2010–2019
Ukuba Yimizekelo yabaNgcwele beMihla yokuGqibela
EyeDwarha 2018


Ukuba Yimizekelo yabaNgcwele beMihla yokuGqibela

Ndishiya uthando lwam kunye nentsikelelo phezu kwenu, ukuze nibe nokuzondla ngelizwi leNkosi kwaye nisebenzise iimfundiso zaYo ebomini benu.

Le ibiyinkomfa ekhuthazayo neyimbali. Sijonge kwikamva ngolangazelelo. Sikhuthazwe ukuba senze ngcono kwaye ukuba sibe ngcono. Imiyalezo emangalisayo ethululwe kweli qonga ngabasemaGunyeni Jikelele kunye nangamaGosa aJikelele ethu kunye nomculo ibikhuthaza! Ndiyanibongoza ukuba nifunde le miyalezo, ukuqala kule veki.1 Ivakalisa ingqondo nentando yeNkosi kubantu baYo, namhlanje.

Ucwangciso lwezemfundo olumanyeneyo olutsha olugxile kwikhaya, oluxhaswa liBandla lunamandla okubonisa amandla eentsapho, njengoko usapho ngalunye lulandela ngenkathalelo kunye nangononophelo ukuguqula ikhaya labo libe yindawo yokhuseleko yokugcina ukholo. Ndiyathembisa njengoko nisebenza ngenyameko ukwenza ikhaya lenu libe liziko lokufundela ivangeli, emva kwexesha, iintsuku zenu zeSabatha ziya kuba luyolo ngokwenene. Abantwana benu baya konwabela ukufunda nokuphila iimfundiso zoMsindisi, kwaye nempembelelo yotshaba ebomini benu nakwikhaya lenu iya kuncipha. Utshintsho kusapho lwenu luza kuba lukhulu kwaye lomeleze.

Ngelixesha lale nkomfa someleze isigqibo sethu sokwenza inzame ebalulekileyo yokuhlonipha iNkosi uYesu Krestu ngalo lonke ixesha sibhekisa kwiBandla laKhe. Ndiyanithembisa ukuba ingqwalaselo yethu ngenkuthalo yokusebenzisa igama elichanekileyo leBandla loMsindisi kunye namalungu alo iya kukhokelela ekwandeni kokholo nasekufikeleleni kumandla amakhulu okomoya kumalungu eBandla laKhe.

Ngoku masibuyele kumxholo weetempile. Siyazi ukuba ixesha lethu etempileni libalulekile kusindiso lwethu nokuphakanyiswa kwethu nakoko kweentsapho zethu.

Emva kokuba sifumana eyethu imimiselo yasetempileni kwaye senza iminqophiso engcwele noThixo, omnye nomnye wethu ufuna ukomelezwa ngokomoya okuqhubekayo kunye nokufundiswa okunokwenzeka kuphela endlwini yeNkosi. Kwaye izinyanya zethu zifuna ukuba sisebenze njengabameli bazo.

Qwalasela inceba enkulu nokulunga kukaThixo, owathi, ngaphambili kokusekwa kwehlabathi, wanika indlela yokunika iintsikelelo zetempile kwabo baswelekayo bengenalo ulwazi ngeendaba ezilungileyo. Ezi zithethe zingcwele zetempile zezamandulo. Kum le nto yakudala iyachulumancisa kwaye ibobunye ubungqina bokunyaniseka kwazo.2

Bazalwane noodade bam abathandekayo, uhlaselo lotshaba luyakhula kakhulu ngokucacileyo, ngobunzulu kunye nangeentlobo ngeentlobo ezahlukeneyo.3 Imfuno yethu yokuba setempileni rhoqo ayizange ibenkulu ngakumbi. Ndiyanibongoza ukuba nijonge ngomthandazo ukuba nilisebenzisa njani ixesha lenu. Nikela ixesha kwikamva lakho nakolo losapho lwakho. Ukuba unokufikelela okufanelekileyo kwitempile, ndiyakubongoza ufumane indlela yokwenza idinga rhoqo kunye neNkosi—lokubasendlwini yaYo engcwele—uze ugcine elo dinga ngokuthe ngqo nangovuyo. Ndiyakuthembisa ukuba iNkosi iza kuzisa imimangaliso Yona eyaziyo ukuba uyayidinga xa usenza amadini ukuze ukhonze kwaye unqule kwiitempile zaYo.

