2014
Eyona Ankile Esisigxina
Epreli 2014


UMyalezo woBumongameli BokuQala, Tshazimpuzi 2014

Eyona Ankile Esisigxina

Umfanekiso
NguMongameli Dieter F. Uchtdorf

Akukudalanga kakhulu apho ndithe ndabanethuba lokukhwela inqanawe kunxweme olumangalisayo lwase Alaska, USA. Ngelixa umqhubi wayelungiselela ukuhlala kwenqanawe ubusuku bonke elunxwemeni olusekudeni, waye waceba ngokunonophela ngalendawo nangezimo zakhona, ezifana nobume bamaza, ubunzulu bamanzi, kunye nomgama osuka kwiindawo ezinobungozi. Emveni kokwaneliseka, uye wajula i-ankile ukuze inqanawe ihlale ikhuselekile kwaye igxininisekile, evumela abakhweli ithuba lokumangaliseka kubuhle obumangalisayo bendalo kaThixo.

Njengoko ndandijongile elunxwemeni, ndiye ndabona ukuba inqanawe yayisele ishenxa kancinane kancinane ihanjiswa ngumfutho womoya omncinane nje kwaye nangumsinga wangaphantsi. Kunjalonje, inqanawe iye yema ngxi yamana ukungqunga kwisangqa esisikelwe ngobude be ankile kwaye nangamandla ye-ankile leyo.

Umqhubi akazange agcine i-ankile enqanaweni, ilungele ukuba yehliswe qha xa kuvela isichotho. Hayi, uye wayikhusela lenqanawe ngokwendlela yokuyivikela kwaye eyikhusela ukuba ingangeni kumanzi anobungozi okanye ishenxele endleleni xeshikweni abakhweli nabasebenzi beziva bekhuselekile.

Njengokuba ndandicinga ngesisiqendu, kuye kwathi qatha kum ukuba lento ayilothuba lomzekeliso, kutsho ukuthi andizange ndabhabhisa inqwelo moya.

Kutheni Sidinga Ii-anikile

Injongo ye-ankile kukugcina inqanawe ikhuselekile kwaye ilondolozekile kwindawo eyisikelweyo okanye ukunceda ukulawula inqanawe kwixesha lemo yezulu elibi. Kodwa, ukuze kuzalekiswe ezinjongo zibalulekileyo, ukubane ankile qha akonelanga. I-ankile kufuneka iqine, ithembeke, kwaye isetyenziswe kakuhle ngexesha elilungileyo nakwindawo elungileyo.

Abantu kunye neentsapho zidinga ii-ankile nazo.

Ubunzima bungeza njenge sichotho esikhulu ukusisusa endleleni kwaye sisigrogrisele ematyeni. Kodwa ngamanye amaxesha sibasengozini xa yonke into ibonakala ikhuselekile — imimoya ithambile kwaye namanzi ezolile. Eneneni, singaba kweyona ngozi inkulu xa sishenxa kwaye nohambo lwethu luzolile ngendlela esingayiboniyo.

Ivangeli Yi-ankile Yethu

Ii-ankile kufuneka ziqine, zibenamandla, kwaye zilondolozwe ukuze zihlale zilungile xa zidingeka. Ngaphezulu koko, kumele zincanyathiselwe kwisisekelo esizakwazi ukumelana nobunzima bemimoya ejongene nayo.

Ngenene, ivangeli kaYesu Krestu iyiyo lo ankile. Yalungiselelwa nguMdali wehlabathi ngenjongo ekhethekileyo kwaye yenzelwa ukuba izise ukhuseleko nolondolozo kubantwana baKhe.

Ingaba yintoni ivangeli, emva konke, ngaphandle kwecebo likaThixo lokusindisa abantwana baKhe kwaye ababuyisele kubukho baKhe?

Ukwazi ukuba kukwindalo yento yonke ukuba zishenxe, kumele siqinise ii-ankile zethu kwibhedi yevangeli yenyaniso. Akufuneki zihliswele nakancinane esantini yegugu okanye zichukumise phantsi kwinkolo yethu.

