2011
Ubalulekile Kuye
Novemba 2011


Ubalulekile Kuye

Inkosi isebenzisa silinganiselo esahlukileyo kwesehlabathi ukulinganisela ixabiso lomphefumlo.

UMozisi, omnye waprofeti abakhulu ilizwe elakhe lamazi, wakhuliswa yintombi kaFaro kwaye wachitha iminyaka eyi40 yobomi bakhe kwiiholo zookumkani zaseYiphutha. Wayesazi ngamava wakhe uzuko kwaye nobukhulu bobobukumkani bamandulo.

Emva kweeminya esidaleni, phezulu kwentaba ekude, ekude ebuhleni kwaye nasekuhleni okukhulu kweYiphutha enamandla, uMozisi wama ebukhweni bukaThixo kwaye wathetha Naye ubuso ngobuso njengokuba indoda incokola nayo.1 Ngexesha lolundwendwelo, uThixo wabonisab uMozisi intsebenzo yezandla Zakhe, emnika ucuntsu lokubona amandla kwaye nozuko Lwakhe. Ngoku umbono wayephela, uMozisi wawela emhlabeni kulondawo iiyure ezininzi. Ngoku amandla wabo ade abuyela, waqaphela into yokuba, kuyo yonke iminyaka yakhe kwindlu kaFaro, zange ayiqaphele lento ngaphambili.

“Ndiyayazi,” wathi, “umntu kayonto.”2

Singaphantsi Koko Esifanele Ukuba Sibekuko

Xa sifunda ngakumbi kwindawo yonke jikelele, kungona—noko ngendlela encinane—into uMozosi awayeyazi. Indawo yawo yonke jikelele yinto enkulu ebanzi kakhulu, iyimfihlakalo kwaye inozuko olungaphaya kokuqondakala ngengqondo yomntu. “Imihlaba engenalo inani Ndiyidalile,” uThixo wathi kuMozisi.3 Imimangaliso yesibhakaka sasebusuku bubungqina balo nyaniso.

Kukho izinto ezimbalwa ezindigcwalisileyo kukhefuzela ngenxa yokumangaliswa zibhabha kubusuku obumnyama ngaphaya kwamalwandle namazwe kwaye kujonge phandle kumngxunya wefestile okuzuko olungenasiphelo beenkwenkwezi eziyimiliyoni.

Izazi zeenkwenkwezi zizamile ukuba amanani eenkwenkwezi ezisehlabathini. Elinye iqela leenzulu lwazi elithekelela ukuba inani leenkwenkwezi elifutshane neeteleskopi zethu liphindaphindwe kayi10 ngobukhulu bayo yonke intlabathi yesanti yamalwandle elizwe neentlango.4

Esi sigqibo sifana kakhulu nesibhengezo somprofeti Enokhi: “Ukuba bekusenzeka ukuba sikwazi ukubala amachebetyu omhlaba, amasuntswana emhlabeni, ewe, imiliyoni zemihlaba efana nalo, ayinoba sisiqalo kwinani leendalo zakho.5

Sinikiwe ububanzi beendalo zikaThixo, ayingo mmangaliso uKumkani omkhulu uKumkani uBenjamin wacebisa abantu bakhe ukuba “isoloko ibambe ukukhumbula, ubukhulu bakaThixo, kwaye nokungabiyonto kwakho.”6

Sibakhulu Kunoba Sizicingela

Kodwa nangona umntu engeyonto, kuyandigcwalisa ngokumangazeka nokubhidwa ukucinga ukuba “ixabiso lemiphefumlo likhulu phambi kwamehlo kaThixo.”7

Kwaye elixesha sijonga ubude nobubanzi behlabathi kwaye sithi, “Yintoni umntu xa esele ethelekiswa nozuko lwendalo?” UThixo Yena ngobuqu wathi sisizathu Wadala ihlabathi! Umsebenzi Wakhe kwaye nozuko—injongo yelihlabathi lihle—kukusindisa nokunika uluntu ubuqhaqhawuli.8 Ngamanye amazwi, ububanzi obukhulu bakanaphakade, uzuko neemfihlakalo zendawo engenasiphelo kwaye nexesha lonke lokwakhiwa kusenzelwa abantu abaqhelekileyo nje ngam nawe. UBawo wethu wasezulwini wadala ihlabathi ukuze sikwazi ukufikelela emandleni wethu njenabantwaba Bakhe abangoonyana neentombi Zakhe.

