Ubizo lobuFundisi
Isahluko 3: Isifundo 2—Icebo likaBawo waseZulwini loSindiso


“Isahluko 3: Isifundo 2—Icebo likaBawo waseZulwini loSindiso,” Shumayela iVangeli Yam: ISikhokelo Ekwabeleni iVangeli kaYesu Krestu (2023)

“Isahluko 3: Isifundo 2,” Shumayela iVangeli Yam

Isahluko 3: Isifundo 2

Icebo loSindiso likaBawo waseZulwini

Umfanekiso
Umfanekiso oqingqiweyo kaKrestu

Abantu BanokuZibuza

  • Yintoni injongo yobomi?

  • Ndivela phi?

  • Ngaba kukho uThixo ondikhathaleleyo? Ndingaziva njani ukuba Yena uyakhathala?

  • Ndinokukholelwa njani kuThixo xa kusenzeka izinto ezimbi kangaka?

  • Kutheni ubomi bunzima kangaka ngamanye amaxesha? Ndingawafumana njani amandla ngala maxesha?

  • Ndinga ngumntu ongcono kanjani?

  • Kwenzeka ntoni emva kokuba ndifile?

Ivangeli ebuyisiweyo kaYesu Krestu iyasinceda ukuba siphendule imibuzo ebalulekileyo yomphefumlo. Ngevangeli, sifunda ngobuni bethu bobuthixo nokuba nako kwethu kwanaphakade njengabantwana bakaThixo. Ivangeli isinika ithemba kwaye iyasinceda ukuba sifumane uxolo, ulonwabo, nentsingiselo. Ukuphila ivangeli kusinceda ukuba sikhule kwaye sifumane amandla njengoko sijongana nemiceli mngeni yobomi.

UThixo ubafunela okona kulungileyo abantwana baKhe kwaye unqwenela ukusinika iintsikelelo zaKhe ezinkulu, ezibubomi obungenasiphelo nobomi obungunaphakade. (bona Moses 1:39; IMfundiso neMinqophiso 14:7). Ngenxa yokuba Yena uyasithanda, Yena usibonelele icebo lokuba sifumane ezi ntsikelelo. Kwizibhalo, eli cebo libizwa ngokuba licebo losindiso, icebo elikhulu lolonwabo, necebo lenkululeko (bona Alma 42:5, 8, 11, 13, 15, 16, 31).

Kwicebo likaThixo, ngamnye wethu wenza uhambo ebomini bangaphambili, ukuzalwa, ubomi basemhlabeni, ukufa, nobomi emva kokufa. UThixo ubonelele ngoko sikudingayo kolu hambo ukuze emva kokufa kwethu, ekugqibeleni sibuyele kubukho baKhe kwaye sifumane uvuyo olupheleleyo.

UYesu Krestu usembindini kwicebo likaThixo. NgeNtlawulo yaKhe noVuko, uYesu wenza ukuba kwenzeke ukuba ngamnye wethu afumane ukungabinasiphelo nobomi banaphakade.

Ngexesha lobomi bethu emhlabeni, asibukhumbuli ubomi bethu bangaphambili. Kwaye asibuqondi ngokupheleleyo ubomi emva kokufa. Nangona kunjalo, uThixo utyhile iinyaniso ezininzi ngezi nxalenye zohambo lwethu lwanaphakade. Ezi nyaniso zisinika ulwazi olwaneleyo ukuze siqonde injongo yobomi, sonwabe, size sibe nethemba lezinto ezilungileyo ezizayo. Olu lwazi bubutyebi obungcwele bokusikhokela ngelixa sisemhlabeni.

Iingcebiso zokuFundisa

Eli candelo linikeza isampulu yolwandlalo ukunceda wena ukulungiselela ukufundisa. Likwaquka kananjalo imizekelo yemibuzo nezimemo onokuyisebenzisa.

Njengoko ulungiselela ukufundisa, qwalasela ngomthandazo iimeko neemfuno zomoya zomntu ngamnye. Yenza isigqibo sokuba yintoni eyakuba luncedo olukhulu ukuyifundisa. Lungiselela ukuchaza amagama okanye amabinzana abantu abanokungawaqondi. Cwangcwisa ngokobungakanani bexesha oza kuba nalo, ukhumbula ukugcina izifundo mfutshane.

Khetha izibhalo oza kuzisebenzisa njengokuba ufundisa Icandelo“IMfundiso esiSiseko” lesifundo liquka izibhalo ezininzi eziluncedo.

Qwalasela ukuba yeyiphi imibuzo oza kuyibuza njengokuba ufundisa. Cwangcwisa ukudlulisa izimemo ezinokukhuthaza umntu ngamnye athathe inyathelo.

Gxininisa iintsikelelo ezithenjisiweyo zikaThixo, kwaye wabelane ngobungqina bakho boko ukufundisayo.

Umfanekiso
abafundisi bevangeli befundisa usapho

Into OnokuyiFundisa Abantu ngeMizuzu eli 15–25

Khetha omnye okanye ngaphezulu kule migaqo ilandelayo malunga necebo losindiso oza kufundisa ngalo. Isiseko semfundiso yomgaqo ngamnye sibonelelwe emva kolu lwandlalo,

Ubomi bangaPhambili kobaSemhlabeni:Injongo kaThixo neCebo laKhe Ngathi

  • Sonke singabantwana bakaThixo bomoya. Yena wasidala ngokomfuziselo waKhe.

