2016
Ukunyaniseka Kukholo Lwabo
Julayi 2016


Ulutsha

Ukunyaniseka Kukholo Lwabo

UMongameli Monson ubalisa ibali ngolunye usapho loovulindlela kwaye ucaphula uMongameli George Albert Smith: “Ingaba niyakuphila ngokunyanisekileyo kukholo lwezinyanya zenu? … Zamani ukuba nilungele wonke amadini abathi [bona] banenzela wona.” Nokuba unezinyanya zoovulindlela okanye ulilungu lesizukulwana sokuqala leBandla, ingaba ukhangela kwimizekelo yokholo ngokomkhomba-ndlela kunye namandla? Nantsi indlela elungileyo ongaqala ngayo:

1. Yenza uluhlu lwabantu obancomayo. Bona bangaba ngamalungu wosapho lwakho (kwixesha elidluliyo okanye elimiyo), abahlobo, iinkokheli zeBandla, okanye abantu abakwizibhalo ezingcwele.

2. Bhala phantsi iimpawu abanazo ozithandayo. Ingaba umama wakho unomonde ngenene? Mhlawumbi umhlobo wakho unobubele kwabanye. Mhlawumbi uthanda inkalipho yoMphathi-mkhosi Oyintloko uMoronayi.

3. Khetha uphawu olunye kuluhlu lwakho kwaye uzibuze, “Ingaba ndingalufumana kanjani olu phawu? Yintoni endidinga ukuba ndiyenze ukuze ndiluphuhlise ebomini bam?

4. Bhala phantsi amacebo wakho okuphuhlisa olu phawu kwaye uyibeke kwindawo apho uya kuthi uyibone rhoqo, ukuzikhumbuza ngembono yakho. Thandazela uncedo lukaBawo Osezulwini kwaye ujonge inkqubela-phambili yakho rhoqo. Wakuba uziva ukuba uphuhlise olu phawu ngokupheleleyo, ungakhetha uphawu olutsha ongasebenza kulo.

Khumbula ukuba njengoko siphuhlisa iimpawu ezinkulu kuthi buqu, asizukisi kuphela ukholo lwezinyanya zethu kunye namadini eziwenzileyo, kodwa nathi singaba ngabaphembeleli bokulunga kwabo basingqongileyo.

Shicilela