2015
Iimpawu zobuthixo zikaYesu Krestu: Ukuxolela kunye neNceba
Julayi 2015


UMyalezo waBaNdwendweli Makhaya, Julayi 2015

Iimpawu zobuthixo zikaYesu Krestu: Ukuxolela kunye neNceba

Funda ngokuthandaza ezi zinto kwaye ucele ukwazi ukuba ungabelana ngantoni. Ukuqonda kabanzi ubomi neendima zoMsindisi kuza kulukhulisa kanjani ukholo lwakho KuYe kwaye kuza kubasikelela kanjani abo ubagadisiweyo ngokubafundisa ngokubandwendwela? Ngenkcukacha ethe vetshe, yiya ku reliefsociety.lds.org

Ukholo, Usapho, Uncedo

Ukwazisisa ukuba uYesu Krestu usoloko esixolela kwaye abe nenceba kuthi kungasinceda sixolele kwaye sibenceba kwabanye. “UYesu Krestu ungumzekelo wethu,” watsho uMongameli Thomas S. Monson. “Ubomi baKhe bebu lilifa lothando. Abagulayo wabaphilisa; abaphethwe kakubi wabaphakamisa; umoni wamsindisa. Ekupheleni igquba elalinomsindo labuthabatha ubomi baKhe. Kwaye kukhala kwinduli yaseGolgotha amazwi: “Bawo, baxolele, kuba abakwazi oko bakwenzayo” amazwi angundoqo wothando nemfesane kulo mhlaba.1

Ukuba siyabaxolela abanye izono zabo, uBawo wethu oseZulwini uzakusixolela naye. UYesu usicela oku “ngoko ke yibani nenceba njengokuba naye uYihlo enenceba” (Luka 6: 36). “Uxolelo lwazo ezethu izono luza nemiqathango,” watsho uMongameli Dieter F. Uchtdorf, uMcebisi Wesibini kuBongameli Bokuqala. “Thina kumele siguquke. … Akhange na thina sonke, ngexesha elithile okanye elimbi, ngenyameko sibhenele kwisihlalo sokucamagusha kwaye sibongozele ufefe? Akhange na thina sinqwenele inceba ngawo wonke amandla wemiphefumlo yethu—ukuxolelwa kwiimpazamo esizenzileyo kunye nezono esizenzileyo? … Vumela intlawulelo kaKrestu ikuguqule kwaye iphilise intliziyo yakho. Thandanani. Xolelanani.”2

IziBhalo Ezongezelelweyo

Mateyu 6:14–15; Luka 6:36–37;Alma 34:14–16

Okuvela kwiZibhalo eziNgcwele

“Thina kufuneka sixolele njengokuba nathi sixolelwa,” watsho uMdala Jeffrey R. Holland weQumrhu labaPostile Abalishumi elinambini.3 Ibali lonyana wolahleko lisibonisa womabini amacala oxolelo: omnye unyana uxolelwe kwaye omnye unyana uyasokola ukuxolela.

Unyana omncinci wathabatha ilifa lakhe, ngokukhawuleza walichitha, kwaza xa ifikile indlala, wasebenza etyisa iihagu. Izibhalo zithi “ke kaloku akuba nokuziqonda,” wabuyela ekhaya kwaye wathi kuyise wayengasafanele kuba ngunyana wakhe. Kodwa uyise wamxolela kwaye waxhela ithole elityetyisiweyo esenzela isidlo. Unyana omdala wabuya ekusebenzeni emasimini kwaye waba nomsindo. Yena wamkhumbuza uyise ukuba wamkhonza iminyaka emininzi, engazange waphula miyalelo, ukanti “akuzange undinike netakane, ukuze ndenze imihlali.” Uyise waphendula, “Nyana, wena uhleli unam, nazo zonke izinto zam zezakho. Besimelwe kukuthi senze imihlali ke, kwaye sivuye: ngokuba umntakwenu lo ebefile, ngoku uyaphila kwakhona; kwaye ebelahlekile, ngoku ufunyenwe” (bona Luka 15:11–32).

Izikhumbuzo

  1. Thomas S. Monson, “Love, the Essence of the Gospel,” Liyahona, Canzibe 2014, 91.

  2. Dieter F. Uchtdorf, “The Merciful Obtain Mercy,” Liyahona, Canzibe 2012, 70, 75, 77; ugxininiso koko kwenene.

  3. Jeffrey R. Holland, “The Peaceable Things of the Kingdom,” Kwi Ensign, Nkanga 1996, 83.

Cingisisa Ngoku

Ukuxolela kungayinzuzo kanjani kulowo uxolelayo?

Shicilela