ulutsha
Thatha iLinge Lombulelo
Masingathethi nje ngokubala iintsikelelo zethu—masenze! Bhala uluhlu lwezinto ezilikhulu onombulelo wazo. Ukuba inani lazo ingathi likhulu, zama oku:
-
Bhala izinto eziyi 10 okwaziyo ukuzenza ngomzimba wakho.
-
Bhala izinto onazo zexabiso onombulelo wazo.
-
Bhala abantu abaphilayo abayi 10 onombulelo ngabo.
-
Bhala abantu abayi 10 abaswelekileyo onombulelo ngabo.
-
Bhala izinto eziyi 10 ezingendalo onombulelo ngazo.
-
Bhala izinto eziyi 10 ezenzeke namhlanje onombulelo ngazo.
-
Bhala iindawo eziyi 10 emhlabeni onombulelo ngazo.
-
Bhala phantsi izinto zanamhlanje eziyimveliso yakutsha nje onombulelo ngazo.
-
Bhala iintlobo zokutya eziyi 10 onombulelo ngazo.
-
Bhala izinto eziyi 10 ngevangeli onombulelo ngazo.
Xa sisenza uluhlu lwezi zinto olufana nolu, siye sifumanise ukuba uluhlu lwezinto eziyi-100 ayiqalisi nokuqala tu ukukrwela umphezulu wazo zonke izinto uThixo asinike zona.