2014
Umsebenzi Okhethekileyo kaYesu Krestu: UMsindisi noMhlanguli
Epreli 2014


UMyalezo waBaNdwendweli Makhaya, Tshazimpuzi 2014

Umsebenzi Okhethekileyo kaYesu Krestu: UMsindisi noMhlanguli

Funda ngokuthandaza ezi zinto kwaye ucele ukwazi ukuba ungabelana ngantoni. Ukuqonda kabanzi ubomi nomsebenzi woMsindisi kuzalukhulisa kanjani ukholo lwakho Kuye kwaye kuzakubasikelela kanjani abo ubagadisiweyo ngokufundisa ngokubandwendwela? Ukufumana incukacha ethe vetshe, yiya ku reliefsociety.lds.org.

Ukholo, Usapho, Uncedo

Phakathi kuwo onke amagama awabalulekileyo awachaza uYesu Krestu nguMhlanguli,” watsho uMvangeli uD. Todd Christofferson olilungu Labafundi Abalishumi Elinesibini. “Ukuhlangula kuthetha ukubhatala isinyanzelo okanye ityala. Ukuhlangula kungaphinda kutsho ukunceda okanye ukukhulula ngokubhatala intlawulo. … Enye nganye yezinkcazelo kubeka izinto ezahlukeneyo ngeNtlawulo enkulu eyenziwa nguYesu Krestu ngeDini laKhe, eliquka, kumagama wetoliko, ‘ukuhlangula esonweni kunye nembandezelo zesono, ngedini elenzelwa umoni.”1

ULinda K. Burton, uMongameli Jikelele weQumrhu Lwamanina, wathi: “UBawo OsemaZulwini … wathumela uNyana waKhe oyiNtanda ukuba azofela izono zethu, iintlungu zethu, kunye nako konke okubonakala kungalunganga ebomini bethu.

‘ … Omnye umfazi owayephuma kwiimbandezelo nobuhlungu beeminyaka wathi ‘Sendide ndaqonda ukuba ndifana nephetshana lamadola angama 20-elidala, elishwabeneyo, elikrazukileyo, elingcolileyo, elihlumazekileyo kwaye neligcwele izilonda. Kodwa … Ndisaxabisa amadola angama 20 awapheleleyo.’ Lo mfazi uyayazi ukuba … wayexabiseke ngokupheleleyo ku [Thixo] ukuba athumele uNyana waKhe azomfela, yena buqu. Bonke abodade kweli Bandla kumele bazi lento iyaziwa ngulomfazi.”2

Okuphuma kwiZibhalo eziNgcwele

2 Nifayi 2:6; Hilamani 5:11; Mosisi 1:39

Okuphuma Kwimbali Yethu

ITestamente Entsha ibandakanya iziganeko zabasethyini abasebenzisa ukholo kuYesu Krestu, bafunda kwaye baphila iimfundiso zaKhe, kwaye bangqina ngobufundisi baKhe, nemimangaliso kunye namandla waKhe.

UYesu wathi kwintokazi emthonjeni:

“Ke yena othe wasela kuwo amanzi, endiya kumpha wona mna, akasayi kuza anxanwe naphakade; aya kusuka amanzi, endiya kumpha wona, abe ngumthombo kuye wamanzi ampompozela ebomini obungunaphakade.

‘Ithi intokazi kuye, Nkosi, ndiphe loo manzi, ukuze ndinganxanwa. …

“Ndiyazi ukuba [uMesiya] uyeza, … : xa athe weza yena, uya kusityela izinto zonke.

“Athi uYesu kuyo, Mna ndithethayo nawe ndinguye.”

Wawushiya “ngoko umphanda wayo” yangqina ngaYe esixekweni. (Bona Yohane 4:6–30.)

Izikhumbuzo

  1. D. Todd Christofferson, “Intlawulo,” Ensign okanye Liyahona kaCanzibe 2013, 109.

  2. Linda K. Burton, “Ingaba Ukholo kwiDini likaYesu Krestu Lubhaliwe Ezintliziyweni Zethu?” Ensign or Liyahona, EyeNkanga. 2012, 114.

Yintoni Endinokwazi Ukuyenza?

  1. Singabonisa kanjani umbulelo kuMsindisi nakuMhlawuli, uYesu Krestu?

  2. Singazifumanela kanjani iintsikelelo zedini loMsindisi wethu ebomini bethu?

Shicilela