2015
UMoya OyiNgcwele Njengo Mlingane Wakho
Novemba 2015


Umyalezo WabaNdwendweli Makhaya, eyeNkanga 2015

UMoya OyiNgcwele Njengo Mlingane Wakho

Singakwazi, ukuba siphila ngokuyifaneleyo, ukuba nentsikelelo yoMoya ukuba ube nathi, hayi khona ngoku qha nangoko kodwa qho qho qho.

Bazalwane noodade bam abathandathekayo, ndiyabulela ukuba nani ngalo mhla weSabatha kwinkomfa yajikelele yeBandla leNkosi. Ndiwuvile, njengoko nani niwuvile, uMoya, uMoya OyiNgcwele, ungqina kumazwi wenyaniso esithe sawava ethethwa kwaye eculwa.

Injongo yam namhlanje kukukhulisa umnqweno wenu kunye nokuzimisela kwenu ekubangeni isipho esithenjiswe komnye nomnye wethu emveni kokuba sibhapatiziwe. Ngelixa lokuqinisekiswa kwethu ngobeko lweezandla seva la mazwi: “Fumana uMoya OyiNgcwele.”1 Ukusela ngeloo lixa, ubomi bethu batshintsha ngonaphakade.

Singakwazi, ukuba siphila ngokuyifaneleyo, ukuba nentsikelelo yoMoya ukuba ube nathi, hayi khona ngoku qha nangoko, njenga mava amangalisayo esiye sabanawo namhlanje, kodwa rhoqo. Niyazi kumazwi womthandazo womthendeleko ukuba eso sithembiso sifezekiswa kanjani: “Owu Thixo, Bawo onguNaphakade, siyakucela ngegama loNyana wakho, uYesu Krestu, ukuba usikelele kwaye ungcwalise esi sonka kuyo imiphefumlo yabo bonke abathi bathabathe batye kuso; ukuze babe nokusitya benenkumbulo yomzimba yoNyana wakho, baze bangqine kuwe, owu Thixo, Bawo onguNaphakade, okokuba bazimisele ukuthabathela kubo igama loNyana wakho, baze bahlale bemkhumbula, baze bayigcine imiyalelo yakhe athe wabanika yona, ukuze babenokuhlala benawo uMoya wakhe ukunye nabo.”

Ngoko ke siyafika isithembiso esizukileyo: “Ukuze babenawo uMoya wakhe ukunye nabo” babenokuhlala (Iimfundiso &Neminqophiso 20:77; Ugxininiso longezelelwe).

Ukuhlala sinoMoya nathi kukuba nokhokelo nomkhomba-ndlela woMoya OyiNgcwele ebomini bethu bamihla le. Singakwazi, ngokomzekelo, ukulumkiswa nguMoya ukuba sichasane nesihendo sokwenza ububi.

Ngeso sizathu kuphela, kulula ukubona kutheni izicaka zeNkosi ziye zazama ukukhulisa umnqweno wethu wokunqula uThixo kwimihlangano yethu yomthendeleko. Ukuba sithabatha umthendeleko ngokholo, uMoya oyiNgcwele uya kukwazi ukusikhusela kunye nabo sibathandayo kwizihendo eziza ngamandla akhulayo kunye nawokusoloko zikhona.

Ubulingane boMoya oyiNgcwele benza into elungileyo ibeno mtsalane kakhulu kwaye isihendo sehle ekubeni nesinyanzelo. Oko kuphela nje kumele kwanele ukusenza sizimisele ukulungela uMoya ukuba uhlale unathi.

Njengoko uMoya oyiNgcwele usomeleza ekuchaseni ububi, Wona ukwasipha amandla wokucalula inyaniso ebuxokini. Inyaniso ebaluleke kakhulu iqinisekiswa kuphela ngesityhilelo esiphuma kuThixo. Ukuqiqa kwethu kwendalo kunye nosetyenziso lwemizwa yethu yendalo akunakonela. Siphila kwixesha xa nkqu nabalumke kakhulu baya kunzinyelwa ukuba bahlukanise inyaniso kumaqhinga akrelekrele.

