2015
Yiba Ngumzekelo kunye Nokhanyiselo
Novemba 2015


Umyalezo woBongameli BokuQala beCawa, eyeNkanga 2015

Yiba Ngumzekelo kunye Nokhanyiselo

Njengoko silandela umzekelo woMsindisi, okwethu kuya kuba lithuba lokuba lukhanyiselo ebomini babanye.

Bazalwane noodade, kwaze kwamnandi kanjani ukuba nani kwakhona. Njengoko nisazi, ukusukela sasisonke ngoTshazimpunzi, siye sakhathazwa kukulahlekelwa ngabaPostile bethu abayintanda abathathu. UMongameli Boyd K. Packer, uMdala L. Tom Perry, kunye noMdala Richard G. Scott. Babuyele kwikhaya labo lasezulwini. Siyabakhumbula. Siyabulela ngemizekelo yabo yothando lobuKrestu kunye neemfundiso eziphembelekileyo abathe bazishiya nathi sonke.

Siyabamkela ngeentliziyo zethu Abapostile bethu abatsha, uMdala Ronald A. Rasband, uMdala Gary E. Stevenson, kunye noMdala Dale G. Renlund. La ngamadoda azinikeleyo kumsebenzi weNkosi. Bafanele kakuhle ukugcwalisa izithuba ezibalulekileyo abathe babizelwa kuzo.

Kamva nje, njengoko bendifunda kwaye ndicinga ngezibhalo, imiqolo emibini ngakumbi ithe yahlala nam. Yomibini iqhelekile kuthi. Owokuqala uphuma kwiNtshumayelo yaseNtabeni: “Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu; ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle, bamzukise uYihlo osemazulwini.”1 Isibhalo sesibini sesinye esathi seza engqondweni yam njengoko ndandicinga intsingiselo yesokuqala. Siphuma kwiNcwadi kaPawulos eya kuTimoti: “Ube ngumzekelo wabakholwayo ngentetho, ngehambo, ngothando, ngokholo, ngobunyulu.”2

Ndiyakholwa isibhalo sesibini sichaza, ngokuthe vetshe, ukuba singasifeza kanjani esokuqala. Siba yimizekelo yabakholwayo ngokuphila ivangeli kaYesu Krestu ngentetho, ngehambo, ngothando, ngokholo, kunye nangobunyulu. Njengoko sisenza njalo, izikhanyiselo zethu ziya kukhanyisela abanye ukuba babone.

Omnye nomnye wethu uze emhlabeni enikwe ukukhanya kukaKrestu. Njengoko silandela umzekelo woMsindisi kwaye siphila ngendlela Yena aphila ngayo kwaye nawafundisa ngayo, oko kukhanya kuya kuvutha ngaphakathi kuthi kwaye kuya kukhanyisela indlela yabanye.

UMpostile Pawulos ukhankanya iimpawu ezintandathu zekholwa, iimpawu ezo eziya kuthi zivumele ukhanyiselo lwethu lukhanye. Masikhe sijonge uphawu ngalunye.

Ndikhankanya iimpawu ezimbini zokuqala kunye—ukuba ngumzekelo ngentetho nangehambo. Amazwi esiwasebenzisayo angaphakamisa kwaye aphembelele, okanye angonzakalisa kwaye ahlabekise. Ehlabathini namhlanje kunokungahlambuluki kwamazwi okugqithiseleyo kakhulu okubonakala kusingqongile phantse kwiinkalo zonke. Kunzima ukunqanda ukuva amagama kaSomandla esetyenziswa lula nje kwaye nangaphandle kwengqalelo. Iintetho ezikrwada zibonakala ziluvutho-ndaba kumabonakude, kwimiboniso bhanya-bhanya, kwiincwadi, kunye nomculo. Ezijikeleziswa njengezityholo ezibubuxoki kunye nezigaba zentetho ezinomsindo. Masithetheni nabanye ngothando kunye nentlonipho, sihlale sigcine ulwimi lwethu lucocekile kwaye siyekele amagama kunye neentetho ezinokulimaza okanye zikhubekise. Yanga singalandela umzekelo woMsindisi, owathetha ngonyamezelo kunye nobubele kumsebenzi waKhe uphela.

Olunye uphawu olukhankanywa nguPawulos luthando lokwenene, oluthe lwachazwa njengo “thando olumsulwa lukaKrestu.”3 Ndiqinisekile ukuba kukhona kwindawo yethu yempembelelo abo babodwa, abo bagulayo, kunye nabo baziva betyhafile. Okwethu kulithuba lokubanceda kwaye siphakamise umoya wabo. UMsindisi wazisa ithemba kwabangena themba kunye namandla kwababuthathaka. Yena waphilisa abagulayo;wenza imilwelwe ukuba ihambe, iimfama zibone, kunye nezithulu zive. Yena wavusela nkqu nabafileyo ebomini. Emsebenzini wakhe uphela Yena wafikelela ngothando lokwenene nakubani na owayedinga. Njengoko silinganisa umzekelo waKhe, siya kusikelela ubomi, kuquka nobethu.

