2010–2019
Ningakhathazeki
EyeDwarha 2018


Ningakhathazeki

Yibani nesibindi bazalwane noodade. Ewe, siphila kumaxesha omngcipheko, kodwa njengoko sihlala emgaqweni womnqophiso, akukho sidingo sokuba soyike.

Ndongeza ngobam ubungqina kwimiyalezo kaMongameli uRussell M. Nelson noMdala uQuentin L. Cook esandʼ ukunikezelwa kungekudala yemvisiswano kunye nemanyano yeBhunga loBongameli BokuQala kunye neQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini. Ndiyazi ukuba ezi zibhengezo zotyhilelo ziyingqondo kunye nentando yeNkosi kwaye ziya kusikelela zize zomeleze umntu ngamnye, iintsapho kunye neBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela kwizizukulwana ngezizukulwana ezizayo.

Kwiminyaka ethile edlulileyo, enye yeentombi zethu eziselula etshatileyo kunye nomyeni wayo babuza kuDade uRasband kunye nam umbuzo obaluleke kakhulu nophembelela ubomi: “Ingaba kusakhuselekile kwaye kububulumko ukuzisa abantwana kweli hlabathi siphila kulo likhangeleka lingalunganga kwaye loyikisayo?”

Ngoku, lowo yayingumbuzo obalulekileyo kumama notata ekwakumele uthathelwe ingqalelo kunye nabantwana babo abathandekayo abatshatileyo. Sasiluva uloyiko emazwini abo kwaye sasiluva nasezintliziyweni zabo. Impendulo yethu kubo yayingozinzileyo u-”Ewe, kulungile kakhulu,” njengoko sasisabelana ngeemfundiso zevangeli ezisiseko kwakunye nangeemvakalelo zethu ezisezintliziyweni kunye nangamava esinawo ebomini.

Uloyiko alukho lutsha. Abafundi bakaYesu Krestu, bekuLwandle lwaseGalili, boyika “imimoya, kunye namaza” ebumnyameni bobusuku.1 Njengabafundi baKhe banamhlanje, nathi sinoloyiko. Abantu bethu abadala abangatshatanga boyika ukwenza iimbophelelo ezifana nokutshata. Abatshatileyo abasebatsha, njengabantwana bethu, basenokoyika ukuzisa abantwana kweli hlabathi liya lisanda ebubini. Abafundisi bevangeli boyika izinto ezininzi, ingakumbi ukusondela kubantu abangabaziyo. Abahlolokazi boyika ukuqhubela phambili bebodwa. Ulutsha loyika ukungamkelwa; abafundi bamanqanaba boyika usuku lwabo lokuqala esikolweni; abafundi basedyunivesithi boyika ukubuya kweziphumo zeemviwo. Soyika ukwahluleka, ukwaliwa, ukuphoxakala kunye noko kungaziwayo. Soyika iinkqwithelo, iinyikima, kunye nemililo egqugqisa umhlaba kunye nobomi bethu. Soyika ukungakhethwa, size kwelinye icala, soyika nokukhethwa. Soyika ukungalungi ngokwaneleyo; soyika ukuba iNkosi ibe kanti ayinazintsikelelo ngakuthi. Soyika inguqu, kwaye uloyiko lwethu lungonyukela phezulu lube lunkwantyo. Ingaba ndiquke phantse wonke umntu?

Ukusukela kumaxesha amandulo, uloyiko luzivalele iimbono zabantwana bakaThixo. Bendisoloko ndilithanda ibali likaElisha kweyooKumkani 2. Ukumkani wama-Aram wathumela umkhosi “baya ebusuku, bawungqinga umzi.”2 Injongo yabo yakukubamba baze babulale umprofeti uElisha. Sifunda oku:

“Wavuka kusasa umlungiseleli womfo wakwaThixo, wesuka waphuma, nantso impi iwujikelezile umzi, inamahashe neenqwelo zokulwa. Wathi umfana lowo kuye, Yoo, nkosi yam, siya kuthini na?”3

Olo yayiluloyiko olwaluthetha.

“Wathi [uElisha], Musa ukoyika; ngokuba baninzi abangakuthi, ngaphezu kwabangakubo.”4

Kodwa akazange apheze apho.