Oku ngumnqa womntu: xa ethelekiswa noThixo, umntu akayonto; kodwa; siyinto yonke kuThixo. Ngelixesha kuphikisa imvelaphi yendawo yendalo engenaso isiphelo singabonakala singeyonto, sinedangatya lomlilo wanaphakade ovuthayo ngaphakathi kwizifuba zethu. Siphethe isithembiso esingaphaya kwengqondo sobuqhaqhawuli—amazwe angenasiphelo—esikwaziyo ukufikelela kuwo ngaphakathi kuthi. Kwaye ngumnqweno kaThixo omkhulu ukusinceda sifikelele khona.

Ubuyatha BeKratshi

Umkhohlisi omkhulu uyayazi ukuba eyona yeendlela zakhe esisixhobo sokukhokela abantwana bakaThixo ekulahlekemi kukubayolela kwiimbaxo zomnqa eluntwini. Kwabanye, uyaba bawisa ngemikhuba yabo yekratshi, abanike amatshamba kwaye abakhuthaze ukuba bakholelwe kumaphupha abo okubaluleka kweziqu zabo kwaye nobungangamsha babo. Uyabaxelela ukuba bangaphumela ngaphaya kokuba ngabantu abaqhelekileyo nje kwaye nokuba ngenxa yamandla wabo nemfuzo elilungelo labo, okanye ngokwamabanga entlalo yabo, bakhethekile ekulinganeni okuqhelekileyo okubangqongileyo. Uyabakhokela ba bazigqibele ukuba kengoko abaxhomekeka kulawulo lwabanye abantu kwaye bangazihluphi ngeengxaki zabanye abantu.

UAbraham Lincoln kuthiwa wayethanda umbongo ofundeka oluhlobo:

Oh kutheni ukuba umoya womntu uba nekratshi?

Njengelahle elikhawulezayo ukudlula, ifu elibhabha ngesantya esiphezulu.

Umlanyazo wombane. Ukuphuka kwamaza,

Umntu uyadlula ebomini ayokuphumla engcwabeni lakhe.9

Abafundi bakaYesu Krestu bayayiqonda ukuba xa uthelekisa nonaphakade, ubukho bethu kulomhlaba wenyama ngokwe “xeshana lomzuzu” endaweni nasexesheni.10 Bayayazi ukuba ixabiso eliyinyaniso lomntu alinanto yokwenza nento ihlabathi eliyibekela pezulu esikhundleni. Bayayazi ukuba ungaqokelela induli yemali yamazwe onke kodwa ayinokuthenga ilofu yesonka kubutyebi bezulu.

Abo abaya “kufumana ilifa lekumkani likaThixo”11 ngabo ababa njengomntwana, bazinikele, bathambileyo, bazithobileyo,banomonde, bagcwele luthando.”12 “Ngokuba wonke ozipha ubuqhaqhawuli uyakuhliswa;kwaye lowo ozithobayo uyakunikwa ubuqhaqhawuli.”13 Abafundi abanjalo bayaqonda kananjalo ukuba “xa uluncedo kubantu ophila nabo uluncedo kuThixo wakho.”14

Asilityalwanga

Enye indlela uSathana akhohlisa ngayo kukutyafisa nokuphoxa. Uzama ukuba asiqwalaselise ekubalulekeni kwethu de siqale ukuziyhandabuza ukuba sixabisekile konke- konke. Uye asixelele ukuba sibancinci kuwo wonke umntu obonayo, ukuba silibalekile—ingakumbi nguThixo.

