2011
Ukukhetha Ukuba NoMbulelo
Disemba 2011


UMyalezo wesiMongameli SokuQala, Disemba 2011

Ukukhetha Ukuba NoMbulelo

Umfanekiso
NguMongameli Henry B. Eyring

UBawo wethu waseZulwini uyasiyalela ukuba sibe nombulelo kuzo zonke izinto (bona 1 AbaseTesalonika 5:18), kwaye ufuna ukuba sinike umbulelo ngeentsikelelo esizifumanayo (bona Imfundiso neMinqophiso 46:32). Siyayazi ukuba yonke imithetho Yakhe inenjongo yokusenza sonwabe, kwaye siyayazi nokuba ukwaphula imithetho kukhokelela ekuphelelwni lulonwabo.

Ke ngoko ukonwaba kwaye kunokuphepha ukuba singonwabi, kufuneka sibe nentliziyo egcwele ngumbulelo. Sibonile ebomini bethu into edibanisa umbulelo kunye nolonwabo. Sonke singathanda ukuva umbulelo, kodwa akukho lula ukusoloko sihleli sinombulelo kuzo zonke izinto ezisebunzimeni bobomi. Ukugula, Ukuphoxeka, kwaye ukulahlekelwa ngabantu esibathandayo kuza ngamanye amaxesha ebomini bethu. Imitwhalo yethu ebomini ingenza ukuba kube nzima ukubona iintsikelelo zethu kwaye nokuxabisa iintsikelelo uThixo asibekele zona kixesha elizayo.

Kunzima ukubala iintsikelelo zethu ngokuba sinomkhuba wokuthatha kancinci izinto ezilungileyo. Xa siphulukana nophahla lwendlu eliphezu kweentloko zethu, ukutya koba sitye, okanye imfudumalo yeetshomi kunye neyosapho, siye siqonde indlela ebekufanele ukuba sibe nombulelo ngayo ngoko besinako.

Okona kungaphezulu, ngamanye amaxesha kunzima ukuba nombulelo owaneleyo ngezipho ezinkulu esizifumanayo: ukuzalwa kukaYesu, Intlawulo Yakhe, isithembiso soVuko, ithuba lokonwabela ubomi banaphakade kunye namasapho ethu, uBuyiso lwevangeli nobubingeleli kunye nezitixo zobubingeleli. Kungoncedo loMoya oyiNgcwele qha apho sinikukwazi ukuqala ukuva ukuba ezo ntsikelelo zithetha ntoni na kuthi. Kwaye kulapho qha apho sinokwazi khona ukuba nethemba lokuba nombulelo kuzo zonke izinto kwaye siphephe ukona uThixo ngokungabinawo umbulelo.

Kufuneka sicele emthandazweni ukuba uThixo, ngamandla kaMoya oyiNgcwele, uyakusinceda ukuba sibone iintsikelelo zethu kakuhle ngokucacileyo kanye kanye embindini wemithwalo yethu. Angakwazi ukusinceda ngamandla oMoya ukuba sikwazi ukubona kwaye nokuba nombulelo ngentsikelelo esizithatha kancinane. Into endincedileyo mna kakhulu kukucela uThixo emthandazweni, “Ungandinceda Wena undikhokelele emntwini endingamnceda egameni Lakho?” Kusekuncedeni uThixo apho asikelela khona abanye nalapho endibonele kufutshane kakhulu khona iintsikelelo zam.

Umthandazo wam wayephenduliwe xa amanye amaqane endandingawazi ngaphambili andimema ukuba ndiye esibhedlele. Apho Ndafumana khona usana olwaluncinci kakhulu wayelingana isandla sam. Kwiiveki nje ezimbalwa zobomi, waye sele eqhaqhwe ngoogqirha amaxesha amaninzi. Oogqirha babexelele abazali ukuba olunye uqhaqho olunzima kwakufuneka ukuba lwenziwe lwenzelwa intliziyo kunye nemiphunga ukuxhasa ubomi kuloo mntwana umncinci kaThixo.

Esicelweni sabazali, Ndanika umntana intsikelelo yobubingeleli. Le ntsikelelo yayidibene nesithembiso sokongezwa kobomi. Ngaphezulu kokunika intsikelelo, Ndafumana intsikelelo nam eyentliziyo enombulelo kakhulu.

Ngoncedo luka Bawo wethu, sonke singakhetha ukuva umbulelo ngakumbi nakakhulu. Singamcela Yena ukuba asincede ukuba sizibone ngokucacileyo iintsikelelo zethu, nokuba iimeko zethu zinjani na. Ngala mini leya, Ndaye ndaxabisa ngendlela eyahlukileyo kunangaphambili ummangaliso wentliziyo kunye nemiphunga yam isebenza. Ndanika umbulelo endleleni yam egodukayo ngeentsikelelo ebantwaneni bam Endandikwazi ukuzibona ngokucacileyo yayibububele obuvela kuThixo kwaye nasebantwini ababangqongileyo.

Ngaphezulu koko, Ndandisiva umbulelo ngobungqina beNtlawulo esebenzayo ebomini babo bangabazali abanexhala kwaye nakwa bam. Ndandibone ithemba kwaye nothando olunyulu lukaKrestu lumenyezela ebusweni babo, kwaye nasebunzimeni balobo bunzima. Kwaye Ndava ubungqina ongabuva ukuba ucela uThixo akutyhilele ukuba iNtlawulo ingakuvumela ukuba uve ithemba nothando.

Sonke singakwazi ukuzikhethela ukunika umbulelo emthandazweni kwaye nokucela inkokhelo kuThixo yokukhonza abanye sisenzela Yena—ingakumbi ngelixesha lonyaka xa sibhiyozela ukuzalwa kukaMsindisi. UThixo uBawo wanika uNyana Wakhe, kwaye uYesu Krestu wasinika INtlawulo, esona sipho sikhulu kunazo zonke izipho kwaye nasupheni (bona Imfundiso neMinqophiso 14:7).

Ukuthetha ngemimbulelo emthandazweni kungasivumela ukuba sibone ubuhle nobukhulu bezi ntsikelelo kwaye nazo zonke ezinye iintsikelelo zethu kwaye sikwazi ukwamkela isipho sentliziyo enombulelo kakhulu.

Ukufundisa ngaloMyalezo

Ukubhala phantsi amava wethu kunye neentsikelelo kungasinceda ukuba sizikhumbule kwaye sibe nento esingabhekisa kuyo. Cingisisa ngokubuza abo ubafundisayo ukuba babhale phantsi izinto abazibulelayo—ukubanceda ukuba bazikhumbule intsikelelo abazifumeneyo, babone iintsikelelo zangoku, kwaye bajonge phambili kwintsikelelo zexesha elizayo.

Kwaye ungabakhuthaza abo ubafundisayo ukuba balandele umzekelo kaMongameli Eyring ekuceleni u Bawo wethu waseZulwini ukuba abakhokelele emntwini abangamnceda okanye abangaba lincedo kuye.

Shicilela