2016
UBawo Wethu, UMqeqeshi Wethu
Juni 2016


UMyalezo woBongameli Bokuqala, eyeSilimela 2016

UBawo Wethu, uMcebisi Wethu

Wakhe wavula ibhokisi yamacala, warhutya imiyalelo yokuwadibanisa, waza wacinga, “Oku akwenzi ntsingiselo kwaphela”?

Ngamanye amaxesha ngaphandle kwezona zibalaseleyo iinzame zethu kunye nokuqiniseka kwangaphakathi, sikhupha icala size sibuze, “Lelantoni ke eliya?” okanye “Lingena njani ke eliya?”

Ukuxakwa kwethu kuyakhula njengoko sijonga ibhokisi leyo size siqaphele umbhalo othi, “Ukudityaniswa kulindeleke - ubudala 8 nangaphezulu.” Ngokuba singekabi nalo ufifi, oku akusongezi kuqiniseka okanye ukuzithemba.

Ngamanye amaxesha sinamava afanayo nevangeli. Njengoko sijonga kwicala elithile layo, sise nokukrwempa iintloko zethu kwaye simangale ukuba likholo ntoni elo cala. Okanye njengokuba sivavanya elinye icala, sisenokuqaphela ukuba nasemva kokuzama nzima ukuqondisisa ngokupheleleyo, asikwazi tu ukuyisombulula ukuba kwakutheni ukuze elo cala lifakwe.

UBawo Wethu oseZulwini unguMcebisi Wethu

Ngethamsanqa, UBawo wethu oseZulwini usinike imiyalelo engummangaliso ukuze sakhe ubomi bethu kwaye sidibanise iziqu zethu ezingcono. Loo miyalelo iyasebenza akukhathaliseki budala okanye imeko yethu. Yena usinike ivangeli kunye neBandla likaYesu Krestu. Yena usinike icebo lentlawulelo, icebo losindiso, nkqu kwa icebo lolonwabo. Yena akasishiyanga sodwa neentandabuzo kunye nemicelingeni yobomi, esithi, “Nantso ke qhubekeka. Ubenentlahla. Yisombulule.’

Ukuba nje sinokuba nomonde kwaye sijonge ngentliziyo ethobekileyo kunye nengqondo evulekileyo, siyakufumanisa ukuba uThixo usinike izixhobo ezininzi ukuba siqonde ngcono imiyalelo yaKhe entsokothileyo yolonwabo lwethu ebomini.

  • Yena usinike isipho esingena kubekwa xabiso soMoya oyiNgcwele, esinokwazi ukuba ngowethu buqu, umfundisi wasezulwini njengoko sifunda ilizwi likaThixo kwaye silinga ukuzisa iingcinga zethu kunye nezenzo kungqamano nelizwi laKhe.

  • Yena usinike 24/7 yokufikelela kuYe ngemithandazo yokholo kunye nokubongoza kwenjongo yokwenene.

  • Yena usinike abapostile naba profethi balemihla, abatyhila ilizwi likaThixo kumhla wethu kwaye benegunya lokubopha okanye batywine emhlabeni nasezulwini.

  • Yena ubuyisele iBandla laKhe - isiseko samakholwa asebenza kunye ekuncedaneni njengoko besebenza usindiso lwabo ngoloyiko, ngokungcangcazela, kunye nangovuyo olungenantanga.1

  • Yena usinike izibhalo ezingcwele - ilizwi laKhe elibhalelwe thina.

  • Yena unikezele ngentlaninge yezixhobo zobuxhakaxhaka bangoku ukusinceda kwihambo yethu yobufundi. Uninzi lwezi zixhobo zingummangaliso zifumaneka ku LDS.org.

Kutheni uBawo oseZulwini esinike uncedo oluninzi kangaka? Kuba Yena uyasithanda. Kwaye kuba, njengoko Yena esitsho ngokokwakhe, “Lo ngumsebenzi wam nozuko lwam - ekwenzeni kugqithiswe ukungafi nobomi obungunaphakade bomntu.”2

Ngamanye amazwi, uBawo oseZulwini unguThixo wethu, kwaye uThixo unguMcebisi kuthi.

