2010–2019
Ukuba nguMalusi
EyeDwarha 2018


Ukuba nguMalusi

Ndiyathemba abo ubalungiselelayo baya kukubona njengomhlobo kwaye baqonde ukuba, banentshatsheli kunye nothembekileyo.

Kangangonyaka ogqithileyo, bendiye ndadibana nomntwana weSikolo Sabantwana Abancinane eChile owaye wazisa uncumo ebusweni bam. “Molo,” yena watsho, “NdinguDavid. Ingaba uya kuthetha ngam na kwinkomfa yajikelele?”

Emaxesheni okuzola, ndiye ndacinga nzulu ngokubuliswa nguDavid okwakungalindelekanga. Sonke siyafuna ukuqatshelwa. Sifuna ukubaluleka, nokukhunjulwa, kwakunye nokuziva sithandwa.

Boodade nabazalwane, omnye nomnye wenu ubalulekile. Nokuba akuthethwa ngawe kwinkomfa yajikelele, uMsindisi uyakwazi kwaye uyakuthanda. Ukuba uyazibuza ingaba kuyinyaniso oko, udinga nje ukuba ucingisise ngokokuba Yena “ukukrolile [wena] phezu kwentende yezandla [zaKhe].”1

Ekwazini ukuba uMsindisi uyasithanda, sisenokuzibuza ngoko, ingaba singalubonisa ngokugqwesileyo njani uthando lwethu kuYe?

UMsindisi waye wabuza uPetros, “Uyandithanda na … ?”

UPetros waphendula, “Ewe, Nkosi; uyazi wena ukuba ndiyakuthanda. Yena wathi kuye, Dlisa amatakane am.”

Xa wayebuzwa lo mbuzo isihlandlo sesibini kunye nesesithathu, “Uyandithanda na?” UPetros waba buhlungu kodwa waye waqinisekisa uthando lwakhe: “Nkosi, uyazazi izinto zonke; uyaqonda wena ukuba ndiyakuthanda. Athi uYesu kuye, Dlisa izimvu zam.2

Ingaba uPetros wayengekazibonakalisi ukuba wayengumlandeli onothando kaKrestu? Ukusukela ekudibaneni kwabo kokuqala enxwemeni lolwandle, yena “kwangoko” washiya iminatha yakhe, walandela uMsindisi.3 UPetros waye waba ngumbambisi wokwenene wabantu. Waye wakhapha uMsindisi ngexesha lolungiselelo lwaKhe kwaye wancedisa ekufundiseni abanye ivangeli kaYesu Krestu.

Kodwa ngoku iNkosi eyayivukile kwabafileyo yayisazi okokuba Yona yayingasayi kuba secaleni kukaPetros, imbonise ukuba makancede kanjani kwakunye nokokuba makancede nini na. Ekungabikhweni koMsindisi, uPetros wayeya kudinga ukufuna isikhokelo esivela eMoyeni, nokuzifumanela isityhilelo ngokokwakhe, kwaye nokuba nenkalipho kunye nokholo lokwenza intshukumo. Eqwalasele kwizimvu zaKhe, uMsindisi wayenqwenela uPetros ukuba enze oko Yena wayeya kukwenza ukuba Yena wayekhona apho. Yena wacela uPetros ukuba abe ngumalusi.

KuTshazimpunzi ogqithileyo, uMongameli Russell Nelson ebeye wasinika isimemo esifana neso sokokuba sondle izimvu zikaBawo wethu ngendlela engcwele kwaye nokokuba sikwenze oko ngokulungiselela.4

Ukwamkela esi simemo ngempumelelo, kufuneka siphuhlise intliziyo yomalusi kwaye siqonde iimfuno zezimvu zeNkosi. Ngoko ke ingaba siye sibe ngabelusi iNkosi efuna sibe ngabo njani?

Njengayo yonke imibuzo, singakhangela kuMsindisi wethu, uYesu Krestu—uMalusi Olungileyo. Izimvu zeNkosi zazisaziwa kwaye zibaliwe, zigadiwe, kwaye zazihlanganiselwe emhlambini kaThixo.

Ukwaziwa Nokubalwa

Njengoko sizama ukulandela umzekelo woMsindisi, ekuqaleni kufuneka sizazi kwaye sizibale izimvu zaKhe. Sithe sanikwa abantu abathile kunye neentsapho ezithile ukuba sizondle ukuze siqiniseke ukuba wonke umhlambi weNkosi uyaphendulelwa kwaye akukho namnye olityalwayo. Ukubala, ngokunjalo, akukho malunga namanani ncam; kumalunga nokuqinisekisa ukuba umntu ngamnye uyaluva uthando loMsindisi ngalowo omncedela Yena. Ngalo ndlela, bonke bangaqonda ukuba bayaziwa nguBawo OseZulwini onothando.

Umfanekiso
UMsindisi nemvana

Kutshanje ndiye ndadibana nentombazana encinane eyayisikelwe ukuba ilungiselele udade oneminyaka ephindaphindeke amaxesha amahlanu ngobudala. Bekunye, baye bafumanisa ukuba bobabini banothando olufanayo lomculo. Xa le ntombazana incinane indwendwela, baye bacule amaculo kunye, kwaye babelane ngokutya kwabo abakuthandayo. Bona bokha ubuhlobo obusikelela ubomi babo bobabini.