  • Sasiphila noThixo ngaphambi kokuba sizalwe emhlabeni. Singamalungu osapho lwaKhe. Yena uyasazi yaye usithanda ngamnye wethu.

  • UThixo ubonelele icebo lolonwabo lwethu nenkqubela phambili kobu bomi nakwiphakade.

  • Kubomi bethu bangaphambili, sakhetha ukulandela icebo likaThixo. Oku kwakuthetha ukuza emhlabeni ukuze sithathe inyathelo elilandelayo kwinkqubela phambili yethu yanaphakade.

  • UYesu Krestu usembindini kwicebo likaThixo. Yena wenza ukuba sikwazi ukubanako ukungafi u nobomi obungunaphakade.

INdalo

  • Phantsi kolwalathiso lukaThixo, uYesu Krestu wadala umhlaba.

UKuwa kuka-Adam no-Eva

  • U-Adam no-Eva babe ngabantwana bokuqala bakaThixo ukuza emhlabeni. UThixo wadala u-Adam no-Eva kwaye wababeka eGadini yase-Edeni.

  • U-Adam no-Eva bona, bakhutshelwa ngaphandle emyezweni, baza bahlukaniswa kubukho bukaThixo. Esi siganeko sibizwa ngokuba kuKuwa.

  • Emva koKuwa, u-Adam no-Eva baba ngabantu abafayo. Njengabantu abafayo, babekwazi ukufunda, ukwenza inkqubela, nokuba nabantwana. Kananjalo baba namava osizi, isono, nokufa.

  • Ukuwa kwakulinyathelo eliya phambili loluntu. UKuwa kwenza ukuba sikwazi ukuzalwa emhlabeni kwaye siqhubele phambili kwicebo likaBawo waseZulwini.

UBomi Bethu eMhlabeni

  • Kwicebo likaThixo, sasidinga ukuza emhlabeni ukuze samkele imizimba yenyama, sifunde, kwaye sikhule.

  • Emhlabeni, sifunda ukuhamba ngokholo. Nangona kunjalo, uBawo waseZulwini akasishiyanga sodwa. Yena usinike izipho ezininzi nezikhokelo zokusinceda ukuba sibuyele kubukho baKhe.

INtlawulelo kaYesu Krestu

  • Ngamnye kuthi uyona, yaye ngamnye kuthi uya kufa. Ngenxa yokuba uThixo esithanda, Yena wathumela uNyana waKhe, uYesu Krestu, emhlabeni ukuze asikhulule esonweni nasekufeni.

  • Ngenxa yedini lentlawulelo likaYesu, sinokuxolelwa size sicocwe izono zethu. Iintliziyo zethu zinokuguqulwa zibe ngcono xa siguquka. Oku kwenza ukuba sibe nako thina ukubuyela kubukho bukaThixo kwaye sifumane uvuyo olupheleleyo.

  • Ngenxa yovuko ekufeni lukaYesu, sonke siza kuvuka emveni kokuba sifile. Oku kuthetha ukuba umoya womntu ngamnye nomzimba ziyakuhlanganiswa kwakhona, kwaye ngamnye kuthi uyakuphila naphakade kumzimba ovuke ekufeni nogqibeleleyo.

  • UYesu Krestu usinika intuthuzelo, ithemba, nokuphilisa. Idini laKhe lokuhlawulela yeyona mbonakaliso yothando lwaKhe. Konke oko kungafanelakanga ebomini kungalungiseka ngeNtlawulelo kaYesu Krestu.

ILizwe loMoya

  • Xa umzimba wethu wenyama usifa, umoya wethu uyaqhubeka uphila kwihlabathi lomoya. Le yimeko yethutyana yokufunda nokulungiselela phambi koVuko.

  • Ivangeli kaYesu Krestu iyafundiswa kwihlabathi lomoya, kwaye singaqhubeka sikhula kwaye siqhubele phambili.

UVuko, uSindiso, nokuPhakanyiswa

  • Emva kwexesha lethu kwilizwe lomoya, uVuko linyathelo elilandelayo kuhambo lwethu lwanaphakade.

  • UVuko kukumanyana kwakhona komoya nomzimba wethu. Ngamnye wethu uya kuvuswa aze abe nomzimba wenyama ofezekileyo. Siya kuphila ngonaphakade. Oku kwenziwa ukuba kwenzeke ngeNtlawulelo yoMsindisi noVuko.

Umgwebo neziKumkani zoZuko

  • Xa sivusiwe ekufeni, uYesu Krestu uya kuba ngumgwebi wethu. Ngaphandle kwezinto ezimbalwa kakhulu, bonke abantwana bakaThixo baya kufumana indawo ebukumkanini bozuko.

  • Nangona siya kuvuswa sonke, asiyi kufumana uzuko olufanayo lwanaphakade. UYesu uya kusigweba ngokokholo lwethu, imisebenzi, nenguquko kubomi basemhlabeni nakwihlabathi lomoya. Singabuya siye kuhlala kubukho bukaThixo ukuba sithembekile.

Imibuzo Onokuyibuza Abantu

Le mibuzo ilandelayo yimizekelo yento onokuyibuza abantu. Le mibuzo inako ukunceda wena ube nencoko enentsingiselo kwaye uqonde neemfuno zomntu nembono.

  • Ucinga ukuba yintoni injongo yobomi?

  • Yintoni ekuzisela ulonwabo?

  • Zeziphi iingxaki ofuna ukuba uThixo akuncede ngazo?

