2011
Yimani KwiiNdawo EziNgcwele
Novemba 2011


Yimani KwiiNdawo EziNgcwele

Incoko nonxulumelwano lwethu kunye noBawo wethu waseZulwini—kunye nemithandazo yethu Kuye kwakunye nempembelelo Yakhe kuthi—kuyimfuneko ukuze sikwazi ukumelana namaqondo enqwithelo kwaye nezilingo zobomi.

Bazalwane noodade bam endibathandayo, siyivile imiyalezo emihle ngale ntsasa, kwaye Ndiyanincoma umntu ngamnye kuni othathe inxaxheba. Ikakhulu sonwabele ukuba kunye neGosa uRobert D. Hales phakathi kwethu kwakhona kwaye siziva siphuculiwe. Siyakuthanda, Bob.

Xa be Ndicingisisa ngendizakuthetha ngako nani ngale ntsasa, Ndive Ndicinizekile ukwabelana nani ngeengcinga ezithile kwaye neemvakalelo Endibona zibandakanyeka kakhulu kwaye ilixesha lazo. Ndiyathandaza ukuba ndikhokelwe kwendizakucaphazela.

Ndiphile kulo mhlaba iminyaka eyi84 ngoku. Ukuninika imbono encinane, Ndazalwa ngonyaka omnye noCharles Lindbergh owabhabha yedwa inqwelo moya esuka eNew York esiya eParis nge - injini enye, enesitulo esinye yenqwelo mafutha yomntu omnye. Ukususela ngoko kunintsi okwatshintshayo kuleminyaka iyi84. Umntu ukusukela ngoko uye waya enyangeni kwaye wabuya. Ngokwenene, iintsomi zonzululwazi zayizolo ziyinyaniso eyenzekayo namhlanje. Kwaye loo nyaniso yenzekayo namhlanje, masibulele kungenxa yobugcisa bala maxesha wethu, obuhlala butshintsha ngokukhawuleza siyahluleka nokuqondana nako ukuba siyazama. Ukuba kuthi kukho abo abazikhumbulayo ifowuni ezakudala kwaye nomatshini bokutayipa bakudala, ubugcisa banamhlanje bungaphaya kokumangaliseka.

Okunye okutshintshayo ngokukhawuleza zizithethe zokulungileyo zeentlalo ngeentlalo. Izimilo ezazibonakala zingafanelekanga kwaye zingalungaga ngoku azinyamezelwa nje qha kodwa zibonwa zamkelekile.

Bendisand’ ukufunda i ncwadi yeNdaba iWall Street Journal icwecwe elibhalwe nguJonathan Sacks, umfundisi wamajuda okanye irabhayi eyinkosi yaseBrithan. Kwenye yezinto abhale ngazo, uyabhala: “Kak’hle,kakuhle kuzo zonke iintlalo - mpilo neendawo zaseNtshona ngoo1960 kwabakho inguquko yezimilo zokulungileyo nokungalunganga, ukulahlwa kwayo yonke intlonipho elisiko lokukwazi ukuzibamba nokuziphatha kakuhle. Eyona yona nto uyiswelayo, zacula iBeatles (iimvumi ezaziwayo), luthando. IKhowudi yokulunga yaMajuda-Makrestu yakhutshwa. Endaweni yayo kwabakho [intetho eqhelekileyo eyinyaniso]: [Yenza] nobayintoni ekusebenzelayo. Imithetho Elishumi yaphindwa yabhalwa kwathwa Ziingcebiso Ezilishumi.”

URabhayi Sacks uye acacise:

“Sichithe inkunzi yezimilo zethu zokulunga ngendlela efanayo nale yokulahlwa ngokungakhathali inkunzi yeemali zethu. …

“Kukho indawo ezinkulu zo[mhlaba] apho iinkolo zenkonzo ezingcwele ziyinto yamandulo zexesha elidlulileyo kwaye akukho lizwi eliyiphikisayo lento yesithethe sokuthenga, ze uyichite, uyinxibe, uqhayise ngayo, ngokuba yeyakho ikufanele. Umyalezo kukuba isimilo sokulungileyo yinto yakudala, isazela sesamagwala, kwaye owona mthetho usahleliyo olawulayo kukuba ‘Uze ungabhaqwa.’”1

Bazalwane noodade bam abathandwayo, oku—ngelishwa—kuchaza indlela eliyiyo ihlabathi elisingqongileyo. Ingaba siyazihlamba izandla zethu ngenxa yokuxakwa nokumangaliseka ukuba ingaba siyakusinda njano na kweli lizwe. Hayi. Ngokwenene, ebomini bethu sinevangeli likaYesu Krestu, kwaye siyayazi ukuba ubulungisa besimilo ayonto yakudala, ukuba isazela nengqondo yethu enzulu ikhona ukusikhokela, kwaye sinomthwalo wokuba sikhathalele izenzo zethu.

