2011
Imali Eyaneleyo
Juni 2011


ulutsha

Imali Eyaneleyo

Ndadibana nabafundisi ngoku ndandineminyaka elishumi elinesixhenxe. Ngoko ndandihlala kunye nomkhuluwa wam. Umama wethu wayesweleke kunyaka odlulileyo, kwaye ubomi babunzima. Ngoku abafundisi babendifundisa, Ndandibona ukuba iCawa yile endandisoloko ndiyifuna. Kodwa impembelelo yeetshomi zam yandinqanda ukuba ndiye ecaweni ngeeCawa.

Ngenye imini Ndaya kwinkqubo yeCawa eyayiphakathi evekini. Ukubona lonke ulutsha luhleka kwaye ludlala kwazisa ulonwabo olukhulu kum. Abafundisi, kunye nolutsha, bathatha elo thuba bandifundisa isifundo sevangeli, kwaye Ndavakalelwa kamnandi Ndathatha isigqibo sokuba Ndibhaptizwe.

Kodwa nasemveni kokuba Ndiyinxenye yeCawa, Ndajongana nobunzima. Yayindim qha owayelilungu leCawa kulo ndawo yedolophu endandihlala kuyo kwaye ndihlala kude kunendlu ekudityanwa kuyo. Iitshomi zam ezazingengawo amalungu ecawa zazingasafuni nto edibene nam. Xa Ndandiziva ndindedwa, Ndandithandaza kwaye Ndive uthando lweNkosi.

Inyanga nganye, Ndandifumana isabelo esincinci kwimali eyayishiywe ngumama wam. Kwakunzima ukuzondla ngemali encinci. Kodwa Ndazimisela ukuthobela. Ndabhatala okweshumi kwaye nemali yokukhwela yokuya kwiseminari nakwiintlanaganiso zangeCawa. Ndandingaqondi ukuba njani, kodwa ekupheleni kwenyanga, Ndandifumanisa ukuba yayikhona imali yokwenza zonke ezinto.

Ndiyayazi ukuba Ndisikelelwa ngenxa yokubhatala okweshumi. Ukuthobela lo mthetho kwandinceda ukuba ndibenobungqina obomeleleyo, ndiye ebufundisini, kwaye ndibone iintsikelelo ukuze Ndikwazi ukomeleza amalungu amatsha ajongene nobunzima.

Shicilela