2011
Abafundisi Abaninzi eBomini Bam
Februwari 2011


ulutsha

Abafundisi Abaninzi eBomini Bam

Ngosuku lwam lokuqala ecaweni Ndihamamba nabefundisi, Ndaqaphela abantu endakhula nabo kwaye ndibazela ekuhlaleni. Ndabona enye yeetshomi zam zasesikolweni, oonobhala baseprayimari kunye nasesnaleni, intombazana endingazange ndiyiphathe kakuhle ngaphambili, kwaye nomfana endakhe Ndamthanda.

Umntu ngamnye kwaba bantu wandichukumisa ixesha elide. Eyona tshomi yam yayiyi ntombazana enenyaniso kakhulu, kwaye ngenxa yakhe ndakhetha ukuqhubekeka ndiphande iCawa. Oonobhala ababendikhumbula ndisesesikolweni bandinceda ukuba ndiyazi ukuba Ndibalulekile. Ndafunda ngothando lukaThixo nothando olunyulu lukaKrestu kwintombazana eyandamkelayo nokuba ndandiyiphethe kakubi ngaphambili. Laa mfana ndandimthanda wabangumzekelo omhle kakhulu, Ndakubona ukukhanya kwakhe kwaye ndandifuna ukuba ndibekunye naye.

Laa mava andinceda ukuba ndifunde ukuba, nangaphambili kokudibana nam nabafundisi, uBawo wethu waseZulwini wandilungiselela ukuba ndilamkele ivangeli ngabantu Awababeka endleleni yam. Kubo Ndafunda ukuba izinto ezincinci zingadala umsebenzi omkhulu. Eyona nto ibalulekileyo, endiyifundileyo kukuba umsebenzi wokufundisa uqala ngam.

Shicilela