2016
Yena Uya Kukubeka Emagxeni waKhe kwaye Akuthwalele Ekhaya
Meyi 2016


UMyalezo waBaNdwendweli Makhaya, uCanzibe 2016

Yena Uya Kukubeka Emagxeni waKhe kwaye Akuthwalele Ekhaya

Njengoko uMalusi Olungileyo eyifumana imvu yaKhe elahlekileyo, ukuba qha uya kuphakamisela intliziyo yakho kuMsindisi wehlabathi, Yena uya kukufumana.

Enye yeenkumbulo zam zobuntwana endikhathazayo iqala ngesikhalo seempempe zogqogqo ngomoya ezithi zindivuse ekulaleni. Kungekudala, esinye isandi, ingxolo kunye nokugquma kwalamaphiko ajikelezayo wenqwelontaka, siyanda kancinci- kancinci side sishukumise umoya buqu. Ekuqeqeshweni kakuhle ngumama wethu, thina bantwana sithatha oobhaka bethu kwaye sibalekele endulini kwisikhuseli seziqhushumbisi. Njengoko singxamile phakathi kwenzulu yobusuku obumnyama, iintlantsi eziluhlaza namhlophe ziyehla esibhakabhakeni ukuphawula iindawo ezisikwe ngabaphosi beziqhushumbisi. Ngokungaqhelekanga ngokwaneleyo, wonke umntu ubiza ezi ntlantsi imithi yeKrisimesi.

Ndineminyaka emine, kwaye ndilingqina lelizwe elisemfazweni.

EDresden

Kude kufuphi apho usapho lwam lwaluhlala khona yayisisixeko saseDresden. Abo babehlala apho babona mhlawumbi amatyeli angamawaka angaphaya kunalawo ndawabonayo. Iinkqwithela zomlilo ezinkulu, ezazibangwa ngamawaka weziqhushumbisi, zatshayela iDresden, zitshabalalisa ngaphezulu kwama 90 womyinge ekhulwini lwesixeko kwaye zishiya okuncinane kodwa inkunkuma kunye nothuthu ekuvukeni kwabo.

Kwixeshana elifutshane kakhulu, isixeko esasikhe sateketiswa “IBhokisi Yobucwebe” sasingasekho. U- Erich Kästner, umbhali waseJamani, wabhala ngentlekela, “Kwiminyaka eliwaka ubuhle baso bakhiwa, ngobusuku obunye batshatyalaliswa tu.”1 Ngelixa lobuntwana bam ndandingena kubanawo nomfanekiso-ngqondweni wokuba intshabalalo yemfazwe abantu bethu ababeyiqalile ukuba babezoku yoyisa kanjani. Ihlabathi elalisingqongile lalibonakala lingenathemba kwaphela kwaye lingenakamva.

Kulo nyaka uphelileyo ndiye ndaba nethuba lokubuyela eDresden. Eminyakeni engamashumi asixhenxe emva kwemfazwe, futhi, iphinde yaba sisixeko se”Bhokisi Yobucwebe”. Umonakalo ususiwe, kwaye isixeko sibuyiselwe kwaye siphuculiwe.

Ngelixa lotyelelo lwam ndiye ndabona ibandla elihle iLutheran Frauenkirche, iBandla leNkosikazi Yethu. Umo walo lalokhiwe kwiminyaka yama 1700, lalilelinye lobucwebe obukhazimlayo baseDresden, kodwa imfazwe yalinciphisela kwimfumba yenkunkuma. Kwiminyaka emininzi lahlala linjalo ngaloo ndlela, kwade ekugqibeleni kwagqitywa kwelokuba iFrauenkirche iya kokhiwa kwakhona.

Amatye awayephuma kwibandla elalitshatyalalisiwe ayegciniwe kwaye elondoloziwe kwaye, xa kwakusenzeka, asetyenziswa ekwakheni futhi. Namhlanje ungawabona la matye awenziwe mnyama ngumlilo ephawule iindonga zangaphandle. Ezi “zilonda” aziyonkumbuzo kuphela zembali yemfazwe yesi sakhiwo kodwa futhi isisikhumbuzo sokuthemba— umqondiso omhle wokubonakalisa ukuba umntu unako ukudala ubomi obutsha ngothuthu.

Njengoko ndandicingisisa ngembali yaseDresden kwaye ndamangazwa lizinga lobukrele-krele nesisombululo sabo babuyisela into eyayitshatyalalisiwe kwaphela, ndeva impembelelo emyoli yoMoya oyiNgcwele. Ngokuqinisekileyo, ndacinga, ukuba umntu angathatha umonakalo, inkunkuma, kunye neentsalela zesixeko esaphukileyo kwaye baphinde bokhe isakhiwo esiphembelelayo esithi sibhekise ezulwini, ingaba uBawo wethu uSomandla unamandla angakanani wokubuyisela abantwana baKhe abathe bawa, basokola, okanye balahleka?