Nangona ilizwe litshintshile, imithetho kaThixo isahleli ifana iyiyo. Ayikatshintshi; ayisoze itshintshe. Imithetho Elishumi yilento iyiyo qha ke—yimithetho. Asiyiyo awayiyo ingcebiso. Iseyimfuneko nanamhlanje njengangokuya uThixo wayinika abantwana base Izirayeli. Ukuba nje siyamamela, sive isandi selizwi likaThixo, lithetha nathi apha kwaye ngoku:

“Ningabi nabo abanye oothixo ngaphandle kwaphambili kwam.

“Ningazenzeli imifanekiso eqingqiweyo. …

“Ningasayi nifane nithethe nibize nje igama leNkosi uThixo wenu ngokungenamsebenzi. …

“Khumbulani usuku lweSabatha; nilugcine lungcwele. …

“Hloniphani uyise wakho kwaye nonyoko wakho. …

“Ningabulali.

“Ninganyolukeli ninqwele umfazi okanye nomyeni womnye umntu.

“Ningabi.

“Ningangqini ngobuxoki. …

“Ningabi nomnqweno omde.”2

IKhowudi yezenzo zethu iyazichaza ngokwaneleyo; ayixoxisi. Ayifumaneki nje qha kwiMithetho Elishumi kodwa nakwiNtshumayelo yaseNtabeni, esayinikwa nguMsindisi ngoku Wayehamba emhlabeni. Ifumaneka kwiimfundiso Zakhe zonke. Ifumaneka kumazwi ezityhilelo zanamhlanje.

UBawo wethu waseZulwini uyafana nayizolo, nanamhlanje, kwaye nangonaphakade. UMprofeti Mormon uyasixelela ukuba uThixo “akatshintshi kubo bonke oonaphakade bakanaphakade.”3 Kweli lizwe apho yonke into ibonakala itshintsha, umonde Wakhe yinto esinokwazi ukuxhomekeka kuyo, yiankire esikwaziyo ukubambelela kuyo kwaye sikhuseke, ngaphandle kokuba sisuswe kude emanzini angalawulekileyo.

Kungabonakala kuwe ngamanye amaxesha ngathi abo baphandle emhlabeni banolonwabo kunawe. Abanye benu bangava ngathi bapholelekile yikhowudi yezenzo zethu esiyithobelayo eCaweni. Bazalwane noodade bam, Ndiyanixelela ukuba, nokuba akukhu nto enokuzisa uvuyo olukhulu ebomini bethu okanye uxolo olungaphezulu kwimiphefumlo yethu ngaphandle koMoya ongaza kuthi xa silandela uMsindisi kwaye sigcine imithetho elishumi. Loo Moya akakwazi ukubakhona kwiinkqubo ilizwe elithatha iinxaxheba kuzo. Umpostile uPawulosi wachaza inyaniso: “Umntu womzimba oyinyama akazifumani izinto zoMoya kaThixo: ngokuba bubudenge kuye: akakwazi nokuzazi, ngenxa yokuba zihluzwa ngokomoya”4 Eli gama umntu womzimba oyinyama libhekisa nakowuphi na umntu kuthi ukuba siyazivumela sibe njalo.

Kufuneka sibenomonde elizweni elishenxele kude kude koko komoya. Kuyimfuneko ukuba silandule nantoni na egavumelaniyo namabanga wethu, singavumi ukuyekela oko sikunqwenelayo kakhulu: ubomi banaphakade kwikumkani likaThixo. Inqwithela ziyakuhlala zibetha iminyago yethu ngamaxesha ngamaxesha, ngokuba zinxenye yobukho bethu kobu bomi balo mhlaba. Thina, kodwa, kuya kubabhetele xa sizixhobisa ukumelana nazo, sifunde kuzo, kwaye sizoyise ukuba sinevangeli embindini wenzulu yethu kwaye nothando lukaMsindisi ezintliziyweni zethu. Umprofeti uIzaya wathi, “Umsebenzi wobulungisa uyakuba luxolo; kwaye iziphumo yinzolo yobulungisa kwaye nesiqinisekiso sanaphakade.”5

