2011
Imbali neLifa lo Mbutho wooDade
Janyuwari 2011


Umyalezo wabaNdwendweli Makhaya, Janyuwari 2011

Imbali neLifa lo Mbutho wooDade

Funda lo myalezo, kwaye ngokufanelekileyo uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze odade bakho kwaye nokukwenza Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho.

Umfanekiso
Relief Society seal

Ukholo • Usapho • Uncedo

Eliza R. Snow wakhumbula imfundiso kaMprofeti Joseph Smith efundisa ukuba “nangona igama i [Relief Society] ilela namhlanje kusasa nje, eli ziko lela mandulo.”1

UBawo wethu waseZulwini kunye noNyana Wakhe, uYesu Krestu, bandwendwela uJoseph Smith kwaye, ngaye, babuyisa ivangeli epheleleyo emhlabeni. Umbutho woomama wayeyinxenye yolo buyiso. Lo mbutho weCawa wawungagqitywanga de oodade baqokelelwa balungiswa.2

Kwinyanga ezilandelayo, ngamnye uMyalezo waBandwendweli Makhaya uzakusinika ithuba lokuba sifunde lubanzi ngembali yoMbutho wooDade kunye nenxaxheba yabo kwivangeli elibuyisiweyo. Ngenxa yezizathu ezininzi,ukuqonda imbali yethu akubalulelanga qha kodwa kuyimfuneko.

Kuqala, ukuqonda imbali yethu kuyasiphembelela ukuba sibengamabhinqa kaThixo ekufuneka singawo. Ngokulandela imizekelo yamabhinqa alungileyo Angcwele eNtsuku Zokugqibela, singakwazi ukufunda kwixesha elidlulileyo ukujongana nexesha elizayo.3

Okwesibini, imbali yethu isifundisa ukuba imigaqo efanayo yayikhona kwiCawa yangaphambili iseyimigaqo siseko yethu nanamhlanje. Olu lwazi kunye neenjongo zethu—zokongeza ukholo lwethu kunye nobulungisa bethu, bomeleza amasapho namakhaya, kwaye kunceda abo baneemfuno—tsala okudibanisa imbali yethu kunye nekamva lethu.

Okwesithathu, njengokuba sixabisa imbali yethu, singakwazi ukwabelana kakuhle kakhulu ngeefa lethu. Umongameli Henry B. Eyring, Isekela lukuQala kwisiMongameli seCawa, wathi: “Udlulisela iifa ngaphambili xa unceda abanye ukuba bafumane uthando olunyulu luka Yesu Krestu. … Umbutho wooMama ugcinwe ngamazwi kunye namanani, kodwa ilifa lidluliswa ngentliziyo kwenye intliziyo.”4

Okokugqibela, ukuqonda imbali yethu kuyasinceda kusenza ukuba sibeyinxenye esebenzayo yekamva loMbutho wooMama. UMongameli Spencer W. Kimball (1895–1985) wacacisa, “Siyayazi ukuba abafazi abaxabisa iimbali ngendlela enzulu baye bazihluphe ngokubumba ikamva elilungileyo.”5

Julie B. Beck, umongameli wajikelele woMbutho woMama.

Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele

Esta 9:28–29; Abase Roma 16:1–2; Alma 37:8; Moronayi:45–47

Kuphuma Embalini Yethu

“Umbutho wooMama ngumbutho weNkosi awanzele amabhinqa.”6 Emandleni egunya lakhe njengomprofeti, uJoseph Smith wagqugquzelela wamisa Umbutho wooMama ngoMatshi 17, 1842. Lo mbutho umncinci, uhlukahlukileyo ngentlanganiso yokuqala wawunoo mama abazinikeleyo, abafana noodade boMbutho wooMama namhlanje. “Abona bancinci yayingamatomabazana asematsha, kwaye oyena owayemdala, wayekwiminya eyi 50 ubuncinci nobudala bakhe. Abalishumi elinanye babetshatile, ababini bengabahlolokazi, abathandathu bengatshatanga, kwaye omnye wayengaziwa ukubangaba utshatile na okanye akatshatanga. Imfundo yabo kunye nalapho ababesuka khona kwakwahlukene bengafani, kunye neemeko zabo zemali nobutyebi zihlukile. Ukuba zintlobo ngentlobo kwabo kwakucaca ngokuya amalungu esanda, kodwa babe kwaye baqhubekeka baba mnye.”7

Izikhumbuzo

  1. Eliza R. Snow, “Female Relief Society,” kwiDeseret News, Apr. 22, 1868, 81.

  2. Iimfundiso zooMongameli beCawa: Joseph Smith (2007), 369.

  3. See L. Tom Perry, “The Past Way of Facing the Future,” kwiLiahona, Nov. 2009, 73–76.

  4. Henry B. Eyring, “The Enduring Legacy of Relief Society,” Liahona, Nov. 2009, 124–25.

  5. Spencer W. Kmball, “Privileges and Responsibilities of Sisters,” Ensign, Nov. 1978, 102.

  6. Spencer W. Kimball, “Relief Society—Its Promise and Potential,” Ensign, Mar. 1976, 4.

  7. Jill Mulvay Derr, Janath Russell Cannon, and Maureen Ursenbach Beecher, Women of Covenant.

Shicilela