • Zeziphi iintsikelelo athembise ngazo uThixo ngenxa yokwamkela nokugcina izibophelelo? Njengoko ufunda le mfundiso, chonga iintsikelelo zikaThixo azithembisileyo. Njengokuba ufundisa, thembisa ngeentsikelelo kwaye unike ubungqina ngazo.

  • Ngawaphi amalungu anokuthatha inxaxheba? Kwintlanganiso yolungelelwaniso yeveki, misela ukuba ngawaphi amalungu anokukunceda ukufundisa kwaye nokuxhasa umntu. Phambi kwesifundo, xoxa ngenxaxheba yabo. Bona isahluko 10.

  • Yintoni esinokuyenza ukunceda abantu bagcine izibophelelo zabo emva kokuba sihambile? Landela ngokwenza uqhagamshelwano lwemihla ngemihla ukunceda abantu bagcine izibophelelo zabo. Khangela iindlela zokubandakanya amalungu ekuncedeni abo ubafundisayo bagcine izibophelelo zabo. Olu qhagamshelwano lunokuquka ukufunda isahluko kwiNcwadi kaMormoni okanye ezinye izibhalo. Ukuba umntu akasigcini isibophelelo sangaphambili, kunokuba ngcono ukuba umncede ngaso phambi kokummemela kwesinye. Bona isahluko 11.

  • Singabanceda ngcono njani kwixa elizayo? Emva kwayo yonke imeko yokufundisa, vavanya amava abantu obafundisayo. Ingaba ukholo lwabo kuKrestu luyakhula? Ingaba banemvakalelo ngoMoya? Ingaba bayaguquka kwaye benze kwaye bagcine izibophelelo? Ingaba bayathandaza, bayayifunda iNcwadi kaMormoni, kwaye bayayihamba icawa? Yenza izicwangciso zokubanceda.

Fundisa ngokusuka Entliziyweni ngokuKhokelwa nguMoya

Buthetha nabo bonke abadala noodade, uBongameli bokuQala neQumrhu labaPostile abaLishumi elineSibini bathi:

“Injongo yethu kukufundisa umyalezo wevangeli ebuyiselweyo ngendlela leyo evumela uMoya ube sisikhokelo ngokubini kubafundisi bevangeli nabo bafundiswayo. Kubalulekile ukufunda iingqiqo ze [zifundo], kodwa ezi akufuneki ukuba zifundiswe ngonikezelo lwesiqhelo. UMfundisi wevangeli kufanele ukuba azive ekhulekile ukuba asebenzise amagama akhe njengokuba ephenjelelwa nguMoya. Akafanele enze isicengcelezo esinkqayiweyo, kodwa makathethe ngokusuka entlizyweni ngamazwi akhe. Usenokuphambuka kulandelelwano lwezifundo, enze into aphenjelelwa nguMoya ukuba ayenze, ngokuxhomekeke kwiimfuno nomdla womntu. Ethetha ngengqiniseko yakhe kwaye ngamazwi akhe, kumele yena anike ubungqina benyaniso yeemfundiso zakhe.”

Umfanekiso
abafundisi bevangeli badibana nendoda

Fundisa kwaye uMeme ngokweeMfuno zoMntu ngamnye

Unexesha namandla okufundisa izifundo nangeyiphi na indlela enceda abantu ukuba balungiselele ngokupheleleyo ubhaptizo lwabo noqinisekiso. Sesiphi isifundo osifundisayo, xa ufundisa sona, kwaye lingakanani ixesha olinika sona oko kulawulwa ziimfuno zomntu omfundisayo nesikhokelo soMoya. Umzekelo, xa ufundisa abantu abangenaso isiseko sobuKrestu, unokuqala ngokubanceda ngokuphuhlisa uqhagamshelwano olukhulu noBawo waseZulwini nokuqonda icebo laKhe (bona “Teaching People Who Do Not Have a Christian Background” kwisahluko 10).

Vumela uMoya ukukhokele ekubeni zeziphi izimemo emawuzidlulise kwaye uzidlulise nini. Isimemo esilungileyo ngexesha elilungileyo sinokuphembelela abantu benze izinto eziza kwakha ukholo lwabo. Ezi zenzo zinokukhokelela kutshintsho olumandlakazi olwenzekayo entliziyweni (bona Mozaya 5:2; Alma 5:12–14).

Fundisa izifundo ezilula, ezicacileyo, kwaye nezifutshane. Ngokwesiqhelo, utyelelo lokufundisa malungadluli kwimizuzu engama-30, kwaye unakho ukufundisa umntu ngemizuzwana emi-5.

Ngokwesiqhelo uza kudinga iintlanganiso ezininzi ukufundisa imigaqo ekwisifundo esinye. Abantu baza kusoloko bewuqonda ngcono umyalezo wakho ukuba ufundisa izifundo ezifutshane, ufundise rhoqo, kwaye ufundise izahlulo ezincinci zomsebenzi.

Ufundo lweZibhalo

Yintoni okhokelwa ukuba uyifundise?

Kutheni kubalulekile ukufunda imfundiso kwizifundo?

Shicilela