Njengee nzame zokuphila sibekhona phakathi ehlabathini kodwa singabikho ngabo abehlabathi,kuyimfuneko ukuba sinxulumane noBawo wethu waseZulwini ngomthandazo. Ufuna ukuba senze njalo; Uyakuyiphendula imithandazo yethu. UMsindisi wasilumkisa, njengokuba kubhaliwe kwincwadi ka 3 Nifayi18, “sikhangele sibukele kwaye sithandaze singangeni ekuhendweni; ngokuba usathana unqwenela ukuba nawe. …

“Ngoko ke kufuneka sisoloko sithandaza kuBawo egameni lam;

“Kwaye nantoni na oyakuyiceka kuBawo egameni lam, elungileyo, ukholelwa ukuba uyakuyifumana, niyabonani niyakuyinikwa.”6

Ndafumana ubungqina bam ngamandla omthandazo ngoku Ndandineminyaka eyi-12 ubudala. Ndandisebenza nzima ukwamkela imali kwaye ndakwazi ukonga iidollaz ezintlanu. Oku kwenzeka ngexesha Lendlala Enkulu, ngoku iidollaz ezintlanu yayiyimali ebhadlileyo—ingakumbi kwinkwenkwe eneminyaka eyi-12. Ndanikela kutata wam ngazo zonke iisenti zam ezazisenza iidollaz ezintlanu xa zidityanisiwe, ze yena wandinika imali yephepha eyi 5 dollaz. Ndiyayazi kwakukho into ecacileyo eNdandifuna ukuyithenga ngeedollaz ezintlanu, nangona emvakwayo yonke le minyaka Ndingayikhumbuli ukuba yayiyintoni. Ndiyakhumbula qha indlela laa mali yayibaluleke ngayo kum.

Ngeloo xesha, sasingenawo umatshini wokuhlamaba iimpahla, ke ngoko umama wam wayedla ngokundithuma kwindawo yokuhlamba iimpahla qho ngeveki iimpahla zethu ekwakufuneka zihlanjiwe. Emva kweentsuku ezimbalwa, umthwalo weempahla esasizibiza ngokuba “zimpahla ezihlanjiweyo ezimanzi” zazibuyiselwa kuthi, ze uMama azoneke ezoompahla ecingweni elalisemva kwendlu ukuba zome.

Ndandiyiqhushekile i-5 dollaz yam epokothweni yejean yam. Njengokuba unokuqashela, ijean yam yayihanjisiwe ukuba iyohlanjwa inalo mali epokothweni. Ukuyiqaphela kwam into eyenzekileyo ndandigula yiworry. Ndandisazi ukuba ipokotho zazigqogqwa phambi kokuba zihlanjwe. Ukuba imali yam zange ibhaqwe kwaye ithathwe koko gqogqwa, Ndandiyazi ngokuqiniseka ukuba laa mali yayizakukhupheka xa ihlanjwa kwaye ithathwe ngomye umsebenzi waphaya owayengenalo nofifi lokuba mayibuyiselwe kubani loo mali, nokuba wayene nkanuko yokwenza njalo. Amathuba okuba ndizifumane iidollaz zam ezintlanu ayenqabile—ulwazi umama wam awalingqinayo xa Ndimxelela ukuba Ndandiyilibele loo mali epokothweni yam.

Ndandiyifuna laa mali; Ndandiyiswele laa mali; Ndandisebenze nzima ukuba Ndiyifumane laa mali. Ndaqonda ukuba yayinye qha into endandinoyenza. Kunxunguphalo lwam Ndabhekisa kuBawo wethu waseZulwini kwaye ndamthandaza Yena ukuba ayigcine ikhuselekile imali yam kulapokotho de impahla ehlanjiweyo ibuye.

Emva kweentsuku ezine ezinde kakhulu, xa Ndandisendiyazi ukuba yayilixesha lokuziswa kweempahla yethu yitraki, Ndahlala efestileni, ndilindile. Ukufika kwetrakhi esitratweni sam, intliziyo yam yabetha kakhulu. Ukukhawuleza kokufika kweezo mpahla zimanzi endlini, ndaxhwiphula ijean yam kwaye ndabeleka ukuya kwigumbi lam lokulala. Ndafaka isandla sam epokothweni ngezandla ezingcangcazelayo. Xa ndingazange ndifumane nto ngoko nangoko, ndacinga ukuba ilahlekile. Ze emva koko izandla zam zaphatha iphepha elimanzi elizidollaz ezintlanu. Ekuyitsaleni kwam epokothweni, ukukhululeka kwandongamela ngaphakathi kum. Ndenza umthandazo ovakalayo entliziyweni wombulelo kuBawo wam waseZulwini, ngokuba Ndandisazi ukuba Nguye ophendule umthandazo wam.