Okulandelayo, kumele sibe ngumzekelo ngokwasemoyeni. Ngokokwam oko kuthetha ukuba sizama ukuba nobubele ebomini bethu, umbulelo, uxolelo, kunye nobulungisa. Ezi mpawu ziya kusinika umoya oyakuthi uchukumise ubomi babo basingqongileyo. Kuye kwaba lithuba lam eminyakeni lokuba ndizimanye nabantu abaninzi abana loo moya unjalo. Siva uluvo olukhethekileyo xa sinabo, uluvo olusenza sifune ukuzibandakanya nabo kwaye nokulandela umzekelo wabo. Basasaza uKhanyo lukaKrestu kwaye basinceda ukuba sive uthando lwaKhe kuthi.

Ukubonakalisa ukuba ukhanyiselo oluphuma kumoya omsulwa kunye nonothando luyaqatshelwa ngabanye, ndinabela amava weminyaka emininzi eyadlulayo.

Ngela xesha, iinkokheli zeBandla zahlangana nabomthetho eYerusalem ngokuxoxisana nabo malunga nesivumelwano sokuqesha umhlaba apho Iziko laseYerusalem leBandla lalizokwakhiwa khona. Ukuze kufumaneke iimvume ezidingwayo, iBandla kwakumele ukuba livume ukuba kwakungazukubakho vangelo olwaluzokwenziwa ngamalungu wethu awayezokungena kwiziko elo. Emveni kokuba eso sivumelwano senziwe, omnye wabomthetho bakwaSirayeli, owayeqhelene kakhulu neBandla kunye namalungu walo, waphawula ukuba wayesazi ukuba iBandla liyakusihlonipha isivumelwano sokungavangeli. “Kodwa,” yena wathi, ebhekisa kubafundi ababezokungena apho, “ yintoni esiya kuyenza ngokhanyiselo olusemehlweni wabo?”4 Yanga olo khanyiselo lukhethekileyo lungakhanya ngaphakathi kuthi, khon’ ukuze luqatshelwe ngabanye.

Ukuba ngumzekelo wokholo kuthetha ukuba sithembela eNkosini kunye nakwilizwi laYo. Kuthetha ukuba sinazo kwaye siyazondla iinkolo eziya kukhokela iingcinga zethu kunye nezenzo zethu. Ukholo lwethu kwiNkosi uYesu Krestu kunye nakuBawo wethu Osezulwini luya kuphembelela konke esikwenzayo. Phakathi kwesiphithi-phithi selixa lethu, iingxabano zesazela, kunye nengxuba kaxaba yokuphila kwemihla ngemihla, ukholo oluzinzileyo luba yi-ankile kubomi bethu. Khumbula ukuba ukholo kunye nentandabuzo alunakuze lubekho kwingqondo enye ngexesha elinye, kuba enye iya kunyamalalisa enye. Ndigxininisa into esiyixelelwa ngokuphinda-phinda— ukuba ukuze sizuze kwaye sigcine ukholo esiludingayo, kubalulekile ukuba sifunde kwaye sifundisise kwaye sicingisise ngezibhalo. Unxibelelwano noBawo wethu Osezulwini ngomthandazo lubalulekile. Asinakukwazi ukungazihoyi ezi zinto, kuba utshaba nemikhosi yalo alupheli mandla lukhangela umngxuma kwisikrweqe sethu, umzuzwana wokuphulukwa kunyaniseko lwethu. Yatsho iNkosi, “Khangela ngenyameko, uhlale uthandaza, kwaye ukholelwe, kwaye zonke izinto ziya kusebenzela ukulunga kwakho.”5

Ekugqibeleni, kumele sibe msulwa, oko kutsho ukuba sicocekile emzimbeni, engqondweni, kunye nasemoyeni. Siyazi ukuba umzimba wethu uyitempile, kumele uphathwe ngenzolo kunye nentlonipho. Iingqondo zethu kumele zigcwaliswe ngeengcinga eziphakamisayo kwaye nezinesidima kwaye zingafikeleli kwezo zinto zingcolisayo. Ukuze sibenoMoya oyiNgcwele njenge qabane lethu lamaxa wonke, kufuneka sikulungele oku. Bazalwane noodade, ubumsulwa buya kusizisela uxolo lwengqondo kwaye buya kusilungiselela ukuba sifumane izithembiso zoMsindisi. Watsho Yena, “Banoyolo abahlambulukileyo intliziyo; ngokuba baya kumbona uThixo bona.”6

Njengoko sizicikida ngokuba yimizekelo ngentetho, ngehambo, ngothando, ngomoya, ngokholo, nangobunyulu, siya kuzilungiselela ukuba zizikhanyiselo kwihlabathi.