“Wathandaza uElisha, wathi, Yehova, khawuwavule amehlo akhe, abone. UYehova wawavula amehlo omfana lowo, wabona, nantso intaba izele ngamahashe neenqwelo zokulwa zomlilo, zimjikelezile uElisha.”5

Sisenokuthunyelwa okanye singathunyelwa iinqwelo zokulwa zomlilo ukuze zigxothe uloyiko lwethu kwaye zoyise imimoya yethu emdaka, kodwa isifundo sicace gca. INkosi ikunye nathi, iyasicinga kwaye iyasisikelela ngeendlela ezinokwenziwa yiYo kuphela. Umthandazo ungahlisa ulomelelo kunye nesityhilelo esizidingayo ukuze sijolise iingcinga zethu kuYesu Krestu nakwidini laKhe lokuhlawulela. INkosi ibisazi ukuba ngamanye amaxesha siza kuba noloyiko. Oku kukhe kwenzeka kum nakuwe, nto leyo engunobangela wokuba izibhalo zigcwale iingcebiso zeNkosi:

“Yomelelani; kwaye musani ukoyika.”6

“Khangelani kum kuyo yonke ingcinga; ningathandabuzi, ningoyiki.”7

“Ningoyiki, mhlambi omncinane.”8 Ndiyabuthanda ubuncwane “bomhlambi omncinane.” Kweli Bandla sisenokuba mbalwa ngokwenani ngendlela ihlabathi elibala ngayo ifuthe, kodwa xa sivula amehlo ethu wokomoya, “ngokuba baninzi abangakuthi, ngaphezu kwabangakubo.”9 UMalusi wethu onothando, uYesu Krestu, uyaqhubeka ke ngoko athi, “Yekani umhlaba nesihogo zidibane ngokuchasene nani, kuba xa nikhelwe phezu kolwalwa lwam, aziyi kunoyisa.”10

Lugxothwa kanjani uloyiko? Kulo mfana uselula, wayemi kanye ecaleni likaElisha, umprofeti kaThixo. Nathi sineso sithembiso sifanayo. Xa simamela uMongameli Russell M. Nelson, xa simamela iingcebiso zakhe, sima nomprofeti kaThixo. Khumbula amazwi kaJoseph Smith: “Kwaye ngoku, emva kobungqina obuninzi obunikiweyo ngaye, obu bubungqina, bokugqibela babo bonke, esibunikayo ngaye: Bokokuba uyaphila!”11 UYesu Krestu uyaphila. Uthando esinalo ngaYe kunye nangevangeli yaKhe luyalugxotha uloyiko.

Umnqweno wethu “wokusoloko sinawo uMoya wakhe”12 ukunye nathi kuthi uya kutyhalela uloyiko ecaleni ukuze sibe nombono wanaphakade wobomi bethu basemhlabeni. UMongameli Nelson uye walumkisa wathi, “Kwiintsuku ezizayo, asizukwazi ukuphila ngokwasemoyeni ngaphandle kokukhokelwa, nokwalathiswa, nokuthuthuzelwa kwakunye nempembelelo ethe gqolo yoMoya oyiNgcwele.”13

INkosi yathi, malunga nezibetho eziya kuthi zigubungele umhlaba kwaye ziqinise iintliziyo zabaninzi, “Abafundi bam baya kuma kwiindawo ezingcwele, kwaye abayi kushukunyiswa.”14

Kuze le ngcebiso ingcwele: “Ningakhathazeki, kuba, zonke ezi zinto ziya kwenzeka, niya kuba nokwazi ukuba izithembiso ezazenziwe kuni ziya kuzalisekiswa.”15

Yimani kwiindawo ezingcwele—ningakhathazeki—kwaye izithembiso ziya kuzalisekiswa. Masijongeni kwenye nenye yezi ngokunxulumene noloyiko lwethu.