Ukusukela ngeloxesha lidala kakhulu, Ndibene mithandazo emininzi ephenduliweyo. Akukho mini igqithileyo apho Ndingathethanga khona kunye noBawo wam waseZulwini ngomthandazo. Ubudlelwano endibuthandayo gqithi—endinokulahlekelwa kakhulu ngaphandle kwabo. Ukuba awunalo udlelwano olunjalo kunye noBawo waseZulwini, Ndiyakukhuthaza ukuba usebenzele ukuyifeza loo njongo. Xa usenza njalo, uyakukwazi ukufumana impembelelo Yakhe kwaye nenkokhelo Yakhe ebomini bakho—iimfuno zethu esixhomekeke kuzo ukuba sikwazi ukuphila ngokomoya koluhambo lwethu lwasemhlabeni. Loo mpembelelo injalo nenkokhelo injalo ziziphiwo Asinika zona xa sizifuna. Indyebo eziyiyo zona!

Ndisoloko ndithotywa kwaye ndiba nombulelo xa uBawo waseZulwini enxulumana nam ngempembelelo Yakhe. Ndifunde ukukwazi ukuyibona, ukuyithemba, kwaye nokuyilandela. Amaxesha ngamaxesha Ndibe ngumamkeli wempembelelo enjalo. Omnye wamava anomfanekiso ngqondweni obaxekileyo wenzeka ngo Agasti ka1987 ngoku yayiyinkonzo yokunikelwa kwetempile yaseFrankfurt Germany. Umongameli Ezra Taft Benson wayekunye nathi kwimini yokuqala okanye neyesibini ngenkonzo yomnikelo ze wabuyela ekhaya, ke ngoko yaba lithuba lam lokuba ndiqhube ezoo nkonzo zazishiyekile.

NgoMgqibelo saba nenkonzo yamalungu wethu angamaDatshi ababese ngingqini yeTempile yaseFrankfurt. Ndandisele ndiziqhelanisile nomnye wenkokheli eziphuma phambili wase Netherlands, UMzalwane Peter Mourik. Phambili kancinci nje kwenkonzo, Ndaba nomvakalelo wokuba uMzalwane Mourik makabizwe ukuba abesisithethi kuloo nkqubo yenkonzo kubazalwane bakhe abangamaDatshi kwaye nokuba, ngenene kufuneka abesisithethi sokuqala. Ndingazange ndimbone etempileni ngalaa ntsasa, Ndadlulisa umyalezo omfutshane osephepheni ku Elder Carlos E. Asay, uMongameli weNdawo yethu, ndimbuza ukubangaba uPeter Mourik wayekhona na kuloo nkonzo. Phambili kokuba Ndiphakame ndivule inkonzo, Ndafumana umyalezo oyimpedulo oxelayo ukuba ngenene Umzalwane Mourik wayengekho wayengazanga, ukuba wayexakekile kwenye indawo, nokuba wayeceba ukuya kwinkonzo yomnikelo yangomso kunye nabanye beentloko zengingqi.

Xa Ndisima epulpitini ukwamkela abantu kwaye nokuchaza ngenkqubo, Ndafumana impembelelo ecace ngqo ukuba Ndibhengeze uMzalwane Peter Mourik njengesithethi sokuqala. Oku kwakuphikisana neengcinga zam zendalo, ngokuba ndandisendive kwiGosa uAsay ukuba Umzalwane Mourik nyani wayengekho etempileni. Ndithembele kule mpembelelo, kodwa, Ndamemeza ngomboniso wekwayara kwaye nomthandazo emva koko ndaxela ukuba isithethi sethu sokuqala nguMzalwane Peter Mourik.

Xa Ndibuyela esitulweni sam, Ndajonga iGosa uAsay; Ndabona ukothuka ebusweni bakhe. Esidaleni wandixelela ukuba ngokumemeza ukuba Umzalwane Mourik waye sisithethi sokuqala, wayengazikholelwa iindlebe zakhe. Uthi wayesazi ukuba Ndandiwufumene umyalezo wakhe nobe ndawufunda, kwaye wayengakwazi ukuqondisisa ukuba kutheni nje ze ndimemeze ba uMzalwane Mourik wayezakuba sisithethi, ndisazi ukuba akekho tu etempileni.

