2011
Inqanaba lesenzo Esiphangaleleyo
Disemba 2011


UMyalezo waBandwendweli Makhaya, Disemba 2011

Inqanaba lesenzo Esiphangaleleyo

Funda lo myalezo, kwaye ngokufanelekileyo uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze odade bakho kwaye nokukwenza Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho.

Ukholo • Usapho • Uncedo

INkosi, iCawa Yakhe, amasapho, kunye nabahlali beengingqi banemfuno yempembelelo yabafazi abangamalungisa. Ngenyaniso, uMdala M. Russel Ballard we Qumrhu LabaLishumi eLinesibini waphendula, “Wonke udade kule Cawa owenze iminqophiso kunye neNkosi unomsebenzi wezulu wokunceda asindise imiphefumlo, ukukhokela abafazi behlabathi, ukomeleza amakhaya aseZayoni, kwaye nokwakha ikumkani likaThixo.”1

Abanye oodade bangazibuza ukuba bayakwazi na ukuphumeza amabhongo anjalo na. Kodwa njengokuba watsho uEliza R. Snow (1804–87), isekela lesibini kwisimongameli sajikelele soMbutho wooDade, wacacisa, “Akukho dade uyedwa nokhutshelwa phandle, kwaye nonenqanaba elimxinwa kodwa angakwazi ukwenza lukhulu ekusekeni iKumkani likaThixo emhlabeni.”2 UDade Snow naye wafundisa ukuba Umbutho wooDade wokuncenda walungiswa “ukuze kufezwe wonke umsebenzi omhle nolungileyo.”3

Ukuthabatha inxaxheba eMbuthweni woomama kwandisa amanqanaba okukwazi ukuphembelela ngokunika udade ngamnye amathuba okwakha ukholo, ukomeleza amasapho namakhaya, kwaye nokuwazi ukunika inkonzo ekhayeni kwaye nasehlabathini jikelele. Kwaye ngethamsanqa, imizamo yethu njengabantu nanjenge Mibutho yooMama kungekho mfuneko yokuba ibe mikhulu kakhulu kwaye yothuse, kodwa ilumke kwaye ingatshintshi. Izenzo ezilungileyo njengokuthandaza rhoqo ngemini nomthandazo wosapho, ukufunda izibhalo ezingcwele rhoqo ngemini, kwaye nokusoloko sikhulisa ubizo lwethu lwaseCaweni kuyakusinceda ukuba sandise ukholo kwaye sakhe ikumkani leNkosi.

Koodade abazihluphayo ngokuzibuza ukuba le minikelo ibonakala ithule ingaba iyawenza na umahluko, uMdala Ballard waseka: “Wonke udade omela inyaniso nobulungisa ucutha impembelelo yobubi. Wonke udade owomeleza kwaye akhusele usapho lwakhe wenza umsebenzi kaThixo. Wonke udade ophila njengebhinqa likaThixo uye abe sisibane esilandelwa ngabanye kwaye utyala iimbewu zempembelelo yobulungisa eziyakuvunwa kangangezigidi ngezigidi zeminyaka.”4

Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele

1 Abase Korinte 12:4–18; 1 Timoti 6:18–19; Mozaya 4:27; Izivumo ZoKholo 1:13

Kuphuma Embalini Yethu

U Eliza R. Snow, owayesebenza njengo nobhala ngoku uMbutho wooMama wawulungiswa eNavoo, wabizwa nguMongameli President Brigham Young (1801–77) ukuba akhenkethele iCawa jikelele, unceda oobishophu ukuba bamise Umbutho wooMama kwiiwadi zabo.

UDade Snow wafundisa: “Ukuba nabani na komnye wamantombazana kunye noomama babo eIzirayeli baziva becinezelwe bembambekile emanqanabeni wabo abakuwo ngoku, ngoku baya kufumana ithuba lawo onke amandla kwaye nokukwazi ukuba namandla okwenza okulungileyo amandla abawaphathisiweyo ngenkululeko. … UMongameli Young uguqule isitshixo sandisa banzi salongeza inqanaba lokwenza kwaye nokuba nomsebenzi wokwenza.”5

Izikhumbuzo

  1. M. Russell Ballard, “oMama abaLungileyo,” Liahona, Dec. 2002, 39.

  2. Eliza R. Snow, “Kwingxoxo,” kwiWoman’s Exponent, Sept. 15, 1873, 62.

  3. Eliza R. Snow, “Ubufazi Benhlangano Yomama,” Deseret News, Apr. 22, 1868, 81.

  4. M. Russell Ballard, Liyahona, Dec. 2002, 39.

  5. Eliza R. Snow, Deseret News, Apr. 22, 1868, 81.

Yintoni Endinokukwazi Ukuyenza?

  1. Ndingabanceda Njani oodade endibandwendwelayo babone kwaye benze ngamandla wabo ukuba yimpembelelo yokulungileyo?

  2. Ndingazisebenzisa njani iziphiwo zam ezingezam kunye neetalente zam ukusikelela abanye?

Shicilela