Ndiyathemba abo ubalungiselelayo baya kukubona njengomhlobo kwaye baqonde ukuba, banentshatsheli kunye nothembekileyo—umntu ozaziyo iimeko zabo kwaye nobaxhasayo emathembeni abo nakwiminqweno yabo.

Kutshanje ndiye ndafumana ulwabelo lokulungiselela udade owayengaziwa kakuhle liqabane lam kwakunye nam. Njengoko ndandicebisana noJess, iqabane lam lokulungiselela elineminyaka eli–16, waye wacebisa ngobulumko, “Sidinga ukuba simazi.”

Umfanekiso
UDade uCordon neqabane lakhe lokulungiselela

Ngokukhawuleza saye sagqiba kwelokuba ifoto yethu kunye nomyalezo wokuzazisa zazicwangcisiwe. Ndaye ndabamba ifowuni, kwaye uJess wacofa iqhosha lokuthatha ifoto. Ithuba lethu lokuqala lokulungiselela laliyinzame yobuqabane.

Kutyelelo lwethu lokuqala, saye sabuza udade wethu ukuba kwakukhona nantoni na esasinokuyibandakanyela yena emithandazweni yethu. Waye wabelana ngomceli mngeni wobuqu owawunovakalelo kwaye wathi wayeya kuyonwabela imithandazo yethu. Ukunyaniseka kwakhe kunye nokuzithemba kwakhe kwaye kwazisa iqhina lothando lwesaquphe. Kwaye kwaba luchulumanco olumnandi ukumkhumbula emithandazweni yam yemihla ngemihla.

Njengoko uthandaza, uya kuluva uthando lukaYesu Krestu kwabo ubalungiselelayo. Yabelana nabo ngolo thando. Yeyiphi eyona ndlela engcono ekhoyo yokondla izimvu zaKhe kunokuzinceda zive uthando lwaKhe—ngawe?

Ukugadwa

Indlela yesibini yokuphuhlisa intliziyo yomalusi kukugada izimvu zaKhe. Njengamalungu eBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, singahambisa, singalungisa, kwaye singokha malunga nantoni na. Siyakhawuleza ukuhlangabezana nemfuno ngesandla esincedayo okanye nesitya samaqebengwane. Kodwa ingaba kukhona okungakumbi?

Ingaba izimvu zethu ziyazi ukuba sizigadile ngothando kwaye siya kuthatha intshukumo ukunceda?

Ku Mateyu 25 sifunda oku:

“Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina … :

“Kuba ndalamba, nandipha ukudla: ndanxanwa, nandiseza: ndandingowasemzini, nandingenisa endlwini: …

“Oza amphendule ke amalungisa, esithi, Nkosi sakubona nini na ulambile, sakonga? unxaniwe, sakuseza?

Sakubona nini na ke ungowasemzini, sakungenisa endlwini?”5

Bazalwane noodade, igama elibalulekileyo apha ngu– sakubona. Amalungisa abona abo basweleyo ngenxa yokuba babegadile kwaye beqaphele. Nathi singaba liliso elijongisisileyo ekuncedeni nasekuthuthuzeleni, ekubhiyozeni kwakunye nasekuphupheni. Njengoko sisenza intshukumo, singaqinisekiswa ngesithembiso esikuMateyu: “Ekubeni nenjenjalo nakumnye waba bazalwane bam bangabona bancinane … , nenjenjalo nakum.”6

Umfanekiso
UMsindisi ekhathalela imvu

Umhlobo—siya kumbiza ngokuba nguJohn—waye wabelana noko kungenzeka xa sibona imfuno yomnye ibonakala ngathi incinane: “Unomdade kwisebe lam waye walinga ukuzibulala. Emva kweenyanga ezimbini, ndaye ndafumanisa okokuba kwakungekho namnye kwiqumrhu lam owakhe waya kumyeni wakhe ukuyothethisana ngalamava abuhlungu. Ngosizi, nam ndandingazange ndenza ntshukumo. Ekugqibeleni, ndaye ndamcela umyeni lowo kwisidlo sasemini. Wayeyindoda eneentloni, ezibambileyo. Kwaye nangoku xa ndathi, ‘Inkosikazi yakho izame ukuzibulala. Loo nto isenokugubengela nawe. Ingaba uyafuna ukuthetha ngako?’ wayekhala ngokubonakalayo. Saye sabanencoko enyamekileyo nesondeleneyo kwaye saye saphuhlisa ukuvana okwakungummangaliso nentembeko ngemizuzwana.”

UJohn waye wongeza oku,“Ndicinga ukuba isiqhelo sethu kukuvele nje sizise ukutya kunokuba sifumanise kwaye siqondane nesimo ngaloo mzuzu ngokunyaniseka nangothando.”7

Izimvu zethu kusenokwenzeka ukuba ziva ubuhlungu, zilahlekile, okanye ziphambukile ngokuzithandela; njengomalusi wazo, singaba phakathi kwabokuqala ekuboneni imfuno yabo. Singamamela kwaye sithande ngaphandle kokugweba kwaye sinikele ngethemba nangoncedo ngesikhokelo esicalulayo soMoya OyiNgcwele.