  • Yintoni oyifundileyo kwimingeni oye wajongana nayo?

  • Yintoni oyaziyo ngoYesu Krestu? Ubomi baKhe nomsebenzi wakhe bubuchaphazele njani ubomi bakho?

Izimemo OngaziDlulisa

  • Ungamcela uThixo ngomthandazo akuncede wazi ukuba oko sikufundise kona yinyani? (Bona “Ingqiqo yokuFundisa:Umthandazo” kwicandelo lokugqibela lesifundo 1.)

  • Ngaba ungaya ecaweni kunye nathi ngale Cawa ukuze ufunde ngakumbi malunga noko sikufundisileyo?

  • Ingaba uya kuyifunda iNcwadi kaMormoni kwaye uthandazele ukwazi ukuba ililizwi likaThixo? (Ungacebisa izahluko ezithile okanye amabinzana.)

  • Ingaba uya kuwulandela umzekelo kaYesu kwaye ubhaptizwe? (Bona “IsiMemo soBhaptizo kwa noQinisekiso,” esithi ngoko nangoko silandele isifundo 1.)

  • Singalibeka ixesha lokukundwendwela kwakhona?

Umfanekiso
umzobo wecebo losindiso

Isiseko seMundiso

Eli candelo linika imfundiso nezibhalo kuwe zokuzifunda ukomeleza ulwazi lwakho nobungqina bevangeli kwaye ikuncedise ufundise.

Umfanekiso
iminyele

Ubomi bangaPhambili kobaSemhlabeni:Injongo kaThixo neCebo laKhe Ngathi

Singabantwana bakaThixo, kwaye Sahlala naYe ngaphambi kokuZalwa Kwethu

UThixo nguBawo wemimoya yethu. Thina singabantwana baKhe ngokwenene, sidalwe ngokomfanekiselo waKhe. Ngamnye wethu unendalo yobuthixo njengomntwana kaThixo. Olu lwazi lunokusinceda kumaxesha anzima kwaye lunokusikhuthaza ukuba sibe ngabo babalaseleyo.

Sasiphila noThixo ngaphambi kokuba sizalwe emhlabeni. Singamalungu osapho lwaKhe.

Umfanekiso
Umongameli M. Russel Ballard

“Kukho isazisi esinye esibalulekileyo esabelana ngaso sonke ngoku nangonaphakade, eso kufuneka singaze silibale ngaso, kwaye eso kufuneka sibe nombulelo ngaso. Oko kukuthi unguye kwaye ubusoloko ungunyana okanye intombi kaThixo eneengcambu zomoya kunaphakade.

“… Ukuqonda le nyaniso—ukuyiqonda ngenene nokuyamkela—kukutshintsha ubomi. Ikunika isazisi esingaqhelekanga ekungekho mntu unokuze asihluthe kuwe. Kodwa ngaphezu koko, kufuneka ikunike imvakalelo enkulu yexabiso nemvakalelo yokuxabiseka kwakho okungapheliyo. Okokugqibela, ikunika injongo yobuthixo, ebekekileyo, nefanelekileyo ebomini” “Children of Heavenly Father” [Brigham Young University devotional, Mar. 3, 2020], 2, speeches.byu.edu).

Thina Sakhetha Ukuza Emhlabeni

UBawo wethu waseZulwini uyasithanda kwaye unqwenela ukuba sibe njengaYe. Yena ungumntu ophakanyisiweyo onomzimba wenyama ozukileyo.

Kubomi bethu bangaphambili, safunda ukuba uThixo unecebo lokuba sibe njengaYe. Enye inxalenye yecebo laKhe yayikukuba siyakulishiya ikhaya lethu lasezulwini size emhlabeni ukuze sifumane imizimba yenyama. Kwakufuneka kananjalo sizuze amava kwaye sikhulise ukholo ngexesha lokungabikho kubukho bukaThixo. Sasingayi kukhumbula siphila noThixo. Nangona kunjalo, Yena wayeya kusinika oko sikudingayo ukuze sibuyele ukuze sihlale naYe.

Ilungelo lokuzikhethela, okanye inkululeko namandla okukhetha, yinxalenye ebalulekileyo yecebo likaThixo ngathi. Kubomi bethu bangaphambili kobasemhlabeni, omnye nomnye wethu wakhetha ukulandela icebo likaThixo kwaye eze emhlabeni ukuze sithathe inyathelo elilandelayo kwinkqubela phambili yethu yanaphakade. Saqonda ukuba ngelixa silapha, sasiza kuba namathuba amaninzi amatsha okukhula size sibe novuyo. Saqonda kananjalo ukuba sizakujongana nenkcaso. Siya kufumana isihendo, izilingo, usizi, nokufa.

Ekukhetheni ukuza emhlabeni, sathembela kuthando noncedo lukaThixo. Sathembela kwicebo laKhe losindiso lwethu.

UBawo waseZulwini Wakhetha uYesu Krestu ukuba Asikhulule

UYesu Krestu usembindini kwicebo likaThixo. Ngaphambi kokuba size emhlabeni, sasisazi ukuba asinakubuyela kubukho bukaThixo ngokwethu. UBawo waseZulwini wakhetha uYesu Krestu, uNyana waKhe wamazibulo, ukwenza ukuba sikwazi ukubuyela kuYe kwaye sibe nobomi banaphakade.