Okwangoku sineetempile ezibingelelweyo ezili-159. Inkathalo efanelekileyo kunye nokugcinwa kwezo tempile kubaluleke kakhulu kuthi. Ngokuhamba kwexesha, iitempile ngokuqinisekileyo zifuna ukuhlaziywa kunye nokuvuselelwa. Kude kube ngoku, ziyenziwa ngoku izicwangciso zokuphucula kunye nokuhlaziya iTempile yaseSalt Lake kunye nezinye iitempile zesizukulwana-soovulindlela. Iinkcukacha ngezi projekthi kuya kwabelwana ngazo njengoko ziphuhliswa.

Namhlanje siyavuya ukwazisa ngezicwangciso zokwakha iitempile ezili-12. Ezo tempile ziya kwakhiwa kwezi ndawo zilandelayo: Mendoza, Argentina; Salvador, Brazil; Yuba City, California; Phnom Penh, Cambodia; Praia, Cape Verde; Yigo, Guam; Puebla, Mexico; Auckland, New Zealand; Lagos, Nigeria; Davao, Philippines; San Juan, Puerto Rico; kunye naseWashington County, Utah.

Ukwakha kunye nokugcina iitempile akunakubutshintsha ubomi bakho, kodwa ukuchitha ixesha lakho etempileni ngokuqinisekileyo kuya kwenza njalo. Kwabo kudala bengabikho etempileni, ndiyanikhuthaza ukuba nizilungiselele kwaye nibuye ngokukhawuleza. Emva koko ndiyanimema ukuba ninqule etempileni kwaye nithandazele ukuva ngokunzulu uthando olungapheliyo loMsindisi ngani, ukuze elowo kuni afumane ubungqina bakhe bokuba Yena uyawukhokela lo msebenzi ongcwele kwaye nongapheliyo.4

Bazalwane noodade, ndiyabulela ngokholo lwenu kunye neenzame zenu ezixhasayo. Ndishiya uthando lwam kunye nentsikelelo phezu kwenu, ukuze nibe nokuzondla ngelizwi leNkosi kwaye nisebenzise iimfundiso zaYo ebomini benu. Ndiyaniqinisekisa ukuba isityhilelo siyaqhubeka eBandleni kwaye siya kuqhubeka de kube “ziyafezekiswa iinjongo zikaThixo, kwaye uYehova oMkhulu uya kuthi umsebenzi ugqityiwe.”5

Ndiyanisikelela ngokholo olwandisiweyo kuYe nasemsebenzini waKhe ongcwele, ngokholo kunye nangomonde wokunyamezela imicelimngeni yenu yobuqu ebomini. Ndiyanisikelela ukuba nibe yimizekelo yabaNgcwele beMihla yokuGqibela. Ndinisikelela njalo, kwaye ndinika ngobungqina bam bokuba uThixo uyaphila! UYesu unguKrestu! Eli liBandla laKhe. Singabantu baKhe, egameni likaYesu Krestu, amen.

Izikhumbuzo

  1. Bona imiyalezo yenkomfa yajikelele kwi-intanethi ku-LDS.org nakwi-app yeThala Leencwadi yeVangeli. Ziya kupapashwa kwi–Ensign nakwiLiyahona. Iimagazini zeBandla, kubandakanya iNew Era kunye no–UMhlobo ezithunyelwa ngeposi okanye ezikhutshelweyo kwi-intanethi, ziyinxalenye ebalulekileyo yocwangciso lwezemfundo yakho egxile kwivangeli ekhayeni.

  2. Bona, umzekelo, Eksodus 28; 29; Levitikus 8.

  3. Bona Mozaya 4:29.

  4. Bona uWilford Woodruff, “The Law of Adoption,” intetho eyanikezelwa kwinkomfa yajikelele yeBandla, Tshazimpunzi. 8, 1894. UMongameli Woodruff wathi: “Asigqibanga [nge]sityhilelo. Asigqibanga [ngo]msebenzi kaThixo. Akuyi kubakho siphelo kulo msebenzi de ube uya fezekiswa” (Deseret Evening News, Tshazimpunzi 14, 1894, 9).

  5. Teachings of Presidents of the Church: Joseph Smith (2007), 142.

Shicilela