Okokuqala, yimani kwiindawo ezingcwele. Xa simi kwiindawo ezingcwele—amakhaya ethu alungileyo, amagumbi ethu amiselwe ukunqula, iitempile zethu ezingcwalisiweyo—siyawuva uMoya weNkosi ukunye nathi. Sifumana iimpendulo kwimibuzo esikhathazayo okanye uxolo ukuze sizibekele bucala ngokulula. Lowo nguMoya okwintshukumo. Ezi ndawo zingcwele ebukumkanini bukaThixo emhlabeni zifuna intlonelo yethu, ukuhlonipha kwethu abanye, obona bume bethu obubalaseleyo ekuphileni ivangeli, kunye namathemba ethu okubekela bucala uloyiko lwethu kunye nokufuna amandla aphilisayi kaYesu Krestu ngeNtlawulelo yaKhe.

Akukho ndawo yoloyiko kwezi ndawo zingcwele zikaThixo okanye ezintliziyweni zabantwana baKhe. Kutheni? Ngenxa yothando. UThixo uyasithanda—rhoqo—nathi siyamthanda Yena. Uthando lwethu lukaThixo luchasana nalo lonke uloyiko, kwaye uthando lwaKhe luba luninzi kwiindawo ezingcwele. Cinga ngalo. Xa sithandabuza ekuzinikeleni kwethu eNkosini, xa siphambuka endleleni yaKhe ekhokelela kubomi obungunaphakade, xa sibuza okanye sithandabuza ukubaluleka kwethu kuyilo lwaKhe lobuthixo, xa sivumela uloyiko ukuba luvulele onke amaqabane alo—ukutyhafa, umsindo, ukukruquka, ukudaniswa—uMoya uyasishiya, kwaye siye siphile ngaphandle kweNkosi. Ukuba uyakwazi oko kufana nani, uyazi ukuba akuyondawo elungileyo. Ngokuchasene noko, xa simi kwiindawo ezingcwele, singaluva uthando lukaThixo, kwaye “uthando olugqibeleleyo lukhuphela ngaphandle lonke uloyiko.”16

Isithembiso esilandelayo sesokuba, “Ningakhathazeki.”17 Nokuba bungakanani ubungendawo neziphithiphithi ezizalise umhlaba, siyathenjiswa ngokuthembeka kwethu kuYesu Krestu imihla ngemihla, “uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda.”18 Kwaye xa uKrestu esiza ngamandla onke nangobuqaqawuli, ububi, uvukelo kunye nokungabikho kobulungisa ziya kuphela.

Kudala-dala uMpostile uPawulose wenza isiprofeto sala maxesha siphila kuwo, wathi kwigatyana elinguTimoti:

“Ke, kwazi oku, ukuba ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha anomngcipheko.

“Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abaqhankqalazi, abakratshi, abanyelisi, abangeva bazali, abangabuleliyo, abangengcwele, …

“… abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo.”19

Khumbula, “ngokuba baninzi abangakuthi” macala omabini okhuselo, abo bathanda iNkosi ngentliziyo yabo yonke, ngamandla, ngengqondo nangokomelela, “ngaphezu kwabangakubo.”20 Ukuba siyakhuthala siyithemba iNkosi neendlela zaYo, ukuba siyazibandakanya emsebenzini waYo, asisayi kuzoyika izinto ezenzekayo emhlabeni okanye asisayi kukhathazwa zizo. Ndiyakubongoza ukuba ubekele bucala iimpembelelo zehlabathi kunye noxinzelelo kwaye uze ufune ubungcwele ebomini bakho bamihla le. Thanda oko kuthandwa yiNkosi—okuquka imithetho yaYo, izindlu zaYo ezingcwele, iminqophiso yethu engcwele kunye naYo, umthendeleko rhoqo ngomhla weSabatha, unxibelelwano lwethu ngomthandazo—kwaye awusayi kukhathazeka.

Inqaku lokugqibela: themba iNkosi kunye nezithembiso zaYo. Ndiyayazi ukuba zonke izithembiso zaYo ziya kuzalisekiswa. Ndiyazi ngokuzinzileyo njengoko ndimile apha phambi kwenu kule ntlangano ingcwalisekileyo.