UYesu wakwamkela ngokuzithandela. Yena wavuma ukuza emhlabeni kwaye asikhulule ngedini laKhe lentlawulelo. Intlawulelo noVuko lwaKhe luyakwenza ukuba iinjongo zikaThixo zizaliseke.

Ufundo lweZibhalo

Abantwana bakaThixo

Injongo kaThixo

Ubomi Bangaphambili Kobasemhlabeni

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokelo kwiZibhalo: “Bomi bangaphambili,” “Cebo lenkululeko”

  • General Handbook, 1.1: “God’s Plan of Happiness

  • Gospel Topics: “Premortality [Ubomi Bangaphambili],” “Plan of Salvation [Icebo loSindiso]”

Umfanekiso
ukutshona kwelanga phezu kolwandle

INdalo

Icebo likaBawo waseZulwini libonelele ngendalo yomhlaba, apho abantwana baKhe bomoya bayakufumana imizimba yenyama kwaye bafumane namava. Ubomi bethu emhlabeni buyimfuneko ukuze senze inkqubela size sifane noThixo.

Phantsi kolwalathiso lukaThixo, uYesu Krestu wadala umhlaba nazo zonke izinto eziphilayo. UBawo waseZulwini emva wadala indoda nomfazi ngokomfanekiselo waKhe. Indalo yimbonakaliso yothando lukaThixo nomnqweno waKhe wokuba sibe nethuba lokukhula.

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokhelo kwiZibhalo: “Dala, Ndalo

  • Gospel Topics: “Creation [Ndalo]

Umfanekiso
Leaving the Garden of Eden, [Ukushiya uMyezo we-Eden], nguJoseph Brickey

UKuwa kuka-Adam no-Eva

Ngaphambi koKuwa

U-Adam no-Eva babe ngabantwana bomoya bokuqala bakaBawo waseZulwini ukuza emhlabeni. UThixo wadala u-Adam no-Eva kwaye wababeka kuMyezo wase-Edeni. Emyezweni babemsulwa, yaye uThixo wababonelela ngeentswelo zabo.

Ngelixa u-Adam no-Eva babesemyezweni, uThixo wabayalela ukuba bangatyi kwisiqhamo somthi wokwazi okulungileyo nokubi. Ukuba babewuthobela lo myalelo, babenokuhlala emyezweni. Nangona kunjalo, babengenakukwazi ukuqhubela phambili ngokufunda kwinkcaso nemingeni yokufa Babengazukwazi ukwazi ulonwabo ngokuba babengazukuva nxunguphalo nantlungu.

USathana wahenda u-Adam no-Eva ukuba batye isiqhamo esalelweyo, kwaye bakhetha ukwenjenjalo. Ngenxa yolu khetho, bakhutshelwa ngaphandle komyezo kwaye bohlukaniswa kubukho bukaThixo. Esi siganeko sibizwa ngokuba kuKuwa.

Emva koKuwa

Emva koKuwa, u-Adam no-Eva baba ngabantu abafayo. Ekubeni bengasekho kwimeko yobumsulwa, baqonda baza banamava kokubini okulungileyo nokubi. Babenokusebenzisa ilungelo lokuzikhethela labo ukukhetha phakathi kwako. Ngenxa yokuba u-Adam no-Eva babejamelene nenkcaso neengxaki, bakwazi ukufunda baza benza inkqubela. Ngenxa yokuba babebandezelekile, kananjalo babe nokonwaba. (Bona 2 Nifayi 2:22–25)

Ngaphandle kobunzima babo, u-Adam no-Eva bavakalelwa kukuba ukwazi ukufa kwakuyintsikelelo enkulu. Enye intsikelelo yayikukuba babenokuba nabantwana. Oku kwavula indlela yokuba abanye abantwana bakaThixo bomoya beze emhlabeni baze bafumane imizimba yenyama.

Ngokuphathelele iintsikelelo zoKuwa, bobabini u-Adam no-Eva bavuya. U-Eva wathi, “Ukuba bekungesiso isigqitho sethu ngesingazange sibe nembewu, kwaye ngesingazange sikwazi okulungileyo nokubi, novuyo lokukhululwa kwethu, nobomi obungunaphakade uThixo abunika kubo bonke abathobekileyo” (Moses 5:11; bona kananjalo umqolo 10).

Ufundo lweZibhalo

EMyezweni

UKuwa

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

UBomi Bethu eMhlabeni

Abantu abaninzi bayazibuza, “Kutheni ndilapha emhlabeni?” Ubomi bethu emhlabeni yinxalenye ebalulekileyo yecebo likaThixo lenkqubela phambili yethu yanaphakade. Eyona njongo yethu iphambili kukulungiselela ukubuyela kubukho bukaThixo kwaye sifumane uvuyo olupheleleyo. Apha ngezantsi kudweliswe ezinye zeendlela ubomi basemhlabeni obusilungiselela ngayo oku.

Umfanekiso
inkwenkwe incumile

Fumana uMzimba weNyama

Enye injongo yokuza emhlabeni kukufumana umzimba wenyama apho umoya wethu unokuhlala khona. Imizimba yethu ingcwele, iyindalo emangalisayo kaThixo. Ngemizimba yenyama, sinokwenza, sifunde, kwaye sibe namava amaninzi imimoya yethu ebingenako. Sinokwenza inkqubela ngendlela ebesingenako ukuyenza njengemimoya.