Yanga ndingatsho kuni nonke, ngakumbi, kuni nina bancinane, ukuba njengoko ihlabathi lihambela kude kwimithetho-siseko kunye nemikhomba-ndlela enikwe thina nguBawo Osezulwini onothando, siya kugqama kwisihlwele kuba sahlukile. Siya kugqama kuba sinxiba ngesidima. Siya kwehluka kuba asisebenzisi bukrwada kwaye asithabathi ziyobisi zinobungozi kwimizimba yethu. Siya kwehluka kuba asivumeli izinto ezikrwada ezihlekisayo kunye neentetho ezingakhiyo. Siya kwehluka njengoko sigqiba kwelokuba singagcwalisi iingqondo zethu ngokhetho losasazo olungento noluthi lujongele abanye phantsi kwaye luya kususa uMoya kumakhaya wethu kunye nakubomi bethu. Siya kugqama ngokuqinisekileyo njengoko sisenza ukhetho malunga nobunyulu—ukhetho oluthi lubambelele kwimithetho-siseko yevangeli kunye nezinexabiso kuyo. Ezo zinto zisenza sahluke kuninzi lwehlabathi zithi zisinike oko kukhanya kunye naloo moya oyakukhazimla kwihlabathi elinobumnyama obukhulayo.

Kubanzima rhoqo ukwehluka kwaye ugqame kwisihlwele. Kuyindalo ukuba woyike into abanye abayicingayo okanye abanokuyitsho. Amazwi wendumiso ayathuthuzela: “NguYehova umkhanyiseli wam nomsindisi wam, ndiya koyika bani na? NguYehova inqaba yobomi bam, ndiya kunkwantya ngabani na?7 Njengoko sisenza uKrestu umbindi wobomi bethu, uloyiko lwethu luyakususwa yinkalipho yeenkolo zethu.

Ubomi abugqibelelanga nakubanina kuthi, kwaye ngamanye amaxesha imicelimngeni kunye nobunzima esijongana nabo ingasigubungela, ibangele ukhanyiselo lwethu lube luzizi. Kodwa, ngoncedo olubuya kuBawo wethu Osezulwini, ludibene nenkxaso ephuma kwabanye, singaphinda siluzuze olo khanyiselo oluya kukhanyisa indlela yethu kwakhona kwaye lunikezele ngokhanyo kwabanye abanokuludinga.

Ukubonakalisa, ndinabela ngamazwi achukumisayo wombongo endiwuthandayo endaqala ndawufunda eminyakeni emininzi eyadlulayo:

Ndadibana nomntu ongaqhelekanga ebusuku

Osibane sakhe sasingasa khanyisi.

Ndema ndamenza wakhanyisa

Isibane sakhe kwesam.

Isaqhwithi santinga emva koko

Kwaye sashukumisa umhlaba okungqongileyo.

Kwaye xa umoya wawuphelile

Isibane sam sasicimile!

Kodwa kum wabuyela owayengaqhelekanga—

Isibane sakhe sasikhanya kakuhle!

Yena wayebambe umlilo omhle

Kwaye wakhanyisa esam!8

Bazalwane naboodade bam, amathuba wethu wokukhazimla ayasingqonga yonke imihla, nokuba kukweyiphi imeko esizifumana sikuyo. Njengoko silandela umzekelo woMsindisi, okwethu kuya kuba lithuba lokuba lukhanyiso kubomi babanye, nokuba bangamalungu wosapho lwethu kunye nabahlobo, esisebenza nabo, esibaqhelileyo nje, okanye esingabaqhelanga tu kwaphela.

Komnye nomnye wenu, ndithi ukuba ungunyana okanye intombi kaBawo wethu Osezulwini. Ubuya kubukho baKhe ukuzo kuphila kulo mhlaba okwexeshana, ukuzokubonisa uthando kunye neemfundiso zoMsindisi, kwaye ngobugorha isibane sakho masikhazimle kubo bonke ukuze babone. Xa elo xesha emhlabeni liphelile, ukuba uyenzile indima yakho, okwakho kuya kuba yintsikelelo ezukileyo yokubuyela ekuphileni naYe ngonaphakade.

Aqinisekisa kanjani amazwi woMsindisi: “Ndim ukhanyiselo lwehlabathi; lowo undilandelayo akasayi kuhamba ebumnyameni; yena uya kuba nalo ukhanyiso lobomi.”9 NgaYe ndiyangqina. Yena unguMsindisi kunye noMkhululi wethu, uMthetheleli wethu noBawo. Yena unguMzekelo wethu kunye namandla wethu. Yena “Ulukhanyiso olubonakala ebumnyameni.”10 Yanga omnye nomnye wethu osivayo isandi selizwi lam angabongozela ukulandela Yena, ngoko ke uya kuba lukhanyiselo olukhanyisela ihlabathi, ngumthandazo wam egameni laKhe elingcwele, nkqu uYesu Krestu, amen.

Shicilela