2016
Imimiselo neMinqophiso yeTempile
Juni 2016


UMyalezo wabaNdwendweli Makhaya, eyeSilimela 2016

Imimiselo neMinqophiso yeTempile

Funda ngokuthandaza ezizinto kwaye uphande ukuba yintoni na onokuyaba. Ukuqondisisa “Usapho:Isibhengezo Kulo Ihlabathi” kuza kulukhulisa kanjani ukholo lwakho KuYe kwaye kuza kubasikelela kanjani abo ubagadisiweyo ngokubafundisa ngokubandwendwela? Ngenkcukacha ethe vetshe, iya ku www.reliefsociety.lds.org

Ukholo, Usapho, Uncedo

Umfanekiso
Istempu soMbutho wamaNina

Yonke imimiselo edingekayo kusindiso nolona lubalaseleyo usindiso ihamba kunye neminqophiso noThixo. “Ukwenza nokugcina iminqophiso kuthetha ukukhetha ukuba sizibophelele kuBawo wethu oseZulwini noYesu Krestu,” watsho uLinda K. Burton, uMongameli Jikelele weQumrhu lamanina.1

UMdala Neil L. Andersen weQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini wathi, “Inkosi yathi, ‘Kwimimiselo…amandla obuthixo ayabonakaliswa.’

“Kukho iintsikelelo ezikhethekileyo ezisuka kuThixo ezenzelwe wonke umntu ohlambulukileyo obhapatiziweyo, ofumana uMoya oyiNgcwele, kwaye exhamla kumthendeleko rhoqo.”2

“Xa amadoda namabhinqa esiya etempileni,” watsho uMdala M. Russell Ballard weQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini, “wona omabini awongwa ngamandla amanye, lawo ngamandla wobubingeleli…

“…Wonke amadoda kunye namabhinqa anako ukuwafumana lamandla ukunceda kubomi bawo. Wonke owenze iminqophiso engcwele neNkosi kwaye eyihloniphile lominqophiso ukulungele ukuzifumanela isithyilelo ngesiqu sakhe, ukusikelelwa kukulungiselela kweengelosi, ukunxibelelana noThixo, ukufumana ivangeli ngokupheleleyo, kunye, ekugqibeleni, ukuba yindlalifa noYesu Krestu yako konke oko uBawo anako.”3

IziBhalo Ezongezelelweyo

1Nifayi 14:14; IMfundiso neMinqophiso 25:13; 97:8; 109:22

Amabali Wabaphilayo Namhlanje

Ngo 2007, iintsuku ezine emva kwenyikima enkulu ePeru, uMdala Marcus B. Nash wabangaMashumi Asixhenxe wahlangana nomongameli wesebe uWenceslao Conde kunye nenkosikazi yakhe, uPamela. “UMdala Nash wabuza uDade Conde ukuba iintsana zakhe zazinjani. Ngoncumo, waphendula ukuba ngokulunga kukaThixo babekhuselekile bonke kwaye babephilile. Wabuza malunga nekhaya losapho lakwaConde.

“‘Alisekho,’waphendula nje lula.

“…Kodwa,’ uMdala Nash waqaphela ‘uncumile njengokuba sithetha.’

“‘Ewe,’ watsho, ‘Ndithandazile kwaye ndiseluxolweni. Sinako konke esikudingayo. Sinosapho lonke, sinabantwana bethu, sitywiniwe etempileni, sinelibandla lingummangaliso, kwaye sineNkosi. Singakha kwakhona ngoncedo lweNkosi.’ …

“Yintoni le ngokwenza nokugcina iminqophiso noThixo esinika amandla wokuncuma kubunzima, ukuguqula imbandezelo ibe luloyiso… ?”

“Intsusa nguThixo. Ukufikelela kwethu kuloo mandla kusuka kwiminqophiso yethu naYe.”4

Izikhumbuzo

  1. Linda K. Burton, “The Power, Joy, and Love of Covenant Keeping” Liyahona, Nkanga 2013,111.

  2. Neil L. Andersen, “Power in the Priesthood,” Liyahona, Nkanga 2013, 92.

  3. M. Russel Ballard,“Men and Women in the Work of the Lord,” Liyahona, Tshazimpunzi 2014, 48-49

  4. Bona D. Todd Christofferson, “The Power of Covenants,” Liyahona, Canzibe 2009, 19, 20–21.

Cingisisa Ngoku

Imimiselo neminqophiso yetempile isiqinisa kwaye isomeleze kanjani?

Shicilela