Ngexa yokuba imizimba yethu iyafa, siva iintlungu, izifo, nezinye izilingo. La mava anokusinceda sifunde ukuba nomonde, uvelwano, nezinye iimpawu zobuthixo. Angaba yinxalenye yendlela yethu eya eluvuyweni. Ukukhetha okulungileyo xa kunzima ukukwenza yindlela rhoqo ukholo, ithemba, nothando oluba yinxalenye yesimilo sethu.

Funda Ukusebenzisa Ilungelo lokuzikhethela Ngobulumko

Enye injongo yokufa kukufunda ukusebenzisa ilungelo lokuzikhethela lethu ngobulumko—ukukhetha okulungileyo. Ukufunda ukusebenzisa ilungelo lokuzikhethela lethu ngobulumko kubalulekile ukuze sibe njengoThixo.

UBawo waseZulwini noYesu Krestu basifundisa into elungileyo kwaye basinika imiyalelo ukusikhokelela kulonwabo. USathana usihenda ukuba senze okubi, efuna thina ukuba sibe lusizi njengaye. Sijamelana nenkcaso phakathi kokulungileyo nokubi, nto leyo efunekayo ukuze sifunde ukusebenzisa ilungelo lokuzikhethela lethu (bona 2 Nifayi 2:11).

Njengoko sithobela uThixo, siyakhula kwaye sifumane iintsikelelo zaKhe ezithenjisiweyo. Xa singathobeli, siyazihlukanisa naYe size sifumane iziphumo zesono. Nangona ngamanye amaxesha kubonakala ngenye indlela, ekugqibeleni isono sikhokelela ekungonwabini. Rhoqo iintsikelelo zokuthobela—nemiphumo yesono—azibonakali ngokukhawuleza okanye zibonakale ngaphandle. Kodwa ziqinisekile, kuba uThixo ulilungisa.

Kwanaxa sisenza konke okusemandleni ethu, sonke siyona yaye “[siya]silela eluzukweni lukaThixo” (KwabaseRoma 3:23). Ekwazi oku, uBawo waseZulwini wabonelela indlela yokuba siguquke ukuze sibuyele kuYe.

Inguquko izisa amandla oMkhululi wethu, uYesu Krestu, ebomini bethu (bona Hilamani 5:11). Njengokuba siguquka, siyacocwa esonweni ngedini lentlawulelo likaYesu Krestu nesipho soMoya oyiNgcwele (bona 3 Nifayi 27:16–20). Ngenguquko, sifumana uvuyo. Indlela ebuyela kuBawo wethu waseZulwini ivulelwe thina, kuba Yena unenceba. (Bona “Inguquko” isifundo 3.)

Funda Ukuhamba ngoKholo

Enye injongo yobu bomi kukufumana amava anokuthi eze kuphela ngokwahlukana noBawo waseZulwini. Ngenxa yokuba singamboni Yena, kufuneka sifunde ukuhamba ngokholo (bona 2 AmaKorinte 5:6–7).

UThixo akasishiyanga sodwa kolu hambo. Yena usinike uMoya oyiNgcwele ukuba asikhokele, asomeleze, kwaye asingcwalise. Yena kananjalo usinike izibhalo, abaprofeti, umthandazo, nevangeli kaYesu Krestu.

Yonke indawo yamava ethu enyama—uvuyo neentsizi, iimpumelelo neziphazamiso—zingasinceda ukuba sikhule njengoko silungiselela ukubuyela kuThixo.

Ufundo lweZibhalo

Ixesha loKukhula neKqubela

Ukuzikhethela

Ukulunga noBubi

Isono

Simele Sicoceke ukuze Sibe noThixo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokelo kwiZibhalo: “Mzimba, Onokufa,” “Bunzima

  • Gospel Topics: “Mortality [Onokufa],” “Adversity [Bunzima]

INtlawulelo kaYesu Krestu

Ngenxa yoKuwa kuka-Adam no-Eva, sonke siphazelwa sisono nokufa. Thina asinokwazi ukoyisa imiphumo yesono nokufa ngokwethu. Kwicebo likaBawo wethu waseZulwini losindiso, Yena wasinika indlela yokoyisa iziphumo zoKuwa ukuze sibuyele kuYe. Phambili kokuba ilizwe lidalwe, Yena wakhetha uYesu Krestu ukuba abenguMsindisi noMkhululi wethu.

NguYesu Krestu kuphela onokusihlangula esonweni nasekufeni. Yena unguNyana kaThixo wokoqobo. Yena waphila ubomi obungenasono, emthobela ngokupheleleyo uBawo waKhe. Yena wayezilungiselele kwaye ezimisele ukwenza intando kaBawo waseZulwini.

INtlawulelo yoMsindisi yayiquka ukubandezeleka kwaKhe eGetsemane, iintlungu nokufa kwaKhe emnqamlezweni, noVuko lwaKhe. Yena wabandezeleka ngokungaphaya kokuqonda—kangangokuba Yena wopha kuzo zonke iintunjana (bona IMfundiso neMinqophiso 19:18).

INtlawulelo kaYesu Krestu sesona siganeko sizukileyo kuyo yonke imbali yoluntu. Ngedini laKhe lentlawulelo, uYesu wenza icebo likaBawo lasebenza. Besingenakuzinceda ngaphandle kweNtlawulelo kaYesu Krestu kuba asinako ukuzisindisa esonweni nasekufeni (bona Alma 22:12–15).

