2014
Isivuno sikaThixo
Agasti 2014


UMyalezo WobuMongameli Bokuqala, eyeKhala 2014

Isivuno sikaThixo

Umfanekiso
NguMongameli Dieter F. Uchtdorf

Intokazi eyayibizwa ngoChrista yayisebenzela inkampani encinci yembewu. Yena wayewuthanda umsebenzi wakhe. Yayiyinto yommangaliso omkhulu ukuba imbewu nganye encinane awayethi ayithengise ukuba yayinamandla yokuziguqula ibe yinto emangalisayo — umnqatha, ikhaphetshu, okanye umthi omkhulu weenkuni.

UChrista wayethanda ukuhlala kwikhomputha yakhe athathe ii-odolo kwaye aphendule nemibuzo. Kodwa ngenye imini wafumana isikhalazo esathi samphazamisa.

“Iimbewu azisebenzi,” watsho umthengi. “Ndazithenga kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo kwaye akukabina nto.”

“Ingaba uzityalele kumhlaba olungileyo kwaye wazipha amanzi awoneleyo kunye nokukhanya kwelanga?” uChrista wabuza.

“Hayi, kodwa ndiyenzile indima yam,” waphendula umthengi. “Ndazithenga iimbewu. Ngaphezu koko, ziqinisekisiwe ukuba zizakhula.”

“Kodwa awuzange uzityale?”

“Hayi khona. Oko kutsho ukuthi ndiyakungcolisa izandla zam.”

UChrista wayicingisisa lento kwaye wagqiba kwelokuba imigaqo yokutyala kumele ibhalwe. Wagqiba kwelokuba umgaqo wokuqala uyakuba: “Kufuneka ulandele imimiselo yokutyala khona ukuze iimbewu zihlume. Ngekhe uzifake ekhabhathini kwaye ulindele ukuba zikhule.”

Akuthathanga xesha lide phambili kokuba esinye iskhalazo simphazamise.

“Ezi mbewu azihlumi,” umthengi watsho.

“Ingaba uzityale kumhlaba olungileyo?” uChrista waphedula. “Ingaba uziphe izinga lamanzi elaneleyo kunye nokukhanya kwelanga?”

“Oh, ewe,” watsho umthengi. “Ndikwenzile konke oko- nqwa njengokuba isitsho epaketheni. Kodwa azisebenzi.”

“Ingaba kukhona into eyenzekileyo mpela? Ingaba ziye zahluma?”

“Akukho nto eyenzekileyo,” watsho umthengi. “Ndizityalile njengokuba ndayalelwa. Bendithembe ukuba ndizakubanee tumato ngesidlo sangokuhlwa. Ngoku ndiphoxakele kakhulu.”

“Khawume,” waphendula uChrista. “Ingaba uthi uzityale namhlanje ezi mbewu?”

“Ungazogeza,” watsho umthengi. “Ndizityale kwilixa elingange veki. Bendingalindelanga ukubona iitumato kwilanga lokuqala; bendino monde. Khawuthi ndikuxelele, kuye kwabakho ukunkcenkceshela okuninzi kunye nokulinda phakathi kwangoko nangoku.”

UChrista wayazi nje ukuba kuzomele ongeze omnye umgaqo: “Ezi mbewu zihambelana nemithetho yezifundo ngobomi bezinto eziphilayo. Ukuba utyala iimbewu ekuseni kwaye ulindele ukutya iitumato ngelixa kuphela iveki, uyakuphoxakala. Kufuneka ubenomonde kwaye ulindele umsebenzi wendalo ukuba uzibonakalise phambi kwakho.”

Konke kuye kwaqhubeka kakuhle de uChrista wafumana esinye isikhalazo.

“Ndiphoxakele kakhulu kwiimbewu zenu,” waqala ngokutsho umthengi. “Ndizityale njengokuba ipakethe isitsho. Ndiziphe amamnzi, ndaqinisekisa ukuba zithola ukukhanya kwelanga, kwaye ndalinda de ekugqibeleni zavelisa isivuno sazo.”

“Kuvakala ngathi wenze yonke into kakuhle,” uChrista watsho.

“Konke oko kulungile kakhulu,” waphendula umthengi. “Kodwa into endiyifumeneyo iye yaba yi’-zucchini!”

