Umyalezo wesiMongameli Sokuqala, Matshi 2013
Uxolo, Yekani Nizole
Ngenye imini kwiminyaka embalwa edlulileyo, emveni kokuqabelisa umsebenzi wam wase ofisini, Ndeva impembelelo esindayo yokuba mandindwendwele umhlolokazi owayesisigulane kwindawo yokukhathalela abagugileyo eSalt Lake City. Ndaye ndaqhuba ndaya ngqo apho.
Ekufikeni kwam egumbini lakhe, Ndalifumana lingenamtu. Ndabuza umsebenzi ohoya abantu ukuba wayeyephi na ze ndalathiswa kwindawo yokuphumla. Apho Ndafumana lo mhlolokazi uthandekayo endwendwelwe ngudade wakhe kunye nenye itshomi. Saba nencoko emnandi kunye.
Ekuthetheni kwethu, indoda yathi gqi emnyango weloo gumbi izo kuthenga itoti yesiselo esihlwahlwazayo kumtshini othengisayo. Wandiqwalasela ze wathi, “Kutheni? unguThomas Monson.”
“Ewe,” Ndamphendula. “Kwaye wena ukhangeleka ufana nabakwa Hemingway.”
Wavuma ukuba unguStephen Hemingway, unyana kaAlfred Eugene Hemingway owayelisekela lam ngoku Ndandingubisophu kwiminyaka emininzi eyadlulayo eNdandimbiza Gene. UStephen wandixelela ukuba utata wakhe wayekhona naye kwaphaya kwaye wayekufutshane nokufa. uGene caba wayemane ebiza - biza igama lam, kwaye usapho lwalufuna ukunxulumana nam qha babengakwazi ukufumana amanani omnxeba wam
Ndaxolisa ndabashiya ngoko nangoko ndahamba noStephen sanyuka saya egumbini lalowo owayelisekela lam kudala, abanye abantwana bakhe babedibene apho, unkosikazi wakhe wayesele eswekile kwiminyaka ethile edlulileyo. Amalungu osapho athatha ukudibana kwam noStephen phaya kwindawo yokuphumla njengempendulo kaBawo waseZulwini yolangazelelo lwabo olukhulu lokuba yanga Ndingambona utata wabo phambi kokuba asweleke ndiphendule ukundibiza kwakhe. Nam ndava ukuba kwakusenzeka lonto, ngokuba ukuba uStephen wayengazange angene kwela gumbi eNdalindwendwele kuyo kanye kanye ngelaxesha wangena ngalo, Ndandingazokuyazi ukuba uGene wayephaya kulaa ndawo.
Saminika intsikelelo. Umoya woxolo waphumelela. Sabanondwendwelwano olumnandi, endaye Ndalushiya.
Ngentsasa elandelayo umnxeba wakhala watyhila ukuba uGene Hemingway waye wabhubha —kwimizuzu eyi-20 emva kokwamkelwa ukusikelelwa kwakhe ndim nonyana wakhe.
Ndavakalisa umthandazo othulileyo wombulelo kuBawo waseZulwini ngempembelelo ekhokelayo Yakhe, eyandithuma ukuba mandindwendwele indawo yokukhathalela ze yandifikelelisa kwitshomi yam ethandekayo uAlfred Eugene Hemingway.
Ndithanda ukucinga ukuba, iingcinga zikaGene Hemingway ngala njikalanga —njengokuba sasigcakamele ukukhanya koMoya, sathabatha inxaxheba kumthandazo othobekileyo, kwaye sanikela ngentsikelelo yobubingeleli—amemeza amazwi achazwayo kwiculo “Nkosi, iNqwithela Indlongondlongo”:
Hlala, O Mkhululi osikelelweeyo!
Ungaze undishiye ndodwa kwakhona,
Kwaye ngoyolo Ndiyakwenza indlu evunyiweyo yaselwandle
Kwaye siphumle kwinyele loyolo.
Ndisalithanda elaculo lecawa kwaye ndiyayingqina intuthuzelo eliyinikayo:
Nokuba intshabalaliso yesaqhwiti-esijulayo solwandle
Okanye amadimoni okanye amadoda okanye noba yintoni na,
Akukho manzi angagwinya inqanawa apho kulele
INkosi yolwandle noMhlaba Nezibhakabhaka.
Bayakuyithobela kamnandi intando yakho:
Uxolo, Yekani Nizole.1
Ngenyembezi nangezilingo, ngoloyiko nangeentlupheko, ngeentlungu zentliziyo nangobulolo bokulahlekelwa ngesibathandayo, kukho isiqinisekiso sokuba ubomi bobanaphakade. Eyethu iNkosi noMsindisi lingqina eliphilayo ukuba oko kunjalo.2 Amazwi Akhe kumbhalo ongcwele onele: “Yekani NiZole kwaye nazi NdinguThixo” (Iindumiso 46:10). Ndiyayingqina le nyaniso.
© 2013 yi Mveliso yeNgqondo Ekhuselweyo, Ikhampani Onke amalungelo agciniwe. Kubhalwe eUSA. Isivumelo sesiNgesi: 6/12. Isivumelo Sokuguqula: 6/12. Inguqulelo ka First Presidency Message, March 2013. Xhosa. 10663 774