2016
Ukudalwa Ngokomfuziselo kaThixo
Matshi 2016


UMyalezo wabaNdwendweli Makhaya, EyoKwindla 2016

Ukudalwa Ngokomfuziselo kaThixo

Funda ngokuthandaza ezi zinto kwaye ucele ukwazi ukuba ungabelana ngantoni. Ukuqonda kabanzi “Usapho: Isibhengezo Kulo Ihlabathi” kuza kulukhulisa kanjani ukholo lwakho KuYe kwaye kuza kubasikelela kanjani abo ubagadisiweyo ngokubafundisa ngokubandwendwela? Ngenkcukacha ethe vetshe, yiya ku reliefsociety.lds.org.

Umfanekiso
Istempu soMbutho wamaNina

Ukholo, Usapho, Uncedo

“Wathi uThixo, Masenze umntu ngokomfanekiselo wethu ngokufana nathi. …

“Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe; wamdala ngokomfanekiselo kaThixo; wadala indoda nenkazana.” Genesisi 1:26–27

UThixo nguBawo wethu Osezulwini, kwaye usidale ngokomfanekiselo waKhe. Ngale nyaniso, uMongameli Thomsa S. Monson wathi: “UThixo uBawo wethu uneendlebe athi ave ngazo imithandazo yethu. Yena unamehlo wokubona izenzo zethu. Unomlomo wokuthetha nathi. Unentliziyo ava ngayo imfesane kunye nothando. Yena uyinyani. Yena uyaphila. Thina singabantwana bakhe senziwe ngokomfanekiselo wakhe. Sikhangeleka njengaye kwaye naye ukhangeleka njengathi.”1

“Abangcwele Bemihla Yokugqibela babona bonke abantu njengabantwana bakaThixo ngendlela egcweleyo negqibeleleyo; babona wonke umntu ebubuthixo ngokwemvelo, ngendalo, kunye nangamandla anokuphuhliswa.”2 Omnye nomnye “ungunyana womoya oyintanda okanye intombi yomoya eyintanda yabazali basezulwini.”3

“[Umprofethi] Joseph Smith naye wafunda ukuba uThixo unqwenela ukuba abantwana baKhe bafumane uhlobo olufanayo lokuphila oluphakanyisiweyo Yena aluxhamlayo.4 Njengoko uThixo watsho, “Qaphelani, lo ngumsebenzi wam kunye nozuko lwam—ukuzogqithisa ubomi obungapheliyo nobomi obungunaphakade bomntu” Mosisi 1:39

IziBhalo Ezongezelelweyo

Genesisi 1:26–27; 1 AbaseKorinte 3:17; Iimfundiso Neminqophiso 130:1

Okuvela kwiZibhalo eziNgcwele

UmntwakaboYerede kwiNcwadi ka Mormoni waye wafuna indlela yokuba akhanyisele izikhephe ezincinane ezikhaphukhaphu ezisibhozo ezazenzelwe ukuthwala amaYeredayithi ukuba awele amanzi ukuya kwilizwe ledinga. Yena “waye wanyibilikisa ngokuphuma eliweni amatye alishumi elinesithandathu amancinane” kwaye wathandaza kuThixo ukuba “ngako oko achukumise la matye” ngomnwe waKhe “ukuze ube nokukhanyisa ebumnyameni.” Kwaye uThixo wasolula isandla sakhe waza wawachukumisa amatye ngamanye ngamanye.” Waza umkhusane wasuswa emehlweni omntakwaboYerede, waza “wawubona umnwe weNkosi; kwaye wawungumnwe womntu. …

“Yaza iNkosi yathi kuye: Ingaba uya kuwakholelwa na amazwi endiza kuwathetha?

“Waza waphendula: Ewe, Nkosi.”

Yaza iNkosi yazibonakalisa [kumntwakaboYerede]” yaza yathi, “Uyabona na okokuba udalwe ngokomfuziselo wam? Ewe, kwanabo bonke abantu badalwa ekuqalekeni ngokomfuziselo wam.” (Bona Etere 3:1–17.)

Izikhumbuzo

  1. Thomas S. Monson, “I Know That My Redeemer Lives,” in Conference Report, Tshazimpunzi 1966, 63.

  2. Imiba Yevangeli, “Ukuba Njengo Thixo,” topics.lds.org; bona kunye Mosisi 7:31–37

  3. “USapho: Isibhengezo kulo IHlabathi,” Liyahona, Nkanga 2010, 129.

  4. Imiba Yevangeli, “Ukuba Njengo Thixo,” topics.lds.org; bona kunye Iimfundiso zaBongameli beBandla: Joseph Smith (2007), 221.

Cingisisa Ngoku

Ingaba ukwazi ukuba umntu ngamnye udalwe ngokomfuziselo kaThixo kusinceda kanjani kunxibelelwano lwethu nabanye?

Shicilela