Akukhathalisekanga nokuba ubomi bethu bungabonakala bonakele kangakanani. Akukhathalisekanga nokuba izono zethu zingaba bomvu kangakanani, nokuba ubukrakra bethu bunzulu kangakanani, nokuba zibulolo kangakanani, zilahlwe kangakanani, okanye zophuke kangakanani iintliziyo zethu. Nkqu nabo bangenathemba, baphila ngaphandle kwethemba, abo bangcatshe ukuthemba, banikele ngengqibelelo yabo, okanye baphambuka kuThixo bangokhiwa kwakhona. Ngaphandle koonyana bentshabalalo, akunabomi obuphaleleyo obungenabuyiselwa kwakhona.

Iindaba ezivuyisayo zevangeli zezi: ngenxa yecebo lanaphakade lolonwabo eliziswe nguBawo wethu Osezulwini osithandayo kwaye eliziswe ngedini elingenasiphelo likaYesu Krestu, asinakukhululwa qha kwimo yethu ewileyo kwaye sibuyiselwe kucoceko, kodwa thina singogqitha kwakhona umfanekiso-ngqondweni wethu wobu bomi kwaye sibe ziindlalifa zobomi obunaphakade kunye nabathathi-nxaxheba bozuko lukaThixo olungachazekiyo.

Umzekeliso Wemvu Elahlekileyo

Ngelixa lobufundisi boMsindisi, iinkokheli zenkolo zangemihla yaKhe zazingavisisani noYesu ngokuchitha ixesha nabantu zona ezazi babiza “aboni.”

Mhlawumbi kuzo kwakujongeka ngathi Yena wayenyamezela okanye ekwakhuthaza nkqu nempatho yesono. Mhlawumbi zona zazikholelwa ukuba eyona ndlela engundoqo yokunceda aboni baguquke yayikuku bagweba, nokuhlekisa ngabo, kwakunye nokubahlaza.

Xa uMsindisi wayeyiqonda into abaFarisi nababhali ababeyicinga, Yena wachaza ibali:

“Nguwuphi na umntu kuni othi, enekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, angazishiyi ezingamashumi asithoba anesithoba entlango, asinge kuleyo ilahlekileyo, ade ayifumane?

“Athi ke akuyifumana, ayibeke emagxeni akhe, evuya.”2

Kwiinkulungwane zeminyaka, lo mzekeliso ubuhlala utolikwa ngokuqhelekileyo njengobizo kwisenzo sokubuyisa izimvu ezilahlekileyo kunye nokufikelela kwabo balahlekileyo. Ngelixa oku kukuhle ngokuqinisekileyo kwaye kulungile, ndiyamangala ukuba kukhona okungaphezulu kunoko.

Ingaba kungenzeka ukuba injongo kaYesu, okokuqala nokubaluleke kakhulu, yayi kukufundisa ngomsebenzi woMalusi Olungileyo?

Ingaba kungenzeka ukuba Yena wayengqina ngothando lukaThixo kubantwana baKhe?

Ingaba kungenzeka ukuba umyalezo woMsindisi yayi ngowokuba uThixo ubazi ngokupheleleyo abo balahlekileyo—kwaye Yena uya kubafumana, ukuba Yena uya kufikelela kubo, kwaye Yena uya kubahlangula?

Ukuba oko kunjalo, yintoni izimvu ekufuneka ziyenze ukuze zilungele olu ncedo lobuthixo?

Ingaba imvu kufuneka ikwazi ukusebenzisa umatshini oxhakaxhaka isextant wokubala umgama weendawo yayo? Ingaba kufuneka ikwazi ukusebenzisa i-GPS ukuchaza indawo yayo? Ingaba kufuneka ibene nesakhono sokudala iqonga lobuxhakaxhaka oya kuyibizela uncedo? Ingaba imvu idinga iminikelo yomxhasi phambili kokuba uMalusi Olungileyo azo kuza kuhlangulo?

Hayi. Ngokuqinisekileyo akunjalo! Imvu ilulungele uhlangulo lobuthixo ngokulula ngenxa yokuba iyathandwa nguMalusi Olungileyo.

Kum, umzekeliso wemvu elahlekileyo ngomnye wemiqolo enika ithemba kakhulu kuso sonke isibhalo esingcwele.

UMsindisi wethu, uMalusi Olungileyo, uyasazi kwaye uyasithanda. Yena uyakwazi kwaye uyakuthanda.