UBawo Wethu oseZulwini uyazazi izidingo zabantwana baKhe ngcono kunaye nabani na. Kungumsebenzi waKhe nozuko lwaKhe ukusinceda kwisiphambuka sonke, esinika izixhobo zokwenyama kunye nezomoya ezingummangaliso ukusinceda kwindlela yethu ebuyela kuYe.

Wonke uTata unguMcebisi

Kwamanye amazwe ehlabathi, ootata bayawongwa zintsapho kunye naluluntu kwinyanga yeSilimela. Kusoloko kulungile ukubeka kunye nokuhlonipha abazali bethu. Ootata bazenzela izinto ezilungileyo ezininzi iintsapho zabo kwaye baneempawu ezininzi ezincomekayo. Emibini eyeyona ibalulekileyo imisebenzi ootata abanayo kubomi babantwana babo yile yokuba ngumzekelo olungileyo kunye nokuba ngumcebisi. Ootata benza ngaphezulu kunokuxelela abantwana babo okulungileyo okanye okungalunganga; benza okungaphezulu kakhulu kunokubaphosela incwadi kwaye babalindele ukuba bazisombululele ubomi.

Ootata bacebisa abantwana babo abaxabisekileyo kwaye bababonise ngomzekelo wabo olungileyo indlela obuphilwa ngayo ubomi obunyanisekileyo. Ootata ababashiyi abantwana babo bodwa kodwa baxhabashela ekubancedeni, bebancedela ukuba bame ngeenyawo zabo nanini na xa bekhubeka. Kwaye ngamanye amaxesha xa ubulumko bubonisa, ootata bayabavumela abantwana babo ukuba basokole, beqaphela ukuba le isenokuba yeyona ndlela ingcono yokuba bafunde.

Thina Sonke Singaba Cebisi

Nangona ootata basemhlabeni bekwenzela abantwana babo oku, umoya wokucebisa yinto esidinga ukuyinikeza kubo bonke abantwana bakaThixo, ngokungakhathalisekiyo kobudala, isithili, okanye imeko. Khumbula, abantwana bakaThixo ngabantakwethu noodadewethu; sonke singabosapho olunye olungunaphakade.

Ngalendlela, sonke masibe ngabacebisi - sibenomdla wokufikelela sincedane ukuze sibe ngabantu abangcono. Kuba siyinzala kaThixo, sinako ukuba sibe njengaYe. Ukuthanda uThixo nabanye abantu, ukugcina imiyalelo kaThixo, kunye nokulandela umzekelo kaKrestu, kuyindlela ethe tye, emxinwa, neluvuyo ebuyela kubukho babazali bethu basezulwini.

Ukuba uThixo wamazulu ukhathala kangaka ngathi ade abe ngumcebisi kuthi, mhlawumbi nathi singafikelela kwabanye abantu, ngokukhathalisekiyo kwebala labo, uhlanga, iimeko zabo zezoqoqosho, ulwimi, okanye inkolo. Masibe ngabacebisi abakhanyiselweyo kwaye sisikelele ubomi babanye - hayi abantwana bethu kuphela kodwa bonke abantwana bakaThixo ihlabathi liphela.

Izikhumbuzo

  1. Bona Izenzo 13:52; AbaseFilipi 2:12.

  2. Mosisi1:39

Ukufundisa ngaloMyalezo

Usenokufuna ukuqala ngokucela abo ubafundisayo ukuba bacinge ngethuba uBawo oseZulwini awabacebisa ngalo. Ungabacela ukuba bacinge ngezinto ezifanayo phakathi kweloo thuba kunye nethuba xa babeziva becetyiswa ngutata wabo wasemhlabeni. Bameme ukuba babhale phantsi izinto ezifanayo kwindlela abacetyiswa ngayo. Ungabanika umceli-mngeni wokuba bazame ukulinganisa lento bayibhale phantsi kwinzame yokuba babengumzekelo ongcono kwabanye.

Shicilela