2016
Nifunde kum
Matshi 2016


UMyalezo woBongameli Bokuqala, EyoKwindla 2016

“Nifunde kum”

KwiBandla likaYesu Krestu Labangcwele Bemihla Yokugqibela, sonke singabafundisi kwaye singabafundi. Kuthi sonke kuza esi simemo simyoli sibuya eNkosini: “Nifunde kum …noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu.”1

Ndiyabamema bonke Abangcwele Bemihla Yokugqibela ukuba bacingisise ngeenzame zabo zokufundisa kunye nokufunda kwaye bajonge kuMsindisi njengo Malathisi wethu ekwenzeni njalo. Siyazi ukuba lo “mfundisi uvela kuThixo”2 wayengaphezulu komfundisi nje. Yena owasifundisa ukuba sithande iNkosi uThixo wethu ngeentliziyo zethu zonke, ngemiphefumlo yethu yonke, ngamandla wethu onke, nangeengqondo zethu zonke, kunye nokuthanda abamelwane bethu njengoko sizithanda, unguMfundisi oMkhulu kunye noMzekelo wobomi obugqibeleleyo.

Yena nguye owabhengeza: “Uze undilandele.”3 “Ndinibekele umzekelo.”4

Ukuba anithanga niguquke

UYesu wafundisa inyaniso elula kodwa enzulu eshicilelwe kuMateyu. Emva kokuba Yena nabafundi baKhe behlile kwiNtaba Yokumila Kumbi, bona bema kwelaseGalili baze baya eKapernahum. Apho abafundi beza kuye, bambuza:

“Ngubani na ke omkhulu kunabanye, ebukumkanini bamazulu?

“UYesu wabizela kuye umntwana, wammisa phakathi kwabo.

“Wathi, Inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niguquke, nibe njengabantwana aba, aniyi kukha ningene ebukumkanini bamazulu.”5

EBandleni, imbono yokufundiswa kwevangeli ayikokugalela inkcukacha kwiingqondo zabantwana bakaThixo, nokuba kusekhaya, egumbini lokufundela, okanye kumsebenzi wabafundisi-lizwi. Ayikokubonisa ukuba umzali, umfundisi okanye umfundisi-lizwi wazi kangakanani na. Kwaye ayikokwandisa nje ulwazi ngoMsindisi kunye neBandla laKhe.

Imbono esisiseko sokufundisa ikukunceda oonyana kunye neentombi zikaBawo Osezulwini ukuba babuyele kubukho baKhe kwaye bonwabele ubomi obungunaphakade naYe. Ukwenza oku, ukufundiswa kwevangeli kufuneka kubakhuthaze endleleni yobufundi bamihla le kunye neminqophiso engcwele. Injongo kukuphembelela abantu ukuba bacinge, bave, kwaye benze ulutho malunga nokuphila iziqalelo zevangeli. Injongo kukuphuhlisa ukholo kwiNkosi uYesu Krestu kwaye nokuba baguqukelekwivangeli yaKhe.

Ukufundisa okusikelelayo kwaye kuguqule kwaye kusindise kukufundisa okulinganisa umzekelo woMsindisi. Abafundisi abalinganisa umzekelo woMsindisi bathanda kwaye banceda abo babafundisayo. Bona baphembelela abamameli babo ngezifundo zangonaphakade zenyaniso yobuthixo. Baphila ubomi obufanelwe ukulinganiswa.

Thanda kwaye Uncede

Ubizo loMsindisi lonke lwazekelisa uthando lommelwane. Eneneni, uthando lwaKhe kunye noncedo lwakhe lwalusoloko lusisifundo sakhe Yena. Ngendlela efanayo, abafundisi endibakhumbula kakuhle ngabafundisi ababesazi, bethanda, kwaye bekhathala ngabafundi babo. Bona bafunana nezimvu ezilahlekileyo. Bafundisa izifundo zobomi endiyakuhlala ndizikhumbula.

Omnye umfundisikazi owayenjalo yayingu Lucy Gertsch. Yena wayesazi omnye nomnye wabafundi bakhe. Ngokungahluleki wayefowunela abo babephoswe yiSabatha okanye babengazanga kwaphela. Sasisazi ukuba wayekhathala ngathi. Akukho namnye wethu owakhe wamlibala okanye izifundo awathi wazifundisa.

Eminyakeni emininzi eyadlulayo, xa uLucy wayesondela esiphelweni sobomi bakhe, ndamndwendwela. Sazikhumbuza ngezontsuku zamandulo ngoko wayengumfundisikazi wethu. Sathetha ngelungu ngalinye leklasi yethu kwaye saxoxa ngento omnye nomnye wayeyenza ngoku. Uthando lwakhe kunye nokukhathala kwakhe kwaqhubeka ubomi bonke.