Mandabelane nani ngamava wam anganinceda nabo abaziva bengabalulekanga, belityelwe, okanye bebodwa.

Kwiminyaka emininzi eyadlulayo Ndaya kukuqeqesho lokuqhuba inqwelo moya laseMelika kwiNdawo Yamajoni Omoya. Ndandikude ekhaya, ndilijoni elalisaze ngobutsha elizweni Entshona YeJamani, ndizalelwe e Tyekoslovakiya, ndikhulele kwiMphuma yeJamani kwaye ndithetha iSingesi ngobunzima obukhulu. Ndikhumbula ngqo uhambo lwam oluya kwiziko loqeqesho eTexas (Teksasi). Ndandikwinqwelo moya, ndihleli ecaleni komhambi owayethetha ngolwimi olukhuni lwaseMzantsi. Kwakunzima ukumqonda ukuba uthini xa ethetha. Ndandizibuza ukubangaba ndandifundiswe ulwimi olungekhoyo ngalo lonke na elixesha. Ndandisoyikiswa yingcinga yokuba kuzofuneka Ndibe nokhuphiswano nabanye abafundi ngeendawo eziphezulu kuqeqesho lokubhabhisa inqwelo moya ababezelwe bethetha isingesi.

Ukufika kwam kwiziko lwezomoya kwidolophu encinci eyi Big Spring, eTeksasi, Ndakhangela kwaye ndafumana isebe LaBangcwele beNtsuku Zokugqibela, eyayinamalungu athandekayo angangesandla esinye xa uwabala ababedibanela kunmagumbi abhatala irenti kwiziko lwezomoya kanye. La malungu ayesendleni yokwakhakha indlu encinci yokudibanela eyayizakuba yindawo esisigxina yeCawa. Ngalo mihla amalungu ayenikela ngokusebenza kwezoo zakhiwo zintsha.

Usuku ngalunye olulandelayo ndandisiya kuqeqesho lokubhabha kwaye ndifunda kakhulu kanga ngoko ndandinokwazi ze ixesha lam elispare ndilichithele ndisebenza kwindlu entsha yokudibanela. Apho ndafunda ukuba isibini esiphindaphindane kayi4 yayingenguwo umdaniso kodwa yayiliqhekeza leplanga. Kwaye ndaphinda ndafunda ubucwepheshe bokuphosa ubhontsi wam xa ndibethelela isikhonkwane.

Ndachitha ixesha ndisebenza kulandlu yokudibanela apho umongameli—owayekwa nguye nomnye wabafundisi bethu bokubhabha—wachaza ngokukhathazeka kwakhe bokuba umhlawumbi kufanele ukuba ndichithe ixesha elinzi ezifundweni zam.

Abahlobo kwaye nabafundi endandifunda nabo babechitha ixesha labo kweezinye iiknqubo zokuhambisa ixesha nabo, nangona kukhuselekile ukuthi ezinye zezonkqubo zazingazokwamkeleka neyanamhlanje For the Strength of Youth - Amandla Olutsha incwadana. Ngokunokwam, Ndandonwabele ukuba yinxenye yalendawana incinci yantshona yesebe laseTeksas, ukukwazi ubugcisa obutsha endandisakubufumana bomsebenzi wezandla, kwaye nokuphucula isingesi sam njengokuba ndandizalekisa ubizo lwam lokufundisa iqumrhu labadala kwaye nakwi Klasi yangeCawa.