INkosi yafundisa uMpostile waKhe uTomas, owayefuna ubungqina obubonakala ngeliso lenyama bovuko loMsindisi ngokubamba amanxeba aKhe, ukuba isityhilelo sikhuseleke ukwegqitha ubungqina: “Athi uYesu kuye, Ngokuba undibonile, Tomas, ukholiwe. Banoyolo abo bangabonanga, bakholwa noko” (Yohane 20:29).

Iinyaniso eziphawula indlela eya ekhaya kuThixo ziqinisekiswa nguMoya oyiNgcwele. Asinakuya kwihlathi leemithi sibone uBawo noNyana bethetha noJoseph Smith omncinane. Akukho bungqina buyinto ebanjwayo okanye impikiswano enentsingiselo kwingqondo yemvelo obungaseka ukuba u-Eliya waza njengoko kwakuthenjisiwe wanikela izitshixo zobubingeleli ezo zibanjwa kwaye zisetyenziswa ngumprofethi ophilayo, uThomas S. Monson.

Isiqinisekiso senyaniso siza kunyana okanye kwintombi kaThixo othe wabanga ilungelo lokufumana uMoya oyiNgcwele. Kuba ubuqhetseba nobuxoki bunganikwa kuthi nangaliphi ixesha na, sidinga impembelelo yarhoqo yoMoya weNyaniso isikhwebule kumaxa wentandabuzo.

Ngelixa elilungu leQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini, uGeorge Q. Cannon wakhuthaza ukuba senze ugqogqo olungatshintshiyo loMoya ukuba ube nathi. Yena wathembisa, kwaye nam ndiyathembisa, ukuba ukuba siphuthumisa loo mgaqo, “asinakuze singabina lwazi” lwenyaniso, “soze sibe kwintandabuzo okanye ebumnyameni,” kwaye “ukholo lwethu luya komelela, uvuyo [lwethu] …lugcwale.”2

Sidinga olo ncedo lungatshintshiyo luphuma kubulingane boMoya oyiNgcwele siludingela esinye isizathu. Ukufa komntu esimthandayo kungafika ngokungalindelekanga. Bubungqina obuphuma kuMoya oyiNgcwele benyani yoBawo Osezulwini othandayo kunye noMsindisi owavukayo obusinika ithemba kunye nentuthuzelo ekulahlekelweni ngumntu esimthandayo. Obo bungqina kufuneka bube butsha xa ukufa kusenzeka.

Ngoko ke, ngezizathu ezininzi, sidinga ubulingane barhoqo boMoya oyiNgcwele. Siyabunqwenela, kodwa siyazi kumava wethu ukuba akukho lula ukubugcina. Sonke sicinga, sithetha kwaye senza izinto ebomini bethu bemihla le ezingakhubekisa uMoya. INkosi yasifundisa ukuba uMoya oyiNgcwele uya kuba ngumlingane wethu warhoqo xa iintliziyo zethu zigcwele luthando lwenene kwaye xa amandla okulunga avathise iingcinga zethu ngokungapheliyo (bona Iimfundiso & neMinqophiso 121:45).

Kwabo basokolayo nezinga eliphezulu elidingekayo lokulungela isipho sobulingane soMoya, ndinikezela ngale nkuthazo. Ninamaxesha apho naye neva khona impembelelo yoMoya oyiNgcwele. Kusenokwenzeka ukuba kwenzekile oku kuni namhlanje.

Ningawathatha loo maxa wempembelelo njenge mbewu yokholo u-Alma ayichazayo (bona Alma 32:28). Tyalani nganye nganye. Ningakwenza oko ngokwenza oko kuchukumiso eniluvileyo. Eyona mpembelelo exabisekileyo kakhulu iya kuba nina nazi into uThixo angafuna ukuba niyenze. Ukuba kukuhlawula isishumi okanye kukundwendwela umhlobo ova ubuhlungu, kumele nikwenze. Nokuba yintoni na, yenzeni. Xa nibonakalisa umnqweno wenu wokuthobela, uMoya uya kunithumela izimvo ezingaphezulu zento uThixo ebengafuna nimenzele yona.

