2011
UBuyiso Lwazo Zonke Izinto
Februwari 2011


UMyalezo wabaNdwendweli Makhaya, Februwari 2011

UBuyiso Lwazo Zonke Izinto

Funda lo myalezo, kwaye ngokufanelekileyo uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze odade bakho kwaye nokukwenza Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho.

Ukholo • Usapho • Uncedo

Umprofeti Joseph Smith wagqugquzelela walungisa uMbutho wooMama njengenxenye efunekayo yeCawa. Njengesimongameli, ndiyathemba ukuba singakwazi ukuninceda niqonde ukuba kutheni nje Umbutho wooMama uyimfuneko ebomini bakho.

Siyayazi ukuba oomama bakwi Testamente Entsha babonakalisa inkolo kuYesu Krestu kwaye bathatha inxaxheba emsebenzini Wakhe. Luka 10:39 uyasixelela ngoMariya, o “wahlala ezinyaweni zikaYesu, kwaye wava ilizwi Lakhe.” Ku Yohane 11:27 uMarta ungqina ngoKrestu: “Wathi kuye, Ewe, Nkosi: Ndiyakholelwa ukuba unguKrestu, uNyana kaThixo, ozayo ehlabathini.” Izenzo 9:36, 39 zithetha ngo “mlandeli othile owayebizwa ukuba unguThabhitha, … owayegcwele yimisebenzi emihle. … Kwaye bonke abahlolokazi ababeme apho … bebonisa iidyasi zabo kunye neempahla azenzileyo.” UFibhi, kwa base Roma 16:1–2, waye “ngumkhonzi wecawa” kwaye “engumsizi wabaninzi.”

Ezi zimbo zokholo, nobungqina,kanye nokusizana ziqhubekekile eCaweni yentsuku zokugqibela kwaye zasekwa kakuhle ekulungisweni nasekumisweni koMbutho wooMama. Julie B. Beck, umongameli wajikele woMbutho wooMama, wafundisa: “Njengokuba uMsindisi wamema uMariya noMarta bexesha leTestamente Entsha ukuba bathathe inxaxheba emsebenzini Wakhe, oodade belixesha banomsebenzi abawuthunyiweyo ukuba bathathe inxaxheba emsebenzini weNkosi. … Umbutho wooMama ngomnyaka ka1842 wasebenzisa amandla awo adibeneyo abafazi kunye nemisebenzi yabo ababeyinikiweyo umntu ngamnye ukwakha ikumkani leNkosi.”1

Siyawufeza umsebenzi wethu xa siqwalasela kwinjongo yoMbutho wooMama: songeza ukholo kwaye silungise ubulungisa bethu, someleze amasapho kunye namakhaya, kwaye sifune abo basweleyo esinokubanceda.

Ndiyangqina ukuba uMbutho woomama wasekwa ngokwezulu ukunceda umsebenzi wentsindiso. Udade ngamnye kuMbutho wooMama unomsebenzi obalulekileyo kulomsebenzi ungcwalisekileyo.

Silvia H. Allred, isekela lokuqala kwisimongameli sajikelele soMbutho wooMama.

Kuphuma kwiZibhalo eziNgcwele

Jowel 2:28–29; Luka 10:38–42; Abase Efese 1:10

Kuphuma Embalini Yethu

Udade Julie B. Beck usifundise ukuba “siyayazi ngenxa yoMprofeti uJoseph Smith ukuba uMbutho wooMama wawuyinxenye yoBuyiso lwevangeli.”2 Inkqubo yobuyiso yaqala ngoMbono wokuQala ngo1820 kwaye yaqhubekeka “umgca phezu komnye umgca, umyalelo phezu komyalelo” (Imfundiso neMinqophiso 98:12). Ngoku uMbutho wooMama wawusekwa ngoMatshi 17, 1842, uMprofeti wafundisa abafazi ngendawo yabo ebalulekileyo eCaweni ebuyisiweyo. Wathi, “Icawa ayizange yamiswa kakuhle ngokupheleleyo de abafazi bamiswa.”3

Izikhumbuzo

  1. Julie B. Beck, “Fulfilling the Purpose of Relief Society,” kwi Liahona, Nov. 2008, 108.

  2. Julie B. Beck, “Fulfilling the Purpose of Relief Society,” 108.

  3. Iimfundiso zooMongameli beCawa: Joseph Smith (2007), 369

Yintoni Endinokukwazi Ukuyenza?

  1. Ngoluphi uncedo endingalunika oodade bam kule nyanga olungumzekelo lokholo labafazi abangabalandeli bakaYesu Krestu?

  2. Ngeyiphi imfundiso yevangeli elibuyisiweyo endinokuyifunda kwaye yomeleze ubungqina bam kule nyanga?

Shicilela