2015
Konke Kuhle
Julayi 2015


Umyalezo woBongameli Bokuqala, Julayi 2015

Konke Kuhle

Umfanekiso
NguMongameli Dieter F. Uchtdorf

Xa ndicinga ngemvelo yoovulindlela bethu, enye yezinto ezishukumisayo eye ithi qatha engqondweni liculo “Come, Come, Ye Saints” (Hymns, no. 30). Abo benza uhambo olude olwalusingise kwiNtlambo iSalt Lake babemana ukucula eliculo kuhambo lwabo.

Ndikuqonda ngamandla kwakungekuhle konke ngaba baNgcwele. Babethwa kukugula, ubushushu, ukudinwa, ukugodola, uloyiko, ukulamba, intlungu, intandabuzo kunye nkqu nokufa.

Kodwa ngaphandle kokuba babenaso nesiphina isizathu sokudanduluka, “Konke akukuhlanga”, batyala isimilo esingenakunceda ngaphandle kokuba sisincome namhlanje. Bajonga ngaphaya kweengxaki zabo kwiintsikelelo zanaphakade. Babenombulelo kwiimeko zabo. Nangona kwakunobungqina obuphikisa oko, bacula ngako konke ukuqiniseka kwemiphefumlo yabo, “Konke Kuhle!”

Isibongo sethu esenzelwa oovulindlela singaba lilize ukuba asibangi sizicingisise ngaphakathi kweyethu indima. Ndichaza ezimbalwa kwiimpawu ezindiphembelelayo xa ndicinga ngedini labo kunye nokuzinikela.

Imfesane

Oovulindlela babekhathalelene ngaphandle kokucingelana malunga nemvelaphi yabo yezentlalo, yezoqoqosho, okanye yochaphazeleko kwezepolitiki. Nkqu naxa kwakulibazisa inkqubela-phambili yabo, kubange inkxamleko, okanye kwakutsho ukuzinikezela komntu kunye neenzame zomntu babencedana.

Kwihlabathi lethu eliqhutywa ngamaphupho kunye neyantlukwano, iimbono zomntu okanye ezeqela zingathatha ukubaluleka ukugqitha ukukhathalela abanye okanye ukomeleza ubukumkani bukaThixo. Kwilizwe lanamhlanje, ukufikelela kumaphupho emfundiso ethile kungabonakala kungumlinganiselo wexabiso lethu.

Ukumisa kunye nokufezekisa amaphupho kungayinto entle kakhulu. Kodwa xa impumelelo ekufikeleleni kumaphupho wethu isiza ngexabiso lokungahoyi, lokungakhathaleli, okanye lokulimaza abanye, ixabiso laloompumelelo lisenokubalikhulu kakhulu.

Oovulindlela babekhathalele abo babekwiqumrhu labo, kodwa babecingela nabo babesiza emva kwabo, betyala iinkozo besenzela imikrozo yeenqwelo eyayilandela.

Babewazi amandla osapho kunye nabahlobo. Kwaye ngenxa yokuba babexhomekeke komnye nomnye, baye bomelela. Abahlobo babephethwe ngathi lusapho.

Oovulindlela basisikhumbuzo esilungileyo sokuba kutheni kufuneka sizisusele kude kuhendo lokuba sizicalule yaye, endaweni yoko, emveni koko sifikelele ekuncedaneni kwaye sibenemfesane kunye nothando omnye komnye.

Umsebenzi

“Come, come, ye Saints, no toil nor labor fear.”

Esi saci saba ngumhobe kwabo bahambi babediniwe. Kunzima ukuba nomfanekiso-ngqondweni wokuba zasebenza nzima kanjani ezingangamsha zemiphefumlo. Ukuhamba kwakuyenye yezinto ezilula abazenzayo. Bona bonke kwakufuneka ukuba batsale kunye ukuze kubekho ukutya, kulungiswe iinqwelo, kuhoywe izilwanyana, ukulungiselelwa kwabo bagulayo kunye nabo baqobekileyo, ukukhangela kunye nokukha amanzi, kunye nokuzikhusela kwiingozi ezicinezelayo zemo yezulu kunye neengozi ezininzi zasentlango.

Babevuka intsasa nganye ngeenjongo neembono ezichazwe ngokucacileyo zokuba wonke umntu wayeqonda: ukukhonza uThixo kunye nabanye abantu kunye nokufika kwiNtlambo iSalt Lake. Yonke imihla ezonjongo kunye neembono zazicacile kubo; babesazi ukuba kwakumele benze ntoni kwaye inkqubela-phambili yosuku ngalinye yayibalulekile.