Njengoko nithobela, izimvo eziphuma kuMoya ziya kuza rhoqo, niye ngokusondela kubulingane barhoqo. Amandla wenu okukhetha okulungileyo aya kwanda.

Ningazazi xa ezi mpembelelo zokumenzela into ziphuma kuMoya kunokuba ziphuma kwiminqweno yenu. Xa iimpembelelo zihambelana nento uMsindisi nabaprofethi kunye nabapostile baKhe abayitshiloyo, nani ningakhetha ukuthobela ngokuzithemba. Ngoko ke iNkosi iya kuthumela uMoya waYo ukuba ube nani.

Ngokomzekelo, ukuba nifumana impembelelo yobumoya yokuzukisa umhla weSabatha, ngakumbi xa kubonakala kunzima, uThixo uya kuthumela uMoya waKhe ukuba unincede.

Olo ncedo lwaza kutata wam eminyakeni emininzi eyagqithayo xa umsebenzi wakhe wamthatha wamsa e-Australiya. Yena wayeyedwa ngeCawa, kwaye wayefuna ukuthabatha umthendeleko. Wayengafumani nkcukacha malunga nemihlangano yabaNgcwele beMihla yokuGqibela. Ngoko waqalisa wahamba-hamba. Waye wathandaza kwikona nganye nganye ukuze akwazi ukuba ajike kweyiphi indlela. Emva kokuhamba nokwenza amajiko-jiko kangange yure, waye wema wathandaza futhi. Waye weva impembelelo yokuba makahle ngesitalato esithile. Kungekudala weva ukucula okwakuphuma kumgangatho ophantsi wesakhiwo esasikufutshane. Waye wakroba efestileni kwaye wabona abantu abambalwa behleli kufutshane netafile eyayogqunywe ngelaphu elimhlophe kunye nezitya zomthendeleko.

Ngoku, oko kusenokungabonakali kukukhulu kuni, kodwa kwakuyinto emangalisayo kuye. Wayesazi ukuba isithembiso somthandazo womthendeleko sasizalisekisiwe: “Baze bahlale bemkhumbula, baze bayigcine imiyalelo yakhe athe wabanika yona, ukuze babenokuhlala benawo uMoya wakhe ukunye nabo” (Iimfundiso neMinqophiso 20:77).

Lowo yayingumzekelo omnye wexesha xa wayethandazile kwaye wenza into uMoya owamxelela ukuba uThixo wayefuna ayenze.Wayigcina iminyaka ngeminyaka, njengam nani sizakwenza njalo. Wayengazange athethe ngokubanomoya kwakhe. Wayehlala nje esenzela iNkosi izinto ezincinane awayethe wachukunyiswa ukuba azenze.

Nanini na xa amaqela wabaNgcwele beMihla yokuGqibela ayemcela ukuba athethe nabo, wayekwenza. Kwakungakhathalisekanga nokuba yayingabantu abali 10 okanye abangama 50 okanye nokuba wayedinwe kangakanani. Wayesaba ubungqina bakhe bukaBawo, noNyana, kunye noMoya oyiNgcwele kunye nobabaprofethi nanini na xa uMoya wayemkhuthaza ukuba enze njalo.

Ubizo lwakhe olwaluphezulu eBandleni lwalu kwibhunga eliphakamileyo leBonneville Utah Stake, apho wayesusa ukhula kwintsimi yengqokelela yamasebe, kwaye wayefundisa isikolo sangeCawe. Eminyakeni, xa wayewudinga, uMoya oyiNgcwele wawukhona njengo mlingane wakhe.

Ndema ecaleni kotata wam kwigumbi lakhe lasesibhedlele. Umama wam, unkosikazi wakhe weminyaka engama-41, wayecambalele ebhedini. Sasimbukele iiyure ngeeyure. Saqala sabona imigca yeentlungu inyamalala ebusweni bakhe. Iminwe yezandla zakhe, eyayifunjathwe kumanqindi, yayiphumlile. Iingalo zakhe zaye zeza zaphumla ecaleni kwakhe.

Iintlungu zeminyaka ngeminyaka zesifo somhlaza zaziphela. Ndabona kubuso bakhe inkangeleko yoxolo. Waye wathatha ukuphefumla okumbalwa okufutshane, waze wazamla, waze wacambalala cwaka. Saye sema apho silindele ukubona ukuba okunye ukuphefumla kuya kuza.