Idini loMsindisi wethu laliyimbonakaliso ephezulu yothando kaBawo waKhe nakuthi. “Ububanzi, nobude, nobunzulu” bothando lukaKrestu lugqwesa ukuqonda kwethu (Kwabse-Efese 3:18; bona kananjalo umqolo 19).

Umfanekiso
The Crucifixion [Ukubethelwa emnqamlezweni], nguHarry Anderson

UYesu Krestu Woyisela Ukufa Abantu Bonke

Ngelixa wayesifa emnqamlezweni, umoya waKhe wohlukana nomzimba waKhe. Ngosuku lwesithathu, umoya waKhe nomzimba waKhe yamanyaniswa, ukuze ingaphinde yahlukaniswe kwakhona. Yena wavela ebantwini abaninzi, ebabonisa ukuba Yena unomzimba wanaphakade ongamoshakaliyo wenyama namathambo. Olu manyano lomzimba nomoya lubizwa ngokuba luVuko.

Njengabafayo, ngamnye kuthi uya kufa. Nangona kunjalo, ngenxa yokuba uYesu wakoyisa ukufa, wonke umntu ozelwe emhlabeni uya kuvuswa. UVuko sisipho esingcwele kubo bonke, esinikwe ngenceba yoMsindisi nobabalo olukhululayo. Umoya nomzimba womntu ngamnye uya kuhlanganiswa, yaye ngamnye wethu uya kuphila ngonaphakade kumzimba ofezekileyo, novusiweyo. Ukuba bekungengoYesu Krestu, ukufa bekuya kuphelisa lonke ithemba lobomi bexesha elizayo noBawo waseZulwini (bona 2 Nifayi 9:8–12).

UYesu Usenzela Ukuba Sihlanjululwe Kwizono Zethu

Ukuze siqonde ithemba esinokulifumana ngoKrestu, kufuneka siwuqonde umthetho wobulungisa. Lo ngumthetho ongaguqukiyo ozisa iziphumo kwizenzo zethu. Ukuthobela uThixo kuzisa imiphumo emihle, yaye ukungathobeli kuba nemiphumo emibi. (Bona Alma 42:14–18.) Xa sisona, singcola ngokwasemoyeni, kwaye akukho nto ingcolileyo inokuphila ebusweni bukaThixo (bona 3 Nifayi 27:19).

Umfanekiso
Jesus Praying in Gethsemane [UYesu Ethandaza eGetsemane], nguHarry Anderson

Ngexesha ledini lentlawulelo likaYesu Krestu, Yena wema endaweni yethu, wabandezeleka, kwaye wahlawula isohlwayo sezono zethu (bona 3 Nifayi 27:16–20). Icebo likaThixo linika uYesu Krestu amandla okusithethelela—ukuma phakathi kwethu nobulungisa (bona Mozaya 15:9). Ngenxa yedini lentlawulelo likaYesu, Yena unokubanga amalungelo aKhe enceba egameni lethu njengokuba sisebenzisa ukholo kwinguquko (bona Moronayi 7:27; IMfundiso neMinqophiso 45:3–5). “Njalo inceba inokuzanelisa iimfuno zobulungisa, kwaye [isi]rhangqe ngeengalo zokhuseleko” (Alma 34:16).

Kuphela kungesipho seNtlawulo yoMsindisi nenguquko yethu apho sinokubuyela sihlale noThixo. Njengoko siguquka, siyaxolelwa size sicoceke ngokomoya. Siyakhululeka kumthwalo wetyala lezono zethu. Imiphefumlo yethu enenxeba iyaphilisiwa. Sizaliswa luvuyo (bona Alma 36:24).

Nangona singafezekanga kwaye sisenokusilela kwakhona, kukho ubabalo oluninzi, uthando, nenceba kuYesu Krestu ngaphezu kokusilela, isiphene, okanye isono kuthi. UThixo usoloko ekulungele kwaye elangazelela ukusiwola njengoko siguqukela kuYe kwaye siguquke (bona Luka 15:11–32). Akukho nto kwaye akukho namnye “[uya] kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKrestu Yesu, iNkosi yethu” (KwabaseRoma 8:39).

UYesu Wazithathela kuYe Iintlungu, Iimbandezelo, noButhathaka Bethu

Kwidini laKhe lentlawulelo, uYesu Krestu wathathela kuYe iintlungu zethu, iimbandezelo, nobuthathaka. Ngenxa yoku, Yena uyayazi “ngokwasenyameni indlela yokunceda abantu bakhe ngokobuthathaka babo” (Alma 7:12; bona kananjalo umqolo 11). Yena uyamema “Yizani kum,” kwaye njengoko sisenza, Yena usinika ukuphumla, ithemba, amandla, imbono, nokuphiliswa (Mateyu 11:28; bona kananjalo imiqolo 29–30).

Njengokuba sixhomekeka kwiNtlawulelo kaYesu Krestu, Yena angasinceda ukuba sinyamezele uvavanyo lwethu, izigulo, neentlungu. Singagcwala luvuyo, uxolo, nokuthuthuzeleka. Konke oko kungafanelakanga ngobomi kungalungiseka ngeNtlawulelo kaYesu Krestu.

Ufundo lweZibhalo

INtlawulelo yoMsindisi

Uvuko

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

Umfanekiso
usapho lufunda izibhalo

ILizwe loMoya

Abantu abaninzi bayazibuza, “Kwenzeka ntoni emva kokuba ndifile?” Icebo losindiso libonelela ngeempendulo ezibalulekileyo kulo mbuzo.

