2016
ukhetho
Meyi 2016


Umyalezo woBongameli Bokuqala, uCanzibe 2016

Ukhetho

Yanga singasoloko sikhetha ukulunga okunzima endaweni yokugwenxa okulula.

Bazalwane noodade, phambili kokuba ndiqale ngomyalezo wam ngokusesikweni namhlanje, ndingathanda ukwazisa ngeetempile ezine ezintsha, eziya kuthi kweezinyanga nakule minyaka izayo, zakhiwe kwezi ndawo zilandelayo: Quito, Ecuador; Harare, Zimbabwe; Belém, Brazil; kunye netempile yesibini eLima, Peru.

Xa ndandiqala ukuba lilungu leQumrhu LabaPostile Abalishumi Elinambini ngo 1963, kwakukho iitempile ezili 12 ezazisebenza kwiBandla ngokubanzi. Ngokuvulwa ngokusesikweni kweTempile iProvo City Center kwiiveki ezimbini ezigqithileyo, ngoku kukho iitempile ezingama- 150 ezisebenzayo kuzwelonke jikelele. Iindlela esizibulela ngayo iintsikelelo esizifumana kwezi zindlu zingcwele.

Ngoku, bazalwane noodade, ndinqwenela ukuchaza umbulelo wam ngethuba lokwabelana nani ngeengcinga zam ezimbalwa ngale ntsasa.

Mva nje bendicinga ngokhetho. Kuthiwa iingcango zembali zijika kwiihintshisi ezincinane, kwaye nobomi babantu benza njalo. Ukhetho esilwenzayo lusisikela ikamva lethu.

Xa sasishiya ubomi bethu bangaphambili kwaye sangena kobu bumagad’ ahlabayo, saza nesipho senkululeko yokukhetha. Injongo yethu kukuzuza uzuko oluphezulu lwezulu, kwaye ukhetho esilwenzayo luya, ngendima enkulu, kubonakalisa ukuba siyakwazi okanye hayi ukufikelela kwimbono yethu.

Uninzi lwenu luqhelene no-Alice kwincwadi edumileyo kaLewis Carroll, Alice’s Adventures in Wonderland. Uyakukhumbula ukuba yena ufika kwimigaqo enqumlanayo enemizila emibini phambi kwakhe, omnye nomnye ubhekise phambili kodwa kumacala ahlukeneyo. Njengoko ecingisisa ukuba ajike kweyiphi indlela, yena udibana neKati yaseCheshire, ethi u-Alice ayibuze,”Ingaba yeyiphi indlela ekumele ndiyilandele?”

Ikati iyaphendula, “Oko kuxhomekeke ekubeni wena ufuna ukuya kuphi. Ukuba awuzazi apho ufuna ukuya khona, akukhathalisekanga ukuba uthatha eyiphi indlela.”1

Ngokungafaniyo no-Alice, thina siyazi apho sifuna ukuya khona, kwaye kukhathalisekile ukuba sihamba ngeyiphi indlela, kuba indlela esiyilandelayo kobu bomi isikhokelela kwikamva lethu kubomi obuzayo.

Yanga singakhetha ukwakha ngaphakathi kwethu ukholo olukhulu kwaye nolunamandla oluthi luya kuba lukhuselo lwethu olusebenza ngcono kwiinkqithela zomhendi—ukholo lokwenene, uhlobo lokholo oluya kusixhasa kwaye luya kuxhasa umnqweno wethu wokukhetha okulungileyo. Ngaphandle kokholo olunjalo, asiyi ndawo. Ngaloo, singafezekisa iimbono zethu.

Nangona kubalulekile ukuba sikhethe ngobulumko, kunamaxesha esiya kukwenza ukhetho olubudenge ngawo. Isipho senguquko, esisiphiwe nguMsindisi wethu, sisinceda ukuba silungise indlela eyiyo indlela yethu, khon’ ukuze sibe nokubuyela kwindlela eya kusikhokelela koloo zuko luphezulu lwezulu silufunayo.

Yanga singaqiniseka kwinkalipho yokuchasana nemvumelwano yoninzi. Yanga singasoloko sikhetha ukulunga okunzima endaweni yokugwenxa okulula.

Njengoko sicingisisa ngezigqibo esizenzayo ebomini bethu imihla ngemihla—nokuba kukwenza olu khetho okanye oluya ukhetho—ukuba sikhetha uKrestu, siya kuba senze ukhetho olulungileyo.

Oku kwanga kungaba njalo ngumthandazo wam ovela emazantsi entliziyweni kwaye othobekileyo egameni likaYesu Krestu, iNkosi yethu kunye noMsindisi wethu, amen.

Isikhumbuzo

  1. Icatshulwe ku Lewis Carroll, Alice’s Adventures in Wonderland (1898), 89.

Shicilela