“Iincwadi zam zibonakalisa ukuba zezona mbewu owathi wazi-odala,” watsho uChrista.

“Kodwa andifuni i-zucchini; ndifuna amathanga!”

“Andilandeli.”

“Ndiye ndatyala iimbewu kwindawo yethanga — mhlaba okwanguwo othe wavelisa amathanga kulonyaka uphelileyo. Ndazibonga izityalo yonke imihla, ndizixelela ukuba zizakuba ngamathanga amahle kanjani. Kodwa endaweni yamathanga amakhulu, awa-orenji,ndiye ndathola ii-zucchini eziluhlaza. Inqwaba yazo!”

UChrista wayesele eyazi ukuba imigaqo mhlawumbi ayonelanga kwaye kwakudingeka ukuba achaze injongo: Imbewu oyityalayo kwakunye nexesha lokuyityala kuko okuphuhlisa isivuno.”

Umthetho WesiVuno

UMpostile uPawulosi wafundisa ngesivuno sikaThixo:

“Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa:kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona.

“Ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama wovuna ukonakala ngokwasenyameni; kodwa lowo uhlwayelela uMoya ke wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.

“Ke ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla: kuba sovuna ngexesha elililo, ukuba asityhafi” (AmaGalati 6:7-9).

Kumaxesha adlulileyo, iNkosi iye yasinika ubulumko obongezekileyo kunye nembono kulomthetho ungaguqukiyo:

“Kunomthetho, ongasokuze uguqulwe ezulwini phambili kwesisekelo salomhlaba, apho zonke iintsikelelo zixhomekeke khona.

“Kwaye xa sifumana nayiphi intsikelelo kuThixo, kungenxa yentobeko apho kulomthetho ubekiweyo” (D&C 130:20-21).

Into esiyihlwayelayo, siyayivuna.

Isivuno sikaThixo simangalisa ngendlela engacingekiyo. Kwabo bamzukisayo, iintsikelelo zaKhe ezimangalisayo ziza “ngemilinganiselo elungileyo, zicoliwe, zishukunyisiwe kunye, kwaye ziphuphuma. … Kuba umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani” (Luka 6:38).

Njengokuba iimbewu zasemhlabeni zidinga iinzame nomonde, zinjalo neentsikelelo zasezulwini. Asinokubeka inkolo yethu ekhabhatini kwaye silindele ukuvuna iintsikelelo zomoya. Kodwa ukuba siyatyala kwaye sikhathalele iimfundiso zevangeli kubomi bemihla ngemihla yosapho lwethu, kunethuba elikhulu lokuba abantwana bethu bazokhula bavelise isiqhamo somoya sexabiso elikhulu kubo nakwizizukulwana ezizayo.

Iimpendulo zikaThixo kwimithandazo yethu azisoloko ziza ngokukhawuleza — ngamanye amaxesha azibonakali zisiza tu — kodwa uThixo uyayazi into elungele abantwana baKhe. Ngokuqinisekileyo, ngenye imini sizakubona ngokucacileyo; kwaye ngale yomini siya kukubona ukulunga nobubele bezulu.

Okwangoku, imbono yethu kunye novuyo olukhulu kukuhamba ezinyaweni zeNkosi yethu noMsindisi wethu kwaye nokuphila kakuhle kunye nobomi obuguqukileyo khona ukuze isivuno esithenjisiweyo nesihle sikaThixo seentsikelelo ezingenaxabiso zingaba zezethu.

Into esiyihlwayelayo, siyayivuna.

Lowo ngumthetho wasezulwini.

Lowo ngumthetho kaThixo wesivuno.

Ukufundisa Ngalo Myalezo

Xoxa nabo ubandwendwelayo ukuba umthetho kaThixo wesivuno ungena kanjani kubudlelwane, kwinguquko kunye nobungqina, okanye neembono zemfundo. Ungafunda kwaye ucingisise nezibhalo ezimalunga nalo mthemtho, ezinjenge Imizekeliso 11:18;2 AbaseKorinte 9:6; kunye Alma 32. Bakhuthaze ukuba bajonge futhi iimbono zexesha elidlulileyo kwaye babeke iimbono ezintsha ukuze bafikelele kwiziphumo ezilungileyo. Bancede ukuba baphuhlise icebo lokwenza ngokuzimisela ukuze bafikelele kwinjongo yabo yexesha elide.

Shicilela