Ukufa yinxalenye “[ye]cebo lenceba” likaThixo ngathi (2 Nifayi 9:6). Kunokuba sisiphelo sobukho bethu, ukufa linyathelo elilandelayo kwinkqubela phambili yethu yanaphakade. Ukuze sifane noThixo, simele sife size kamva sifumane imizimba efezekileyo, nevusiweyo.

Xa umzimba wethu wenyama usifa, umoya wethu uyaqhubeka uphila kwihlabathi lomoya. Le yimeko yethutyana yokufunda nokulungiselela phambi koVuko noMgwebo wokuGqibela. Ulwazi lwethu oluvela kubomi basemhlabeni luhlala nathi.

Kwilizwe lemimoya, abantu abamkela kwaye baphila ivangeli kaYesu Krestu “bamke[lwa] kwimo yovuyo, ebizwa ngokuba yiparadesi” (Alma 40:12). Abantwana abancinane nabo bamkelwa eparadesi xa besifa.

Imimoya eparadesi iya kuba seluxolweni kwiingxaki neentsizi zayo. Baya kuqhubeka bekhula ngokomoya, besenza umsebenzi kaThixo yaye belungiselela kwabanye. Baya kufundisa ivangeli kwabo bangazange bayifumane ngexesha lobomi babo basemhlabeni (bona IMfundiso neMinqophiso 138:32–37, 57–59).

Kwilizwe lomoya, abantu ababengakwazi ukufumana ivangeli emhlabeni, okanye abakhetha ukungalandeli imiyalelo, baya kufumana imida ethile (bona IMfundiso neMinqophiso 138:6–37; Alma 40:6–14). Nangona kunjalo, ngenxa yokuba uThixo enobulungisa kwaye enenceba, baya kuba nethuba lokufundiswa ivangeli kaYesu Krestu. Ukuba bayayamkela kwaye baguquke, baya kukhululwa ezonweni zabo (bona IMfundiso neMinqophiso 138 138:58; bona kananjalo 138:31–35; 128:22). Baya kwamkelwa eluxolweni lweparadesi. UYesu uya kusigweba ngokokholo lwethu, imisebenzi, nenguquko kubomi basemhlabeni nakwihlabathi lomoya.

Sihlala elizweni lomoya kude kube siyavuswa.

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

UVuko, uSindiso, nokuPhakanyiswa

Uvuko

Icebo likaThixo lenza ukuba sikwazi ukukhula kwaye sifumane ubomi obungunaphakade. Emva kwexesha lethu kwilizwe lomoya, uVuko linyathelo lethu elilandelayo kulo khulo.

UVuko kukumanyana kwakhona komoya nomzimba wethu. Ngamnye wethu uya kuvuswa. Oku kwenziwa ukuba kwenzeke ngeNtlawulelo yoMsindisi noVuko. (Bona Alma 7:11–13.)

Xa sivuswa, ngamnye wethu uya kuba nomzimba wenyama ofezekileyo, ongenazintlungu nokugula. Siya kuba singafi, siphila ngonaphakade.

Usindiso

Ngenxa yokuba sonke siya kuvuswa, sonke siya kusindiswa—okanye sizuze usindiso—ekufeni ngokwenyama. Esi sipho sinikelwa kuthi ngalo ubabalo lukaYesu Krestu.

Thina kananjalo sinokusindiswa—okanye sizuze usindiso—kwimiphumo efunwa ngumthetho wobulungisa kwizono zethu. Esi sipho kananjalo senziwa ukuba senzeke ngeemfanelo nangenceba kaYesu Krestu njengokuba siguquka. (Bona Alma 42:13–15, 21–25.)

UkuPhakanyiswa

Ukuphakanyiswa, okanye ubomi banaphakade, yeyona meko iphakamileyo yolonwabo nozuko kubukumkani beselestiyali. Ukuphakanyiswa sisipho esinemiqathango. UMongameli Russell M. Nelson wafundisa, “Ezo meko zifanelekileyo zibandakanya ukholo eNkosini, inguquko, ubhaptizo, ukwamkela uMoya oyiNgcwele, nokuhlala uthembekile kwimimiselo neminqophiso yetempile” (“Salvation and Exaltation,” Liahona, Canzibe 2008, 9)

Ukuphakanyiswa kuthetha ukuhlala noThixo ngonaphakade kwiintsapho zanaphakade. Kukwazi uThixo noYesu Krestu, ukufana naBo, nokuva ubomi Bona ababunandiphayo.

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

  • IsiKhokhelo kwiZibhalo, “Vuko

  • Gospel Topics: “Resurrection [Vuko],” “Salvation [Sindiso]

Umfanekiso
imitha yelanga ibengezela emafini

Umgwebo neziKumkani zoZuko

Qaphela: Xa uqala ukufundisa ngezikumkani zozuko, fundisa kwinqanaba elisisiseko ngokweemfuno zomntu nokuqonda.

Xa sivusiwe, uYesu Krestu uya kuba ngumgwebi wethu olungileyo nonenceba. Ngaphandle kwezinto ezimbalwa kakhulu, ngamnye wethu uya kufumana indawo ebukumkanini bozuko. Nangona siya kuvuswa sonke, asiyi kufumana uzuko olufanayo lwanaphakade (bona IMfundiso neMinqophiso 88:22–24, 29–34; 130:20–21; 132:5).