Kwixesha lethu, xa okuninzi kakhulu koko sikunqwenelayo kufikeleleka ngokulula, kuyahenda ukuphuma ecaleni okanye ukunikezela nanini na xa indlela ngaphambili ikhangeleka ingekho mthebelele okanye iqhina lithanda ukunyuka ngokuthambeka phambi kwethu. Ngalomaxesha, kusenokusiphembelela ukucinga ngaloo madoda, mantokazi, kunye nabantwana abangazange bavumele ingulo, ubunzima, intlungu, kunye nkqu nokufa ukuba baphambuke kwindlela yabo abayikhethileyo.

Oovulindlela bafunda ukuba ukwenza izinto ezinzima kwakusenza nzulu kwaye kusomeleza umzimba, ingqondo, kunye nomphefumlo; bakhulisa ulwazi lwabo bendalo yabo yamazulu; baza bandisa imfesane yabo kwabanye. Esi siqhelo sazinzisa imiphefumlo yabo kwaye saba yintsikelelo kubo kade emva kokuba uhambo lwabo olwalunqumla kumathambeka kunye neentaba lwaluseluphelile.

Ukuthemba okuhle

Xa oovulindlela babecula, bavakalisa isifundo sesithathu: “Kodwa ngovuyo ngcambaza indlela yakho.”

Kusesinye sezikweko ezibalaseleyo zexesha lethu ukuba sisikeleleke ngokuninzi kakhulu kwaye kube kungona singonwabanga. Imimangaliso yempumelelo kunye neyobuchwephesha iyasigubungela yaye isihlambe ngenkuseleko, ulonwabo, izinto ezanelisa okomzuzu, kunye nokungenankxamlo. Kodwa kuko konke okusingqongileyo sibona ukungonwabi okukhulu kakhulu.

Oovulindlela, abanikezela ngokuninzi, bahamba ngaphandle kwaye balambela nezona zidingo zibaluleke kakhulu ukuba baphile. Babesazi ukuba ulonwabo alufiki njengesiphumo sentlahla okanye ingozi. Ngokuqiniseke ngakumbi alusuki ekubeni iminqweno yethu iphumelele. Ulonwabo alusuki kwiimeko ezingaphandle. Luphuma ngaphakathi kungakhathalisekanga ukuba yintoni eyenzeka koko kusingqongileyo.

Oovulindlela babekwazi oko, kwaye ngaloomoya bafumana ulonwabo kuyo yonke imeko kwaye nakulo lonke uvavanyo nkqu neemvavanyo ezazifikelela ezantsi kwaye zaphazamisa amanzi anzulu wemiphefumlo yabo.

Iimvavanyo

Thina ngamanye amaxesha sijonga emva koko oovulindlela bakunyamezelayo ngokukhululeka sithi, “Enkosi kulunga ndizange ndiphile ngelaxesha.” Kodwa ndimangazekile ukuba abo babenenkalipho oovulindlela, ukuba bebenokusibona namhlanje, bebengenokuvakalisa kwale ngcinga ifanayo.

Nangona amaxesha neemeko zitshintshile, imithetho-siseko yokujongana neemvavanyo kwaye siphile kunye ngempumelelo njengesithili esikhathalayo kunye nesiphumelelayo phantsi ko Thixo ayikatshintshi.

Koovulindlela singafunda ukuba nokholo kunye nokuthembela kuThixo. Singafunda ukuba nemfesane kwabanye. Singafunda ukuba umsebenzi kunye nokusebenza ngezandla akunakusisikelela ngokwenyama kuphela kodwa nangokomoya. Singafunda ukuba ulonwabo luyafumaneka kuthi zingakhathaliseki iimeko zethu.

Indlela engcono esinokuzukisa kunye nokubonisa umbulelo ngayo koovulindlela kukudibanisa ebomini bethu ukunyaniseka kwimiyalelo kaThixo, imfesane kunye nothando kwabanye abantu, kunye nokusebenza ngezandla, ukuthemba kokuhle, kunye novuyo oovulindlela abalubonisa kakuhle kakhulu ebomini babo.

Xa sisenza kanje, singafikelela ngokunqumla amashumi ngamashumi weminyaka yexesha, sibambe izandla zoovulindlela ababekekileyo kwezethu, kwaye songeze awethu amazwi kwawabo xa sicula nabo: “Konke kuhle! Konke kuhle!”

Ukufundisa ngaloMyalezo

Ungafuna ukuqala ngokucula “Yizani, Yizani, Nina Bangcwele” (Amaculo nombol. 30) nabo ubandwendwelayo. Ungase wabe isenzeko xa wena okanye umntu omaziyo wasebenzisa imithetho-siseko yemfesane, umsebenzi, okanye ithemba ekwenzeni kokuhle. Ukuba uphenjelelwe, ungangqina ngeentsikelelo eziza ekuphileni lemithetho-siseko kwaye uthembise abo ubandwendelayo ukuba bangafumana iintsikelelo ezifanayo.

Shicilela