Ekugqibeleni, utata watsho ngokuthuleyo, “Intwazana encinane ibuyele ekhaya.”

Zange aphalaze nyembezi. Oko kwakungenxa yokuba uMoya oyiNgcwele kwakuseku kudala emnikeze umfanekiso ocacileyo wokuba wayengubani na, apho wayebuya khona, into awathe waba yiyo, kunye nalapho wayeye khona. UMoya wayengqinile kuye amaxesha amaninzi ngoBawo onothando Osezulwini, ngoMsindisi owathi waqhawula amandla okufa, kunye nobunyani botywino basetempileni owathi walaba nonkosikazi wakhe kunye nosapho lwakhe.

UMoya kwakuse kukudala wamqinisekisa ukuba ukulunga kwakhe kunye nokholo lwakhe lwamlungiselela ubuyelo kwikhaya lasezulwini apho wayeyokukhunjulwa njengo mntwana omangalisayo wesithembiso kwaye amkelwe ekhaya ngozuko.

Kutata wam, oko kwakungaphezulu kwethemba. UMoya oyiNgcwele wakwenza kwaba yinyani oko kuye.

Ngoku ke, abanye bangathi amazwi wakhe kunye nemifanekiso engqondweni yakhe ngekhaya lasezulwini yayi luluvo olumnandi nje, ubugwebi obuluzizi bomyeni ngelixa lolahlekelo lwakhe. Kodwa wayesazi inyaniso yangonaphakade ngeyona ndlela eningayazi ngayo nani.

Wayengu sochwephesha owathi wakhangela inyaniso ngomhlaba obonakalayo ubomi bakhe bonke bobudala. Waye wasebenzisa izixhobo zobuchwephesha ngokwaneleyo kakuhle ukuba awongwe ngoogxa bakhe kwilizwe lonke. Okuninzi owakwenzayo kwikhemestri kwakuvela ekuboneni emehlweni engqondo yakhe izinto ezihamba-hambayo kwaye ziqinisekise umbono wakhe ngokwenza uvavanyo kwigumbi lokuvavanya ezobuchwephesha.

Kodwa waye walandela indlela ehlukileyo yokubona inyaniso eyayibaluleke kakhulu kuye kunye nakomnye nomnye wethu. KungoMoya oyiNgcwele kuphela apho singabona abantu kunye neziganeko njengokuba uThixo ezibona.

Eso sipho saqhubeka esibhedlele emveni kokuba unkosikazi wakhe watshonayo. Saye saqokelela izinto zikamama wam sazithatha sazisa ekhaya. Utata wema wabulela bonke abongikazi kunye noogqirha esadibana nabo endleleni eya emotweni. Ndiyakhumbula ndeva, ngokudineka, ukuba kwakumele sihambe ukuze sibe sodwa nentlungu yethu.

Ndiyaqonda ngoku ukuba wayebona izinto kuphela uMoya oyiNgcwele owawungambonisa zona. Yena wayebona abo bantu njenge zithunywa ezithunyelwe nguThixo ukuba zigade isithwandwa sakhe. Mhlawumbi bona babezibona okwabasebenzi besebe lezempilo nje, kodwa uTata wayebabulela ngenkonzo yabo ebabeyenzela uMsindisi.

Impempbelelo yoMoya oyiNgcwele yaqhubeka naye njengoko sasifika ekhayeni labazali bam. Saye sathetha okwemizuzwana embalwa kwigumbi lokuhlala. Utata wazikhwebula waya kwigumbi lakhe lokulala elalikufutshane.

Emva kwemizuzu embalwa, wabuyela kwigumbi lokuhlala. Wayeno ncumo oluhle. Weza kuthi kwaye wathi ngokuthuleyo, “Bendinexhala lokuba uMildred uya kufika kwilizwe loomoya eyedwa. Bendicinga ukuba uyakuziva elahlekile kwisihlwele.”

Waze watsho ngokukhazimla, “Ndiye ndathandaza nje ngoku. Ndiyazi ukuba uMildred uphilile. Umama wam ebelapho eyokumhlangabeza.”