Abantu abangazange babenalo ithuba lokuqonda ngokupheleleyo nokuthobela imithetho kaThixo ngexesha lobomi babo basemhlabeni baya kunikwa elo thuba kwihlabathi lomoya. UYesu uya kugweba umntu ngamnye ngokokholo lwakhe, imisebenzi, iminqweno, nenguquko kubomi basemhlabeni nakwilizwe lomoya (bona IMfundiso neMinqophiso 138:32–34, 57–59).

Izibhalo zifundisa ngezikumkani zeselestiyali, netherestiyali, nezikumkani zethelestiyali zozuko. Nganye kuzo iyimbonakaliso yothando lukaThixo, ubulungisa, nenceba.

Abo basebenzisa ukholo kuKrestu, baguquke ezonweni zabo, bamkele imimiselo yevangeli, bagcine iminqophiso yabo, bamkele uMoya oyiNgcwele, kwaye banyamezele kude kube sekupheleni bayakusindiswa kubukumkani beselestiyali. Obu bukumkani ngokunjalo buya kuquka abantu abangazange babe nalo ithuba lokufumana ivangeli ngexesha lobomi babo basemhlabeni kodwa “ababebengeyamkele ngeentliziyo zabo zonke” kwaye benza njalo kwilizwe lomoya (IMfundiso neMinqophiso 137:8; bona umqolo 7). Abantwana abafa phambi kweminyaka yokuziphendulela (iminyaka esibhozo ubudala) nabo kananjalo bayakusindiswa kubukumkani beselestiyali (bona IMfundiso neMinqophiso 137:10).

Kwizibhalo, ubukumkani beselestiyali buthelekiswa nobuqaqawuli okanye ukuqaqamba kwelanga. (bona IMfundiso neMinqophiso 76: 50–70.)

Abantu abaphila ubomi obubekekileyo “abangazange babamkela ubungqina bukaYesu enyameni, kodwa emva koko babamkela” baya kufumana indawo kubukumkani betherestiyali (IMfundiso neMinqophiso 76:74). Okufanayo kuyinyani kwabo bangazange bakhaliphe kubungqina babo ngoYesu. Obu bukumkani bufaniswa nobuqaqawuli benyanga. (Bona Iimfundiso neMinqophiso 76:71–80.)

Abo baqhubeka ezonweni zabo kwaye bangazange baguquke kobu bomi okanye bamkele ivangeli kaYesu Krestu kwihlabathi lomoya baya kufumana umvuzo wabo kubukumkani bethelestiyali. Obu kumkani buthelekiswa nozuko beenkwenkwezi. (Bona Iimfundiso neMinqophiso 76:81–86.)

Ufundo lweZibhalo

Funda Ngakumbi ngalo Mgaqo

OluFutshane ukuya koluPhakathi Ulwandlalo lweSifundo

Ulwandlalo olulandelayo yisampuli yoko unokufundisa umntu ukuba unesixa sexesha elifutshane. Xa usebenzisa olu lwandlalo, khetha umgaqo omnye okanye ngaphezulu wokufundisa. Isiseko semfundiso yomgaqo ngamnye sibonelelwe kwangaphambili kwisifundo.

Njengoko ufundisa, buza imibuzo kwaye umamele. Dlulisa izimemo eziya kunceda abantu bafunde indlela yokusondela kufuphi kuThixo. Esinye isimemo esibalulekileyo sesokuba umntu adibane nani kwakhona. Ubude besifundo buya kuxhomekeka kwimibuzo oyibuzayo nokumamela wena okwenzayo.

Oko Unokufundisa Abantu ngeMizuzu emi 3-10

  • Sonke singabantwana bakaThixo bomoya. Singamalungu osapho lwaKhe. Yena uyasazi yaye usithanda ngamnye wethu.

  • UThixo ubonelele icebo lolonwabo lwethu nenkqubela phambili kobu bomi nakwiphakade.

  • Kwicebo likaThixo, sasidinga ukuza emhlabeni ukuze samkele imizimba yenyama, sifunde, kwaye sikhule.

  • UYesu Krestu usembindini kwicebo likaThixo. Yena wenza ukuba sikwazi ukufumana ubomi obungunaphakade.

  • Phantsi kolwalathiso lukaThixo, uYesu Krestu wadala umhlaba.

  • Amava ethu emhlabeni enzelwe ukusinceda silungiselele ukubuyela kubukho bukaThixo.

  • Ngamnye kuthi uyona, yaye ngamnye kuthi uya kufa. Ngenxa yokuba uThixo esithanda, Yena wathumela uNyana waKhe, uYesu Krestu, emhlabeni ukuze asikhulule esonweni nasekufeni.

  • Konke oko kungafanelakanga ebomini kungalungiseka ngeNtlawulelo kaYesu Krestu.

  • Xa umzimba wethu wenyama usifa, umoya wethu uyaqhubeka uphila kwihlabathi lomoya. Ekugqibeleni siya kuvuswa sonke. Oku kuthetha ukuba umoya womntu ngamnye nomzimba ziyakuhlanganiswa kwakhona, kwaye ngamnye kuthi uyakuphila naphakade kumzimba ovuke ekufeni nogqibeleleyo.

  • Xa sivusiwe ekufeni, uYesu Krestu uya kuba ngumgwebi wethu. Ngaphandle kwezinto ezimbalwa kakhulu, bonke abantwana bakaThixo baya kufumana indawo ebukumkanini bozuko. Singabuya siye kuhlala kubukho bukaThixo ukuba sithembekile.

Shicilela