2011
Nyawuza iBhayisekile Uyokufika kwiXesha Elizayo
Janyuwari 2011


ulutsha

Nyawuza iBhayisekile Uyokufika kwiXesha Elizayo

Uninzi lwabafana lulungisa imali ukuze likhonze ngokuba ngumfundisi. EAfrika inxenye yamalungiselelo kukwamkela imali eyanela ipasi. USedrick Tshiambine wamkela imali ayidingayo ngeendlela ekleleklele: ngokuthengisa iibhanana ngebhayisikili yakhe.

USedrick uhlala eLuputa, Democratic Republic yaseCongo. Ungomnye wabafana abayi 45 kwingingqi iLuputa osebenzayo ukugcina imali azokufumana ipasi azokuya ebufundisini. E DR Congo ipasi lixabisa $250, eyihafu yekota yexabiso lokwakha indlu.

Kodwa uSedrick wayengoyiki. Waqokelela imali yakhe yokuya ebufundisini ngokunyova ibhayisikili kangangekhilomitha eziyi 15–30 khilomitha (9–19 miles) esuka eLuputa esiya kwilali ezincinci, apho wayethenga khona iibhanana, aphinde kwakhona anyove anqumle kwiisavanna yaseAfrika, ibhayisekile yakhe ijinga iziqhamo yezithelo azokuzithengisa edolophini. Iveki nganye wayehamba umgama 180 yamakilomitha (112 miles) kwindlela eyayigcwele iisanti, kwaye kwabakanye apho umthwalo owawungahlelanga kakuhle waphantse wamwisa.

Ngenxa yemizamo yakhe uSedrick wayesamkela imali engange $1.25 ngeveki, okanye i$65.00 ngonyaka. Kwamthatha iminyaka emine ukuba agcine imali eyaneleyo ukuze afumane ipasi lakhe, kodwa ngoku uyayazi ukuba kwikamva lakhe uyakuba ngumfundisi ngokuba seyelingusile imali yokuphendula ubizo lwakhe lwenkonzo.

Shicilela