Ndiyawuthanda umyalelo ogunyazisayo weNkosi ofumaneka kwiiMfundiso kunye Neminqophiso:

“Ndininika umyalelo wokuba nize nifundisane imfundiso yobukumkani.

“Nifundise ngenyameko kwaye ufefe lwam luyakuba nani.”6

ULucy Gertsch wafundisa ngenyameko kuba wayethanda ngokungadinwayo.

Nika ithemba kunye Nenyaniso

UMpostile Petros wacebisa, “Nihlale ke nikulungele ukuziphendulela kumntu wonke obuzayo kuni ilizwi, ngalo ithemba elingaphakathi kwenu.”7

Mhlawumbi elona themba likhulu umfundisi anganikeza ngalo lithemba elifumaneka kwiinyaniso zevangeli kaYesu Krestu.

“Kwaye ingaba yintoni eniya kuba nethemba layo?” uMormoni wabuza. “Qaphelani nditsho kuni ukuthi niya kuba nethemba ngentlawulo kaKrestu namandla ovuko lwakhe, lokuvukela kubomi obungunaphakade, kwaye oku, kungenxa yokholo lwenu kuye.”8

Bafundisi, phakamisani amazwi wenu ningqine ngendalo yenyaniso yobuThixo. Bhengezani ubungqina benu malunga neNcwadi kaMormoni. Dlulisani iinyaniso ezizukileyo nezintle eziqulathwe kwicebo losindiso. Sebenzisani izixhobo zeBandla ezivumelekileyo, ngakumbi izibhalo, ukufundisa iinyaniso zevangeli ebuyisiweyo kaYesu Krestu ngobumsulwa kunye nobulula bazo. Khumbulani umyalelo ogunyazisayo woMsindisi othi ziphengululeni izibhalo, ngokuba nina niba ninobomi obungunaphakade kuzo; zaye zona zingqina ngam.”9

Ncedani abantwana bakaThixo ukuba baqonde into eyinyani kunye nebalulekileyo kobu bomi. Bancedeni baphuhlise amandla okukhetha iindlela eziya kubagcina bekhuselekile ekhondweni elisingise kubomi obungunaphakade.

Fundisani inyaniso, kwaye uMoya oyiNgcwele uya kuzizimasa iinzame zenu.

“Nifunde Kum”

Ngenxa yokuba uYesu Krestu wayethobekile ngokugqibeleleyo kwaye elulamile kuYise, Yena “waye ehambela phambili ebulumkweni nasebukhulwini, nasekuthandweni nguThixo nangabantu.”10 Ingaba sinako ukuzimisela kokwenza ngokunjalo? Njengoko uYesu “wafumana ufefe ngofefe,”11 kufuneka sifune ngomonde nangozingiso ukhanyiselo kunye nolwazi oluvela kuThixo kwiinzame zethu zokufunda ivangeli.

Ukumamela kuyindima ebalulekileyo yokufunda. Xa silungiselela ukufundiswa, siye sifune ngokuthandaza impembelelo kunye nesiqinisekiso esivela kuMoya oyiNgcwele. Siyacingisisa, siyathandaza, sisebenzisa izifundo zevangeli, kwaye sifuna intando kaBawo ngathi.12

UYesu “wayebafundisa … iindawo ezininzi ngemizekeliso,”13 ezifuna iindlebe zokuva, amehlo okubona, kunye neentliziyo zokuqondisisa. Njengoko siphila ngokufaneleyo, singeva ngcono usebezo loMoya oyiNgcwele, Ke uMthetheleli, uMoya oyiNgcwele, yena uya kusifundisa zonke izinto, asikhumbuze zonke izinto.”14

Xa sisabela kwisimemo seNkosi esimyoli, “Nifunde kum,” siye sibe ngabathabathi-nxaxheba bamandla wobuthixo baYo. Ngoko ke, masiyeni phambili ngomoya wentobeko, silandele uMzekelo wethu ngokufundisa njengoko naYe ebengathanda ukuba sifundise kwaye sifunde ngendlela Yena ebengathanda ukuba sifunde ngayo.

Ukufundisa Ngalo Myalezo

UMongameli Monson uyasimema ukuba “sicingisise ngeenzame [zethu] zokufundisa nokufunda kunye nokujonga kuMsindisi njengo Malathisi wethu ekwenzeni kanjalo.” Mhlawumbi ungacingisisa ngokuphengulula izibhalo nabo ubandwendwelayo ukuze ufumane izimvo kwiindlela uYesu Krestu awafundisa ngazo kwaye wafunda ngazo. Ungaqala ngezinye izibhalo uMongameli Monson azikhankanyileyo, ezifana Mateyu 11:29, Yohane 5:30, kunye Marko 4:2. Ungaxoxa ukuba into oyifundileyo ngoKrestu ingakunceda kanjani ukuba “nibengabathabathi bamandla waKhe wobuthixo.”

Shicilela