INkosi isityhilele: “Kuba abo balumkileyo baza yamkela inyaniso, baza bamkele uMoya oyiNgcwele ukuze ubesisikhokelo sabo, baza abakhohliswa—inene ndithi kuni, abayi kugawulelwa phantsi, baze baphoselwe emlilweni, kodwa baya kuwunyamezela umhla.”21

Yiyo loo nto kumelwe singakhathazwa ziziphithiphithi zanamhlanje, ngabo bakwisakhiwo esikhulu nesiphangaleleyo, ngabo banyelisa iinzame ezinyanisekileyo kunye nenkonzo enikelwa kwiNkosi uYesu Krestu. Isimo sethemba, isibindi, nkqu nothando lokwenene zivela kwintliziyo engasindekiyo ziinkathazo kunye neziphithiphithi. UMongameli Nelson, “onesimo sethemba ngekamva”, uye wasikhumbuza wathi, “Ukuba kumele sibenethemba lokuhluza phakathi kwentlaninge yamazwi esiwavayo kunye neengcinga zabantu abahlasela inyaniso, kufuneka sifunde ukufumana isityhilelo.”22

Ukuze sifumane isityhilelo sobuqu, kumele sibeke ukubaluleka ekuphileni ivangeli kwakunye nokukhuthaza ukuthembeka kunye nobumoya kwabanye kwakunye nakuthi.

USpencer W. Kimball wayengomnye wabaprofeti ngexesha lobutsha bam. Kule minyaka imbalwa idlulileyo, emva kokuba ndibizwe njengoMpostile, ndiye ndafumana uxolo kumyalezo wakhe wokuqala kwinkomfa yajikelele kweyeDwarha 1943. Wayonganyelwe lubizo lwakhe; ndiyayazi indlela oko kuvakala ngayo. UMdala uKimball wathi: “Ndiye ndacinga kakhulu ndaza ndathandaza, ndaza ndazila ukutya ndaza ndathandaza. Kuye kwavela iingcinga ezingquzulanayo engqondweni yam—amazwi avakala esithi: ‘Awunakukwazi ukuwenza umsebenzi. Awufanelanga. Awunaso isakhono’—kwaye rhoqo ekugqibeleni kwafika ingcinga enoloyiso: ‘Kufuneka wenze umsebenzi owusikelweyo—kufuneka uzenze ukuba ukwazi, ufanele kwaye ulungele.’ Laye laqhubeka elo dabi.”23

Buyandikhuthaza obu bungqina bentliziyo enyulu yalo Mpostile nowabanguMongameli we-12 weli Bandla limandla. Waphawula okokuba kwakufuneka alushiye ngasemva uloyiko lwakhe “ukwenza umsebenzi awusikelweyo” kwaye kwakufanele ukuba athembele eNkosini ngala mandla okuzenza “akwazi, afanele kwaye alungele.” Sinakho nathi. Amadabi aya kuqhubeka, kodwa siya kugxalathelana nawo sinoMoya weNkosi. Asiyi “kukhathazeka” kuba xa sime neNkosi kwaye simele imigaqo yaYo kunye necebo laYo lanaphakade, sime phezu komhlaba ongcwele.

Ngoku, kwenzakala ntoni kula ntombi nala mkhwenyana babebuze la mbuzo uvela entliziyweni kwaye ukhangelayo, nosekelwe kuloyiko kwiminyaka edlulileyo? Bayithathela ingqalelo kanobom incoko yethu ngoba busuku; baye bathandaza kwaye bazila ukutya kwaye bafikelela kwezabo izigqibo. Ngovuyo nangoyolo kubo nakuthi, boomakhulu nootatomkhulu, baye bababalwa ngabantwana abahle abasixhenxe njengoko beqhubeka ngokholo nangothando.

Umfanekiso
Isixhenxe sabazukulwana bakaMdala kunye noDade uRasband

Yibani nesibindi, bazalwane noodade. Ewe, siphila kumaxesha omngcipheko, kodwa njengoko sihlala emgaqweni womnqophiso, akukho sidingo sokuba soyike. Ndiyanisikelela okokuba njengoko nisenza njalo, ningasayi kukhathazwa ngamaxesha esiphila kuwo okanye ziinkathazo eziza ngakuni. Ndiyanisikelela ukuba nikhethe ukuma kwiindawo ezingcwele kwaye ningashukunyiswa. Ndiyanisikelela ukuba nikholelwe kwizithembiso zikaYesu Krestu, ukuba Yena uyaphila kwaye Yena usijongile, usikhathalele kwaye ume ngakuthi. Egameni leNkosi yethu noMsindisi, uYesu Krestu, amen.

Shicilela