2011
Ukomeleza Amasapho Ngokukwazi Ukuzimela nokuZithemba Ebomini Basemhlabeni
Juni 2011


Umyalezo wabaNdwendweli Makhaya, Juni 2011

Ukomeleza Amasapho Ngokukwazi Ukuzimela nokuZithemba Ebomini Basemhlabeni

Funda lo myalezo, kwaye ngokufanelekileyo uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze odade bakho kwaye nokukwenza Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho.

Ukholo • Usapho • Uncedo

Ukukhulisa ukuzimela nokuzithemba—amandla okuzikhathalela nokuzihoya namasapho ethu—ngumthwalo wodade ngamnye. Siye sizimele sizithembe xa sifunda ukuthanda ukusebenza, njegokuba sikhangela impembelelo yokufumana iindlela ezintle kakhulu zokufeza iimfuno zethu, kwaye naxa sisebenza namalungu osapho ukudibana neentswelo zethu zokuqala ezi sisiseko.

Xa sizemela sithembele eziqwini zethu, sisebenzisa iintsikelelo zethu kunye neemveliso ukulungiselela oko nokunqanda iingxaki. Uzimela nokuzithemba, kodwa, kuyongezeleka xa sithandazela ubukhalipha bokumelana ngokholo nobunzima obuyakuza ngokuqinisekileyo. Ukuzimela nokuzithemba kuyasomeleza ukuba sikwazi ukugcina umnqophiso wethu wokukhathalela abanye.

KuMbutho wooMama, sifundiswa iimfundiso kunye nobuchule bokuzimela nokuzithemba. Oodade bangafunda ngocwangciso lwemali, ukuhlukana namatyala, ukufumana izidanga zokuphangela, izibhalo ezingcwele, ivangeli, ukufundisa abanye ukufunda nokukwazi ukufunda, imfundo yobugcisa, ezempilo yomzimba, ukomelela, ukunqanda ingulo yokuxhomekeka emachizini angalunganga kunye nokuphila, impilo yemivakalelo yethu, ukuba negadi, uveliso lokutya nokukugcina, ukulungiselela iingaxaki ezingamisisekilyo, kwaye nezinye izinto ezisinceda ukuba sizimele sizithembe.1

UJulie B. Beck, wesimongameli sajikelele soMbutho wooMama, uyacacisa ukuba “ukuzenzela nokuzifumanela thina kanye nabanye bubungqina bokuba singabalandeli beNkosi uYesu Krestu. … Ngoku [umama womyeni wam] wabhubha ngesiquphe kulonyaka uphelileyo, washiya ubungqina bobomi bakhe bokuzimela nokuzithemba. Wayenemvume yokungena etempileni esebenzayo kwaye nezibhalo ezingcwele ezigugileyo okwakusetyenziswa qho kunye neencwadi zokufunda zevangeli. Ngothando sabelana ngeembiza, iipani, kwaye nezitya awaphakela kuzo izidlo ezininzi. Wasishiyela iityali awazenza ngamalaphu amadala. Wayekholelwa kulaa nkolelo iindala ithi ‘Kufanele uYisebenzise iphele, uyinxibisise, uyenze isebenze, okanye ungabinayo.’ Sabona ukutya okuninzi awayekukhulisile, wakulondoloza kwaye wakugcina. Okwakuchukumisa kakhulu yayi zincwadi zakhe ezincinci zocwangciso nolondolozo nentsebenziso yemali yakhe apho wayebhala agcine uchitho lwemali yakhe kwiminyaka emininzi. Ngokuba wayephila ngendlela ecingela ungomso, washiya imali awayeyigcinele iingxaki ezingxamisisekileyo, kwaye zange ashiye matyala! Okona kubalulekileyo, wafundisa kwaye waphembelela abanye abaninzi ngobuchule awayebufumene ngexesha lobomi bakhe bokholo.2

Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele

Yohane13:34–35; Yakobi 1:27; Mozaya 4:26; Imfundiso neMinqophiso 29:34–35; 38:30; 44:6

Kuphuma Embalini Yethu

Oodade boMbutho wooMama babesoloko bethabatha inxaxheba emsebenzini wokusindisa imiphefumlo. Kwiveki nganye xa Amabhinqa ooMbutho wooMama waseNavoo ayadibana, oodade babenika ingxelo yabantu abasweleyo. Izipho zemali, zezinto, zetalente, kunye nexesha zazihlulwa hlulwa ukunceda abasweleyo. Lo msebenzi usisiseko wokunceda abahluphekayo uqhubekekile wabangumsebenzi woMbutho wooMama kwizizukulu ngezizukulu.

Xa abangcwele babefika eSalt Lake Valley, uMongameli Brigham Young (1801–77) wacebisa oodade ukuba bancede abo basweleyo kwaye bafunde ubugcisa obuyakubanceda ukuba bakwazi ukuzikhathalela. Wathi, “Fundani ukuzimela nokuzithemba; yondlalani ingqolowa kunye nomgubo wokuxova, kwaye niwugcinele imini yendlala.”3 Phantsi kweNkokhelo yababingeleli, uMbutho wooMama uyaqhubekeka ukufundisa ukuzimela nokuzithemba, kwaye nokukhuthaza ubulungisa bomntu ngamnye kunye nezenzo zothando olunyulu, uthando olunyulu lukaKrestu.

Izikhumbuzo

  1. Bona Handbook 2: Administering the Church (2010), 9.4.2.

  2. uJulie B. Beck, “The Welfare Responsibilities of the Relief Society President,” Basic Principles of Welfare and Self-Reliance (2009), 5.

  3. Teachings of Presidents of the Church (Imfundiso zabaProfeti beCawa): Brigham Young (1997), 231.

  1. Ndingabanceda njani oodade bam kunye namasapho abo ukuba baphucule ukuzimela nokuzithemba ebomini basemhlabeni.

  2. Ndingaphucula Njani ukuzimela nokuzithemba kwam?

Shicilela