2014
Umsebenzi Ongcwele kaYesu Krestu: uMesiya
Agasti 2014


Umyalezo wabaNdwendweli Makhaya, eyeKhala 2014

Umsebenzi Ongcwele kaYesu Krestu: uMesiya

Funda ngokuthandaza kulo myalezo kwaye ucele ukwazi oko ongabelana ngako. Ukuqonda kabanzi ngobomi kunye nomsebenzi woMsindisi kulandisa kanjani ukholo lwakho Kuye kwaye luzakubasikelela kanjani abo ubanikiweyo ukuba ubajonge ngokufundisa ngokubandwendwela? Ukufumana ulwazi oluthe vetshe, iya ku www.reliefsociety.lds.org.

Ukholo, Usapho, Uncedo

Izibhalo ezingcwele zisifundisa ukuba singaphila kubukho bukaThixo “ngenxa yobulungisa, nenceba, kunye nozuko lukaMesiya Ongcwele” (2 Nifayi 2:8). UMesiya yigama lesi-Aramiki kunye nesiHebhere elithetha “umthanjiswa.” … KwiTestamente eNtsha uYesu ubizwa uKrestu, othelekiswa noMesiya ngesiGrike. Ithetha ukuthi uMprofethi othanjisiweyo, uMfundisi, iKumkani kunye noMhlanguli.”1

UMdala Jeffrey R. Holland weQumrhu LabaPostile Abalishumi Elinesibini wangqina: “Ndiyazi [uYesu Krestu] nguYe oyiNgcwele wakaSirayeli, uMesiya oyakubuya ngelinye ilanga nozuko lwakhe, azophatha emhlabeni njengeNkosi yeenkosi kunye neKumkani yeekumkani. Ndiyazi ukuba alikho elinye igama elinikiwe ngaphantsi kwezulu apho indoda [okanye umfazi] angasindiswa ngalo.”2

“[UYesu Krestu] nguMsindisi kunye noMhlanguli welizwe,” watsho uMongameli Dieter F. Uchtdorf, Isekela LesiBini kuBumongameli BokuQala. “Yena unguye uMesiya owayethenjisiwe. Waphila ubomi obugqibeleleyo kwaye wafela izono zethu. Uyakuhlala esecaleni kwethu. Uyakusilelwa iimfazwe zethu. Ulithemba lethu; Yena uyintsindiso yethu; Yena uyindlela.”3

IziBhalo Ezongezelelweyo

Yohane 1:38-41; 4:25-26, 40;2 Nifayi 6:13; 25:16-17

Okuphuma kwiZibhalo eziNgcwele

Abafundi basetyhini bakaKrestu bebengamangqina wendima yaKhe njengo Mesiya. UMariya waseMagadala wayengumfundi kaYesu Krestu. Wayengo wokuqala ukubona “ilitye lisusiwe engcwabeni” ngentsasa yoVuko lukaKrestu. Wema “ngaphandle ngasengcwabeni elila” emva kokubona ukuba umzimba waKhe wawusele ungekho engcwabeni.

Waze “wajika, kwaye wambona uYesu emi, wayengazi ukuba nguYesu.

“Athi uYesu kuye, Mfazi, ulilelani na? ufuna bani na? Yena, esiba ngumgcini-myezo, uthi kuye, Nkosi, ukuba umsusile apha, ndixelele apho umbeke khona, mna ndiye kumthabatha.

“Athi uYesu kuye, Mariya. Wajika yena, wathi kuye, Rabhoni; oko kukuthi, Mfundisi.” UMariya wabona ukuba yayingengo mngcini-myezo kodwa inguYesu Krestu, uMesiya. (Bona Yohane 20:1-17.)

Izikhumbuzo

  1. ”Mesiya”; scriptures.lds.org.

  2. uJeffrey R. Holland, “The Only True God and Jesus Christ Whom He Hath Sent,” Liahona, eyeNkanga. 2007, 42.

  3. uDieter F. Uchtdorf, “The Way of the Disceple,” iLiahona, uCanzibe 2009, 78.

Cingisisa Ngoku

Kutheni kubalulekile ukuqonda indima yoMsindisi ngenjo Mesiya?

Shicilela