Ndiyakhumbula ndancuma njengoko wayesitsho njalo, ndacinga ngomakhulu wam, lomilenze yakhe mifutshane eyimpompa, egijima kwisihlwele ukuqiniseka ukuba wayelapho ukuba ahlangane kwaye awole umolokazana wakhe xa efika.

Ngoku, esinye sezizathu sokuba utata wam acele kwaye afumane loo ntuthuzelo kwakungenxa yokuba wayehlala ethandaza ngokholo ukusukela ebuntwaneni bakhe. Wayeqhelile ukufumana iimpendulo ezazisiza entliziyweni yakhe ukumpha intuthuzelo kunye nokhokelo. Ekongezeleni ekubeni nesiqhelo somthandazo, wayezazi izibhalo ezingcwele kunye namazwi wabaprofethi abaphilayo. Ngoko ke waqaphela usebezo loMoya oluqhelekileyo, mhlawumbi nawe othe waluva namhlanje.

Ubulingane boMoya babenze ngaphezulu kunokumthuthuzela kunye nokumkhokela. Baye bamguqula ngeNtlawulelo kaYesu Krestu. Xa sisamkela eso sithembiso sokuba noMoya nathi rhoqo, uMsindisi angasipha uhlambululo oludingekayo kubomi obungunaphakade, isipho esikhulu kuzo zonke izipho zikaThixo. (bona Iimfundiso & Neminqophiso 14:7).

Niyawakhumbula amazwi oMsindisi: “Ke kaloku lo ngumyalelo: Guqukani, nonke nina ziphelo zomhlaba, kwaye nize kum kwaye nibhaptizwe ngegama lam, ukuze nibe nokungcwaliswa ngolwamkelo loMoya oyiNgcwele, ukuze nibe nokuma ningenachaphaza phambi kwam ngomhla wokugqibela” (3 Nifayi 27:20).

Loo miyalelo iza nesi sithembiso esiphuma kwiNkosi:

Kwaye ngoku, ngenene, ngenene, Ndithi kuni, bekani ithemba lenu kuloo Moya oya kunikhokelela ekwenzeni okulungile—ewe, ekwenzeni ngobulungisa, ekuhambeni ngentobeko, ekugwebeni ngobulungisa; kwaye lo nguMoya wam.

“Ngenene, ngenene, Ndithi kuni, ndiya kunabela uMoya wam, oya kukhanyisela ingqondo yenu, oya kugcwalisa umphefumlo wenu ngovuyo” (Iimfundiso & Neminqophiso 11:12-13)

Ndinabela ubungqina bam bokuba uThixo uBawo uyaphila, bokuba uYesu Krestu owavukayo ukhokela iBandla laKhe, bokuba uMongameli Thomsa S. Monson ubamba zonke izitshixo zobubingeleli, kwaye nokuba isityhilelo ngoMoya oyiNgcwele ukhokela kwaye uxhasa iBandla likaYesu Krestu laBangcwele beMihla yokuGqibela kunye namalungu walo.

Ndiyaqhubeka ndingqina kuni ukuba laa madoda amangalisayo ebethetha nathi namhlanje njenga mangqina weNkosi uYesu Krestu, njenga malungu weQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini, abizwe nguThixo. Ndiyazi ukuba uMoya ukhokele uMongameli Monson ukuba awabize. Kwaye njengoko nimamele kuwo nobungqina bawo, uMoya oyiNgcwele uye waqinisekisa kuni lento ndiyitshoyo kuni ngoku. Wona abizwe nguThixo. Ndiyawaxhasa kwaye ndiwathanda kwaye ndiyazi ukuba iNkosi iyawathanda kwaye iya kuwaxhasa kwinkonzo yawo. Kwaye ndikwenza egameni leNkosi uYesu Krestu, amen.

Izikhumbuzo

  1. Incwadi yomgaqo-siseko 2: Administering the Church (2010), 20.3.10.

  2. Bona George Q. Cannon, in “Minutes of a Conference,” Millennial Star, uCanzibe 2, 1863, 275–76.

Shicilela