Ngalo lonke ixesha kusenzeka yonke lento, uPeter Mourik wayese ntlanganisweni kwiiofisi zeNgingqi yendawo iPorthstrasse. Njengokuba le ntlanganiso yayiqhubeka phambili, waguquka wajonga kwiGosa uThomas A. Hawkes Jr., owaye ngummeli wendawo esekiweyo, kwaye wambuza, “Ungandifikisa nini etempileni?”

UMdala Hawkes, owasaziwa ngokuqhuba ngesantya esiphezulu iimoto zomgqatso ezincinci, waphendula, “Ndingakufikisa pha kwimizuzu eyi-10! Kodwa kutheni ufuna ukuya etempileni?”

UMdala Mourik wavuma ukuba akayazi kutheni wayefuna ukuba pha etempileni kodwa wayesazi ukuba kwakufuneka ephaya. Bobabini bahamba baleqa etempileni ngoko nangoko.

Ngoku kwakucula ikwayara, Ndalaqazisa amehlo, ndicinga ukuba nangowuphi na umzuzu ndizakumbona uPeter Mourik. Andizange. Ngommangaliso, kodwa, Ndandingothukanga tu. Ndandiqiniseke kamnandi, ngokungakhanyeliyo ukuba konke kuza kulunga.

UMdala Mourik wangena kumnyango wangaphambili wasetempileni xa kanye kwakugqityezelwa umthandazo wokuvula, ndingakayazi ukuba ukhona. Njengokuba wayekhawuleza ukuhamba eholweni, wabona umfanekiso wam kumabona kude kwaye wandiva ndisithi, “Ngoku sizakuva ku Mzalwane Peter Mourik.”

Ngokumangaliseka kwiGosa u Asay, uPeter Mourik ngokukhawulezileyo wangena kwelo gumbi kwaye wathatha indawo yakhe epulpitini.

Emva kwenkonzo, uMzalwane Mourik Nam saxoxa ngoko kwenzekayo phambi kwethuba lakhe lokuthetha. Ndiye ndazikisa ukucinga ngempebelelo efikileyo ngalaa mini hayi ngam qha kodwa nangomzalwane Mourik. Njengokuba le ntlanganiso yayiqhubeka phambili, waguquka wajonga kwiGosa uThomas A. Hawkes Jr., owaye ngummeli wendawo esekiweyo, kwaye wambuza, “Ungandifikisa nini etempileni?” Ndiyayazi ngaphandle kwentandabuzo ukuba INkosi yayinenjongo yokuba abo ababekhona kuloo nkonzo yomnikelo wetempile yaseFrankfurt ukuze bave ubungqina, obunamandla nobuchukumisayo buka mkhonzi Wakhe uMzalwane Peter Mourik.

Boodade nabazalwana bam endibathandayo, unxulumano noBawo wethu waseZulwini—lukunye nemithandazo yethu Kuye kwaye nempembelelo Yakhe kuthi—iyimfuneko ukuze simelane nezimo zeenqwithela kwaye nezilingo zobomi. INkosi iyasimema, “Sondelani kum kwaye Ndiyakusondela kuni; ndikhangeleni ngenkuthalo kwaye niyakundifumana.”7 Xa sisenza njalo,siyakuwuva uMoya wakhe ebomini bethu, esinika ulangazelelo nomdla kwaye nobukroti bokuma ngamandla nokuqina kubulungisa—“ukuma … kwiindawo ezingcwele,kwaye singangunquzi.”8

Njengokuba umoya wenguquko usijikeleza kwaye ukomelela kwesimilo esilungileyo kwimpilo ntlalo kuya qhubekeka ukutshabalala ngaphambi kwamehlo wethu, yanga singakhumbula isithembiso seNkosi esixabisekileyo kwabo abamthembayo Yena: “Ningoyiki nina; ngokuba Ndikunye nani: ningapheli mandla; ngokuba NdinguThixo wenu:Ndiyakunomeleza; ewe, Ndiyakuninceda; ewe, Ndiyakunimisa ngesandla sam sasekunene sobulungisa.9

Sisithembiso esi! Yanga esi sithembiso singayintsikelelo yethu, Ndiyathandaza ngokunyanisekileyo ngegama leNkosi yethu kwaye noMsindisi, uYesu Krestu, amen.

Shicilela