Kulenyanga sinethuba lokuva imithanjiswa kaThixo kwinkomfa yajikelele yeBandla. Amazwi wabo, ebandakanywe nezibhalo ezingcwele kunye nemizwa yoMoya, kusizisela ibhedi yembokodo eqilima yesisekelo semithetho yangonophakade nemigaqo esingancamathisela kuyo ii-ankile zethu ukuze sihlale somelele kwaye silondolozekile phakathi kumaginxiginxi neembandezelo zobomi.

Umprofethi wakudala uHelemani wafundisa, “Kuphezulu kweliwa loMkhululi wethu, onguKrestu, uNyana kaThixo, apho kufuneka nakhele isiseko senu; ukuze xa umthyoli eya kuthumela imimoya yakhe enamandlakazi, ewe, iintolo zakhe njengesitshingitshane, ewe, xa sonke isichotho sakhe kwa noqhwithela olunamandlakazi lubetha phezu kwenu, aluyi kuba namandla phezu kwenu ukunirhuqela ezantsi kumsantsa wenkxwaleko nesimbonono esingenasiphelo, ngenxa yeliwa elo enakhwele phezu kwalo, elisisiseko esiqinisekileyo, isiseko apho ukuba uluntu lwakhela kuso alunakho ukuwa” (Hilamani5:12).

Ukuxabiseka Kwee-ankile Eziliqilima

Ubomi bunendlela yokuvavanya ii-ankile zethu kwaye busilinge ukuba sishenxe. Kunjalonje, ukuba ii-ankile zethu zibekwe kakuhle kwimbokodo yoMsindisi wethu, zizakubambelela nokuba amandla womoya, amandla wamaza, okanye ubude bamaza bungakanani.

Eneneni, inqanawe ayokhelwanga ukuba ime nje elunxwemeni kodwa ukuba yenyuse i-ankile kwaye ihambe elwandle. Kodwa lowo ngumzekeliso welinye ixesha.

Okwa ngoku, ndiyaxola ngokwazi ukuba i-ankile yevangeli kunye nembokodo yoMsindisi wethu ziyakusigcina somelele kwaye silondolozekile.

I-ankile enjalo iyakusivikela ekushenxeleni engozini nasemashweni. Iyakusipha elona thuba lihle lokonwabela ubuhle obumangalisayo bobomi obusoloko butshintsha tshintsha kwaye bugcwele neziqendu.

Ubomi buhle kwaye kumele buphilwe. Umoya, isichotho, kunye nemisinga zingazama ukusishenxiselela ezingozini esizibonayo okanye nesingaziboniyo, kodwa umyalezo wevangeli namandla wayo amangalisayo ziyakusigcina sise ndleleni eyakusibuyiselela elunxwemeni olukhuselekileyo lukaBawo wethu oseZulwini.

Masingamamelini iinthetho zenkomfa yajikelele yenyanga kaTshazimpunzi qha, kodwa sisebenzise nemiyalezo yayo njenge ankile eliqilima ebomini bethu.

Wanga uThixo angasisikelela kwaye asigcine kule ndlela ibaluleke kangaka kwaye edingekayo!

Ukufundisa ngaloMyalezo

Ungacinga ukuxoxa ngokubaluleka kwe- ankile kwibali losapho lukaLihayi olwalusingisele kwilizwe lesithembiso (bona 1 Nifayi 18). Mhlawumbi ungabalisa ngo 1 Nifayi 18:11–15, ngexesha uNifayi ebotshiwe, iLiyahona yayeka ukusebenza, kwaye nenqanawe yaqhutywa zezona zichotho zinobungozi. Zeziphi iziphumo ezithi sijongane nazo xa singakhuselekanga kwivangeli? Mhlawumbi ungabalisa ngo 1 Nifayi 18:21–22 kwaye uxoxe ukuba singalufumana kanjani ukhuseleko ngokubuyela kuMsindisi.

Shicilela