2015
Ukugcina uMbhalo
Julayi 2015


Ulutsha

Ukugcina uMbhalo

UMongameli Uchtdorf uthelekisa umhla wethu kumaxesha woovulindlela. Nangona usenokuba awuzange unqumle lamathambeka, ufana ngakumbi kunoovulindlela kunokuba unokucinga! Nawe ungabonisa imfesane, ukusebenza nzima, kunye nethemba ekwenzeni kokuhle. Kwaye njengokuba sisazi ukuba oovulindlela babonisa ezimpawu ngenxa yemibhalo abayigcinayo, inzala yakho ingafumanisa ikwazi wena ngenxa yencwadi yembali yakho nawe.

Thatha imizuzu embalwa ukubhala kancinci ngawe kwincwadi yembali yakho. Ungabhala ngezinto zasemoyeni, njengokuba wabuzuza njani ubungqina bakho okanye wayongamela njani imiceli-mngeni ngoncedo lukaBawo oseZulwini. Wena ungakwazi nokunceda isizukulwana sakho (esisenokufunda incwadi yembali yakho ngenye imini!) ukwazi ukuba babunjani ubomi bakho bemihla ngemihla. Zeziphi iinkqubo ozenzayo esikolweni? Linjengantoni igumbi lakho? Yeyiphi inkumbulo yosapho lwakho oyithandayo?

Njengoko uqalisa ukubhala kancinane intsuku zonke, awuyikubona ngokucacileyo ngakumbi kuphela ukuba ukunceda njani na uBawo oseZulwini kubomi bemihla ngemihla, njengokuba Yena wakhokela oovulindlela, kodwa uyakube ushiya ilifa ukwenzela inzala yakho yakamva.

Shicilela