Ngelo xesha, iBig spring ngaphandle kwegama layo, yayincinci, ingabalulekanga, iyindawo engaziwayo. Kwaye ndandisoloko ndiziva ngendlela efanayo ngesiqu sam em}ndingabalulekanga, ndingaziwa, kwaye ndindodwa. Kunjalo, Andizange ndizibuze nakanye ukubangaba iNkosi yayindilebele na mna okanye ukuba yayizakukwazi na ukundifumana phaya. Ndandisazi ukuba akubalulekanga kuBawo wethu waseZulwini apho ndikhoyo, ndandikwesiphi isihlalo kunabanye kwiklasi yam yoqeqesho lukubhabhisa inqwelo moya, okanye ukuba yayintoni ubizo lwam eCaweni. Into eyayibalulekile Kuye yayikukuba Ndandisenza konke ekusemandleni wam endandikwazi ukukwenza, ukuba intliziyo yam yayithambile ngaKuye, kwaye Nndinqwenela ukunceda abo ababendinqongile mna. Ndandisazi ukuba Ndenza konke oukuhle okusemandleni wam onke, konke kwakuza kulunga.

Kwaye konke kwakulungile.15

Abokugqibela Bayakuba Ngabokuqala

Inkosi ayikhathali konke-konke ukuba sichitha iimini zethu zisebenza emaholweni amahle okanye kwizitali zamahashe. Uyayazi ukuba siphi na, nokuba sezithobeke kanjani na iimeko zethu. Uyakusebenzisa—ngendlela Yakhe kwaye Esenzela iinjongo Zakhe ezingcwele—abo abathambisa iintliziyo zabo Kuye.

UThixo uyayazi ukuba eminye yemiphefumlo emikhulu eyakhe yaphila ngabo abangasoze bavele kwiincwadi zembali ezigciniweyo. Ngabo abasikelelweyo, abathobekileyo emphefumlweni yabo abalandela umzekelo kaMsindisi kwaye bachithe imihlayobomi babo besenza okuhle.16

Omnye waba ngamaqabane atshatileyo; abazali bomhlobo wam, bangumzekelo woku kum. Umyeni wayesebenza kumzi wokusila eYutha. Ngesidlo sasemini wayekhupha izibhalo ezingcwele okanye imagazin yeCawa kwaye afunde. Xa abanye abasebenzi babebona lento, babemqhula kwaye bamlwise ngeenkolo zakhe. Nanini na xa besenza njalo, wayethetha nabo ngobubele kwaye nokuzithemba. Wayengavumeli ukuba ukungamhloniphi kwabo kumcaphukise okanye kumhluphe.

Emva kweminyaka sekukudala omnye waba babemqhula wagula. Phambi kokuba afe, wacela ukuba lendoda ithobekileyo ithethe emngcwabeni wakhe—wenza njalo.

Eli lungu linokholo leCawa alizange libenanto ngokwempilo yamabanga ezihlobo emhlabeni okanye ubutyebi, kodwa impembelelo yakhe yanda yadlulela nzulu kubo bonke ababemazi. Waswelekela kwishishini leengozi xa wama wanceda omnye umsebenzi owayexinekile kwikhephu.

Kuloo nyaka umhlolokazi wakhe kwafuneka enziwe uqhaqho ngqondo, olwamshiya engakwazi ukuhamba. Kodwa abantu bayathanda ukuyombona bachithe ixesha naye ngokuba uyamamela. Uyakhumbula. Uyakhathala. Akakwazi ukubhala, unkqaya ifoni numbers zabantwana bakhe nezabazukulwane bakhe. Ngothando ukumbula iimini zabo zokuzalwa kwaye neemini abatshata ngazo.

Abo abamndwendwelayo bahamba beziva ngcono ngobomi kwaye nangeziqu zabo. Bayaluva uthando lwakhe. Bayayazi uyakhathala. Akazange akhalaze kodwa uchitha iintsuku zakhe esikelela ubomi babanye. Omnye wabahlobo bakhe wathi lo mfazi wayengomne wabantu abambalwa awakhe wabazi owayengumzekelo wokwenene wothando nobomi buka Yesu Krestu.

