UMyalezo wabaNdwendweli Makhaya, Matshi 2013
Ukuqhutywa
Funda lo myalezo ngomthandazo, kwaye ngokufanelekileyo uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze odade bakho kwaye nokukwenza Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho. Ukufumana olunye ulwazi, iya ku www.reliefsociety.lds.org.
Umprofeti wethu, uMongameli Thomas S. Monson, usikhuthazile ukuba “sifikelele kwabo abaswela uncedo lwethu kwaye sibaphakamisele kwindlela ephezulu nendlela engcono. Khumbulani ukuba ngumsebenzi weNkosi, kwaye xa sithunywe yiNkosi, silufanele uncedo lweNkosi.1
Kwiminyaka emininzi eyadlulayo u LaVene Call kunye neqabane lakhe lokundwendwela amakhaya bandwendwela udade owayangasamane esiya ecaweni. Bankqonkqoza emnyango kwaye wafumana umama owayesemncincane ngeminyaka enxibe igawuni yakhe yokulala. Wayebonakala engaphilanga, kodwa bakhawuleza babona ukuba ingxaki yakhe yayibutywala. Abandwendweli makhaya bahlala kwaye bathetha naloo mama usemncinane.
Emva kokuba bemkile, bathi, “Ngumntwana kaThixo. Sinomsebenzi wokumnceda.” Ke ngoko bamndwendwela qho. Qho ngeloo xesha, babebona kwaye besiva uguquko oluyinene. Bacela loo dade ukuba aye kuMbutho wooMama. Nangona wayethandabuza, wade wamane esiya qho. Emva kokukhuthazwa, yena nomyeni wakhe kunye nomntwana wabo babesiya ecaweni. Umyeni wawuva uMoya oyiNgcwele. Wathi, “Ndizakwenza lento ubishophu ayicebisayo.” Ngoku bakhuthele eCaweni kwaye batywinwa etempileni.2
Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele
Kuphuma Embalini Yethu
Ukunceda abo abaye balahleka ukuba babuye evangelini kaYesu Khrestu kwakusoloko kuyinxenye yokuba Ngongcwele weeNtsuku Zokugqibela nokuba lilungu loMbutho wooMama. UMongameli Brigham Young (1801–77) wathi, “Masibe nemfesane komnye nomnye, … Kwaye uvumele abo ubabonayo bakhokele iimfama zide zizibonele indlela ngokwazo.”3
Eliza R. Snow,isekela lesibini kuMbutho wooMama wesimongameli sajikelele, wavuma ngombulelo iinzame zoodada eOgden,Utah, eMelika, zokomelezana. “Ndiyayazi ngqo ukuba okuninzi kuyanikelwa [ngokwenkonzo yokunceda] engasoze ifikelele [elugcinweni]ezincwadini,” watsho Kodwa ukuqwalasela ukuba irekhodi lezulu luyagcinwa lwemisebenzi yoodade njengokuba befikelela kwabo intliziyo zabo eziye zabanda, wathi: “uMongameli Joseph Smith wathi lo mbutho walungiselelwa ukusindisa imiphefumlo. … Enye incwadi igciniwe yokholo lwakho, ububele bakho, imisebenzi yakho emihle, kunye namazwi. … Akukho nto ilahlekileyo.”4
© 2013 yi Mveliso yeNgqondo Ekhuselweyo, Ikhampani Onke amalungelo agciniwe. Kubhalwe eUSA. Isivumelo sesiNgesi: 6/12. Isivumelo Sokuguqula: 6/12. Inguqulelo ka Visiting Teaching Message, March 2013. Xhosa. 10663 774