Yena uyakwazi xa ulahlekile, kwaye Yena uyakwazi apho ukhoyo. Yena uyalwazi usizi lwakho. Ukungxengxeza kwakho okuzolileyo. Uloyiko lwakho. Iinyembezi zakho.

Akukhathalisekanga okokuba walahleka kanjani— nokuba kungenxa yokhetho lwakho olungaqiqanga okanye ngenxa yeemeko ezingaphaya kwamandla wakho.

Into ebalulekileyo yeyokuba wena ungumntwana waKhe. Kwaye Yena uyakuthanda. Yena uyabathanda abantwana baKhe.

Ngenxa yokuba Yena uyakuthanda, Yena uya kukufumana. Yena uya kukubeka emagxeni waKhe, evuya. Kwaye xa ekuzisa ekhaya, Yena uya kuthi komnye kunye nakubo bonke, “Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene imvu yam ebilahlekile.”3

Yintoni Ekufuneka Siyenze?

Kodwa, ubungacinga, yintoni inzuzo? Ngokuqinisekileyo kumele ndenze okungaphaya kunokuba ndilindele nje ukuhlangulwa.

Ngelixa uBawo wethu onothando enqwenela ukuba bonke abantwana baKhe babuyele kuYe, Yena akayokunyanzela mntu ukuya ezulwini.4 UThixo akayokusihlangula ngokuchasene nentando yethu.

Ngoko ke yintoni ekufuneka siyenze?

Isimemo saKhe silula:

“Buyelani… kum.”5

“Yizani kum.”6

“Sondelani kum nina kwaye nam ndiya kusondela kuni.”7

Le yeyona ndlela esimbonisa ngayo Yena ukuba thina sifuna ukuhlangulwa.

Yona idinga ukholo oluncinci. Kodwa ungalahli ithemba. Ukuba awukwazi ukugqwesa kukholo ngoku, qala ngethemba.

Ukuba awukwazi ukutsho uyazi uThixo ukhona, ungathemba ukuba Yena ukhona. Unganqwenela ukukholwa.8 Oko kwanele ukuqalisa.

Ngoko ke, ukusebenza kweloo themba, fikelela kuBawo Osezulwini. UThixo uya kulwelula uthando lwaKhe kuwe, kwaye umsebenzi waKhe wohlangulo kunye nenguqulo iya kuqalisa.

Emva kwexesha, wena uya kusibona isandla saKhe ebomini bakho. Uya kuluva thando lwaKhe. Kwaye umnqweno wokuhamba elukhanyweni lwaKhe kunye nokulandela indlela yaKhe iya kukhula nganyathelo ngalinye lokholo olithabathayo.

Thina siwabiza la manyathelo okholo “intobeko.”

Elo ayilo gama elidumileyo kwezintsuku. Kodwa intobeko yinto ekokosiweyo kwivangeli kaYesu Krestu ngenxa yokuba thina siyazi “ngeNtlawulo kaKrestu, lonke uluntu lungasindiswa, ngentobeko kwimithetho kunye nemimiselo yeVangeli.”9

Njengoko sikhula elukholweni, kufuneka sikhule kwakhona nasekunyanisekeni. Ngaphambili ndiye ndacaphula umbhali waseJamani oye wakhala ngentshabalalo yaseDresden. Yena wabhala intetho “Es gibt nichts Gutes, ausser: Man tut es.” Kwabo bangathethi ulwimi lwezulu eliphezulu, le iguqulwa ngolu hlobo “Akukho nto ilungileyo ngaphandle kokuthi uyenze.”10

Wena nam singathetha ngokungathintithiyo ngezinto zomoya. Singonwabisa abantu ngotoliko lwethu oluhlakaniphileyo lwemixholo yevangeli. Singabhala okanye sitsho ngenkuthazo ngenkolo kunye “nephupha lendlu enkulu [yethu] ephezulu.”11 Kodwa ukuba ukholo lwethu aluguquli indlela esiphila ngayo— ukuba iinkolo zethu azichaphazeli izigqibo zethu zemihla ngemihla— inkolo yethu ililize, kwaye ukholo lwethu, ukuba alufanga, ngokuqinisekileyo alulunganga kwaye lusengozini yokwahluleka.12

Intobeko ligazi lobomi bokholo. Kungentobeko ukuba sihlanganisele ukukhanya emiphefumlweni yethu.