Boodade nabazalwane, ihlabathi ligcwele lithemba kwaye ligcwele luvuyo ngenxa yezenzo eziphembelelekileyo zobubele enizenzayo. Njengoko nifuna isikhokelo seNkosi ekubeni ningaludlulisa kanjani uthando lwaYo kwakunye nokubona iimfuno zabo ubalungiselelayo, amehlo enu aya kuvuleka. Isabelo sakho sokulungiselela esingcwele sikunika ilungelo elinobuthixo lokufumana impembelelo. Ungayikhangela loo mpembelelo ngokuzithemba.

Ukuhlanganiselwa Emhlambini kaThixo

Okwesithathu, sifuna izimvu zethu ukuba zihlanganiselwe emhlambini kaThixo. Ukwenza njalo, kufuneka sicingisise ngalapho zikhoyo emgaqweni womnqophiso kwaye silangazelele ukuhamba nazo kuhambo lwazo lokholo. Sinelungelo elilodwa elingcwele lokwazi iintliziyo zazo kwaye sizalathe kuMsindisi.

Umfanekiso
Izimvu zilandela uMalusi Olungileyo

Udade uJosivini kwelaseFiji wayenobunzima bokubona indlela yakhe eya phambili emgaqweni womnqophiso—ngokucace gca. Umhlobo wakhe waye wabona ukuba uJosivini wayehlulakala ukubona izibhalo ezingcwele kakuhle ngokwaneleyo ukuba azifunde. Waye wabonelela uJosivini ngeendondo ezintsha zokufunda kwakunye nangepensile egqamileyo etyheli ukuze aphawule konke apho kukhankanywa uYesu Krestu kwiNcwadi kaMormoni. Into eyaqala njengomnqweno olula nje wokulungiselela nokunceda ngofundo lwezibhalo ezingcwele yaye yabanesiphumo sokokuba uJosivini azimase itempile okokuqala emva kweminyaka engama–28 kusukela wabhaptizwayo.

Umfanekiso
Udade uJosivini
Umfanekiso
Udade uJosivini etempileni

Nokuba izimvu zethu zomelele okanye zibuthathaka, zonwabile okanye zisembandezelweni, singaqinisekisa ukuba akukho namnye ohamba yedwa. Singazithanda naphi na apho zikhoyo ngokwasemoyeni kwaye sizinike inkxaso kunye nenkuthazo yenyathelo elilandelayo lokuya phambili. Njengoko sithandaza kwaye sifuna ukuqonda iintliziyo zazo, ndiyangqina ukuba uBawo oseZulwini uya kusibonisa kwaye uMoya waKhe uya kuhamba kunye nathi. Thina sinethuba lokuba sibe “ziingelosi ezibangqonge” njengoko Yena ehamba phambi kobuso bazo.8

Umfanekiso
UMalusi Olungileyo kunye neZimvu zaKhe

INkosi iyasimema ukuba sondle izimvu zaYo, kwaye nokuba sikhathalele imihlambi yaYo njengoko Yona ibiya kukwenza. Yona isimema ukuba sibe ngabelusi kuzo zonke iintlanga, nazo zonke izizwe. (Kwaye ewe, Mdala Uchtdorf, siyazithanda kwaye siyazidinga izinja zabelusi baseJamani.) Kwaye Yona inqwenela ukuba abantu baYo abancinane bangenelele kule ntshukumo.

Ulutsha lwethu lungaba ngabanye babelusi abomeleleyo. Bona, njengoko uMongameli uRussell M. Nelson watsho, “baphakathi kwabagqwesileyo abo iNkosi ithe yabathumela kweli hlabathi.” Bona “bayimimoya ebekekileyo,” “abadlali bethu abagqwesileyo,” abalandela uMsindisi.9 Ukhe ubenawo umfanekiso-ngqondweni wamandla awanjalo awaya kuziswa ngabelusi njengoko bekhathalela izimvu zaYo? Ukubambisana nolu lutsha ekulungiseleleni, siye sibone imimangaliso.

Mantombazana amancinane, kunye nani bafana abancinane, siyanidinga! Ukuba aninaso isabelo solungiselelo, thethani nomongameli woMbutho waManina okanye nowequmrhu labadala. Baya konwabela ukulangazelela kwenu ukuqinisekisa ukuba izimvu zaYo ziyaziwa kwaye ziyabalwa, ziyagadwa, kwakunye nokokuba ziyahlanganiselwa emhlambini kaThixo.

Xa usuku lufika apho siya kuguqa ezinyaweni zoMsindisi wethu oyintanda, emveni kokuba sondle umhlambi waKhe, ndiyathandaza ukuba nathi singaphendula njengoPetros wenzayo: “Ewe, Nkosi; uyazi wena ukuba ndiyakuthanda.”10 Aba, izimvu zaKho, ziyathandwa, zikhuselekile, kwaye zisekhaya. Ngegama likaYesu Krestu, amen.

Shicilela