La maqabane atshatile kunye babe ngaba bokuqala ukuthi babengabalulekanga kobu bomi. Kodwa iNkosi isebenzisa isikali esahlukileyo kwesehlabathi elisisebenzisayo ukulinganisela ixabiso lomphefumlo. Uyabazi aba abatshatileyo; Uyabathanda. Izenzo zabo njengamangqina aphilayo okholo lwakhe olunamandla Kuye.

Ubalulekile Kuye

Bazalwane noodade bam endibathandayo,kungayinyaniso ukuba umntu akayonto xa ethelekiswa nobukhulu behlabathi. Ngamanye amaxesha singaziva singabalulekanga, singabonakali, sisodwa, okanye silityelwe. Kodwa soloko nikhumbula—nibalulekile Kuye! Ukuba ukhe ukuthandabuze oku, cingisisa ngalemigaqo mine yezulu:

Okokuqala, uThixo uthanda abathobekileyo kwaye nabalula, ngokuba ba “khulu kakhulu kwikumkani lezulu.”17

Okwesibini, Inkosi inikela “ivangeli elipheleleyo [Lakhe] [ukuze] libhengezwe ngababuthathaka kwaye nabalula kwiziphelo zehlabathi.”18 Ukhethe “izinto ezibuthathaka zehlabathi [ukuba] [zize] ngaphambili kwaye zophule phantsi ezomeleleyo”19 kwaye bamenye “izinto ezinamandla”20

Okwesithathu, nokuba uphila phi na, nokuba iimeko zakho zithobeke kangakanani na, nendlela umsebenzi wakho uungacacanga kangakanani na, amandla wakho ashunquke kangakanani na, nokuba inkangeleko yakho iqheleke kangakanani na, okanye ubizo lwakho lwaseCaweni lubonakala luncinci kangakanani na, uyabonakala kuBawo wakho waseZulwini. Uyazazi iintliziyo zenu ezithobekileyo kwaye nezenzo zenu zothando nobubele. Kunye, badala ubungqina obude bokunyaniseka nokholo lwenu. Uyanithanda.

Okwesine nokokugqibela, ndicela niqonde ukuba enikubonayo kwaye nokwenzekayo ngoku akuzukubanjalo kunaphakade. Anisayi kubanodwa, nibebuhlungu, nive iintlungu, okanye ukutyhafa unaphakade. Sinesithembiso sokholo sikaThixo sokuba Akasoze asilibale okanye alahle abo abathambisa iintliziyo zabo Kuye.21 Yiba nethemba nokholo kweso sithembiso. Fundani ukuthanda uBawo wenu waseZulwini kwaye nibe ngabafundi Bakhe ngelizwi kwaye nagezenzo.

Qinisekani ukuba niyabambelela, nikholelwe Kuye, kwaye nihlale ekholweni ekugcineni imithetho, ngenye imini niyakuphila nizibonele izithembiso ezathyilwa nguMpostile uPawulosi: “Iliso alikaboni, nendlebe ayikava, akukabikho okungenayo entliziyweni yomntu, izinto zikaThixo abalungiselele zona abamthandayo.”22

Bazalwane noodade, owona Mzimba unamandla ehlabathini nguBawo womoya wakho. Uyakwazi. Uyakuthanda ngothando olugqibeleleyo.

UThixo uyakubona ngaphaya komzimba wenyama efayo okwiplanethi encinci ophila okwexeshana—Ukubona njengomntwana Wakhe. Ukubona njengomntu onamandla okuzenzela kwaye owakhiwe ukuze agqibelele. Ufuna ukuba uyazi ukuba ubalulekile Kuye.

Yanga singakholelwa, sithembe, simise ngca ubomi bethu ukuze siqonde ixabiso lethu eliyinyaniso namadla esinawo esingakawavezi. Yanga singazifanela iintsikelelo ezixabisekileyo uBawo wethu waseZulwini asigcinele zona ngumthandazo wam ngegama likaNyana Wakhe, ewe kanye uYesu Krestu, amen.

Shicilela