Kodwa ngamanye amaxesha ndicinga ukuba asiyiqondisisi intobeko. Singabona intobeko njenge siphelo kuyo buqu, kunokuba iluncedo kuso isiphelo. Okanye singabeka ihamile yesikweko yentobeko ngokuchasene nelitye lentsimbi yemiyalelo ngenzame yokuquma abo sibathandayo, ngokutshisa kwarhoqo kunye nokunkqonkqa okuphinda-phindeneyo, sibenza into engcwele yasezulwini.

Akukho ntandabuzo ngayo, kukho amaxesha apho sithi sidinge ubizelo olungqongqo kwinguquko. Ngokuqinisekileyo, kukho abanye abangafikelelwa ngolu hlobo kuphela.

Kodwa mhlawumbi kukho isikweko esahlukileyo esingachaza ukuba kutheni sithobela imiyalelo kaThixo. Mhlawumbi intobeko ayiyonkqubo ngobuninzi yokugoba, yokubhetya, kunye nokunkqonkqela imiphefumlo yethu kwinto esingeyiyo. Endaweni yoko, yona yinkqubo ethi thina sizifumane ngayo ukuba ngokwenene senziwe ngantoni.

Thina sidalwe nguThixo uSomandla. Yena unguBawo wethu Osezulwini. Thina singabantwana baKhe ngqo bomoya. Senziwe ngezixhobo zezulu ezintle gqitha kwaye sicolwe ngokwezinga eliphezulu, kwaye ngoko ke sithwele ngaphakathi kwethu umnombo wobuthixo.

Apha emhlabeni, kodwa, iingcinga kunye nezenzo zethu ziphitha-phithana noko kugwenxa, kungekho ngcwele, kwaye kungahlambulukanga. Uthuli kunye nokungcola kwehlabathi kuchaphazela imiphefumlo yethu, kukwenza kubenzima ukuba sibone kwaye sikhumbule ilungelo lobuzibulo lethu kunye nenjongo yethu.

Kodwa konke oku akunakuguqula ukuba singobani na ngenene. Ubuthixo obubalulekileyo bendalo yethu buhlala bukhona. Kwaye ngelixa esikhetha ukungqamanisa iintliziyo zethu kuMsindisi wethu oyintanda kwaye sibeke unyawo kwindlela yobufundi, into engummangaliso iyenzeka. Uthando lukaThixo luzalisa iintliziyo zethu, ukhanyo lwenyaniso luzalisa iingqondo zethu, siye siqale ukohlukana nomnqweno wokona, kwaye asisafuni kwakhona ukuhamba ebumnyameni.13

Siye sibone intobeko hayi njengesohlwayo kodwa njengendlela ekhululayo ngokusingisele kwikamva lethu. Kwaye kancinci kancinci, ubugwenxa, uthuli, kunye nezithinteli zeli lizwe ziqalisa ukuwela kude. Ekugqibeleni, umoya ongenaxabiso, wanaphakade womntu wezulu ongaphakathi kwethu uyatyhilwa, kwaye ukukhazimla kokulunga kuba yindalo yethu.

Wena Ulufanele Uhlangulo

Bazalwane noodade bam abathandekayo, bahlobo bam abathandekayo, ndiyangqina ukuba uThixo usibona ngendlela esiyiyo ngenene—kwaye Yena usibona silufanele uhlangulo.

Ungeva ngathi ubomi bakho bukwintlekele. Kusenokwenzeka ukuba wonile. Usenokoyika, ubenomsindo, ubesentsizini, okanye utshutshiswa yintandabuzo. Kodwa njengoko uMalusi Olungileyo eyifumana imvu yaKhe elahlekileyo, ukuba wena uya kuphakamisela intliziyo yakho kuMsindisi wehlabathi, Yena uya kukufumana.

Yena uya kukuhlangula.

Yena uya kukuphakamisa akubeke emagxeni aKhe.

Uya kukuthwala akuse ekhaya.

Ukuba izandla zenyama zingaguqulela inkunkuma kunye nomonakalo ube yindlu entle yonqulo, ngoko ke nathi singaba nokuzithemba kunye nethemba lokuba uBawo wethu Osezulwini osithandayo naye angakwazi kwaye uzokusakha kwakhona thina. Icebo laKhe kukusakha sibe yinto enkulu ngaphezulu kunaleyo besiyiyo—enkulu ngaphezulu kunaleyo esakha sabanomfanekiso-ngqondweni ngayo. Ngenyathelo ngalinye lokholo kwindlela yobufundi, thina sikhulela kubantu bozuko lwanaphakade kunye novuyo olungapheliyo thina esasidalelwe ukuba sibengabo.

Obu bubungqina bam, intsikelelo yam, kunye nomthandazo wam othobekileyo egameni elingcwele loMkhokeli wethu, egameni likaYesu Krestu, amen.

Shicilela