2011
Ingaba Uvuyo Lwakho Luyakuba ngakanani na?
Februwari 2011


UMyalezo wesiMongameli sokuQala, Februwari 2011

Ingaba Olwakho Luyakubangakanani naUvuyo

Ambalwa amaxesha ovuyo olumnandi ebomini kwaye ahlala ixesha elide kuna xa usazi ukuba uncede abanye ukuba bathathele ezintliziyweni zabo ivangeli elibuyisiweyo likaYesu Krestu. Ukuba noloo vuyo lithuba lalo lonke ilungu leCawa. Ngoku sasibhaptizwa, senza isithembiso sokuba “siyakuma njengamangqina kaThixo ngawo onke amaxesha kwaye kuzo zonke izinto, kwaye kuzo zonke iindawo [esi] phakathi kwazo, ewe kanye nasekufeni, ukuze [si] khululwe nguThixo, kwaye ndibekwinani labo bovuso lokuqala, ukuze [si] benobomi banaphakade” (Mozaya 18:9).

Onke amalungu bayayamkela indima yeCawa yokuthatha ivangeli kaYesu Krestu bayise ehlabathini, naphina kwaye kangangobude bobomi babo. INkosi yathi ngokucacileyo: “Bonani, Ndinithumele ukuba niyokungqina kwaye nilumkise abantu, kwaye wonke umntu oyewalumkiswa makalumkise ummelwane wakhe” (Imfundiso neMinqophiso 88:81). Abafundisi abasebufundisini bexesha elipheleleyo banamadla okufundisa abo abangakabi ngamalungu eCawa. Amalungu eCawa anamadla okufumana abo INkosi ibalungiseleleyo ukuba abafundisi babafundise.

Kufuneka ukuba sisebenzise ukholo lwethu ukuba iNkosi ibalungiselele abantu abasingqongileyo ukuba bafundiswe. Uyabazi ukuba bangobani kwaye na xa sebelungile, kwaye angasikhokhelela kubo ngamandla oMoya oyiNgcwele kwaye asinike amazwi okubamema ukuze bafundiswe. Isithembiso iNkosi esanikwa umfundisi ngo1832 siso kanye isithembiso asinika sona emsebenzini wethu wokufumana abantu abalungele ukufundiswa ngabafundisi: “Ndiyakumthumela Umthuthuzeli, oyakumfundisa inyaniso kwaye nendlela amakayihambe, kwaye kangangoko enokholo elusebenzisa, Ndiyakumthwalisa isitshaba sesithungu kwakhona” (Imfundiso neMinqophiso 79:2–3).

Kwaye isithembiso sovuyo olukhulu kakhulu esiphiwe umfundisi onokholo sesethu nathi njengamalungu anokholo abanikela iintliziyo zethu emsebenzini wabafundisi.

“Kwaye ngoku, ukuba uvuyo lwenu luyakuba lukhulu ngenxa yomphefumlo omnye owuzise kum ebukumkanini buka Bawo wam, ingaba luyakuba lukhulu kangakanani na uvuyo lwenu ukuba nizisa imiphefumlo emininzi kum!

“Bonani, ninevangeli lam phambili kwenu, kunye nembokotho yam, kunye nentsindiso yam.

“Celani uBawo egameni lam, nikholelwa ukuba niyakwamkela, kwaye niyakuba noMoya oyiNgcwele, obonakalisa zonke izinto ezifunekayo kubantwana babantu” (Imfundiso neMinqophiso 18:16–18).

Ngaphezulu koMoya oNgcwele osincedayo ukuba sibone kwaye simeme abo abalungeleleyo ukufundiswa, iNkosi ibize kwaye yaqeqesha iinkokheli ukuba zisikhokele. Eleteni yangomhla ka Februwari 28, 2002, IsiMongameli sokuQala songeza umthwalo koobishophu nakwiingingqi zeCawa ukunceda umsebenzi wabafundisi.1 Ibhunga lesebe okanye elewadi lincedisana kunye nombutho olawulayo wababingeleli ngokwakha icebo leyunithi yabo. Kwelo cebo kukho iingcebiso ezinceda amalungu ukuba bafumane abo abalungele ukufundiswa ngabafundisi. Kukho umntu obizwayo ukuba abeyinkokheli yabafundisi bewadi okanye besebe. Loo nkokheli yabafundisi yewadi okanye yesebe ihlala inothungelwano nengxoxo kunye nabafundisi bexesha elipheleleyo kunye nabaphandi babo.

Zininzi iindlela ongakwazi ngayo ukufeza injongo yakho yokunceda abafundisi bafumane abantu amababafundise. Eyona ndlela ilula iyakuba ngeyona ifaneleke ngenene.

Thandaza ukuba ukhokelwe nguMoya oyiNgcwele. Thetha nenkokheli nabafundisi abakwi ngingqi yakho, ubabuze iingcebiso zabo kwaye ubathembise uncedo lwakho. Khuthaza abo usebenzisa nabo kulo msebenzi. Kwaye yibalingqina ngamaxesha onke kwinto oyithethayo, noyenzayo ukuba uYesu unguKrestu kwaye uThixo uyayiphendula imithandazo.

Ndiyangqina ukuba uMoya oyiNgcwele uyakukhokhelela kwabo abakhangela inyaniso njengokuba uthandaza kwaye usebenzise lonkokhelo. Kwaye Ndiyayazi gokwamava wam ukuba uvuyo lwenu luyakuhla ixesha elide kwabo abakhetha ukuthathela ivangeli ezintliziyweni zabo ze emva koko banyamezele babambelele ngokholo.

Izikhumbuzo

  1. See “News of the Church: Ward and Branch Missionary Work Emphasized,” kwiLiahona, Aug. 2002, 4.

Ukufundisa ngaloMyalezo

  • Teaching, No Greater Call isifundisa ukuba sikhuthaze abo sibafundisayo ukuba bazibekele iinjongo kwaye sibancede ukuba baphile imigaqo abayifundileyo (bona page 159). Kunye nosapho, cingani ngokuchazelana ngeentsikelelo zomsebenzi wabafundisi njengokuba uchaziwe nguMongameli Eyring kwaye, ukuba uyaphenjelelwa, mema usapho ukuba ludwelise iinjongo zabo zokwabelana ngevangeli.

  • Cinga ngokuba niphose amacebo ephepheni kunye nosapho iindlela zokwabelana ngevangeli, nikhumbule ingcebiso kaMongameli Eyring ukuba “eyona ilula iyakuba ngeyona ifanelekileyo kakhulu.” Ukufunda banzi ngoku phoselana amacebo, bona Teaching, No Greater Call, page 160.

Shicilela