2016
Amandla Wethu Wobuzali
Julayi 2016


UMyalezo wabaNdwendweli Makhaya, eyeKhala 2016

Amandla Wethu Wobuzali

Funda ngokuthandaza ezi zinto kwaye uphande ukuba yintoni na onokuyaba. Ukuqonda kabanzi “USapho: ISibhengezo kulo iHlabathi” siza kulwandisa njani ukholo lwakho kuThixo kwaye sibasikelele kanjani abo ubagadisiweyo ngokubafundisa ngokubandwendwela? Ngenkcukacha ethe vetshe, yiya ku www.reliefsociety.lds.org.

Ukholo, Usapho, Uncedo

“Kwakubalulekile ukuba abantwana bomoya bakaThixo babenozalo lwasemhlabeni kunye nethuba lokuqhubekela kubomi obungunaphakade,” wafundisa uMdala Dallin H. Oaks weQumrhu LabaPostile Abalishumi Elinambini. Ekuqondeni injongo engundoqo yecebo lolonwabo elikhulu, ndiyakholwa ukuba obona butyebi basemhlabeni kunye nasezulwini ngabantwana bethu kunye nenzala yethu.”1

UMdala Neil L. Anderson weQumrhu LabaPostile Abalishumi Elinambini wathi:

“Siyakholelwa kwiintsapho, kwaye siyakholelwa kubantwana. …

“… UThixo wathi ku [Adam noEva], Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba niweyise’ [Genesis 1:28]. …

“Lo mthetho awukalityalwa okanye awukabekelwa ecaleni kwiBandla likaYesu Krestu LabaNgcwele beMihla YokuGqibela.”2

Nangona singabi ngabazali sonke kobu bomi, singalondoloza abantwana besizukulwana sonke. Sivuyela iintsikelelo zokuba yinxalenye yosapho lukaBawo Osezulwini, kwaye sibanamava wovuyo kunye nemicelingeni yokuba yinxalenye yosapho lwasemhlabeni. Kwaye kuninzi, ubuzali bubalindele kwilixa langonaphakade elingaphambili.

IziBhalo Ezongezelelweyo

Indumiso 127:3; Mateyu 18:3–5; 1 Nifayi 7:1; Mosisi 5:2–3

Amabali Wabaphilayo Namhlanje

“Amazwi amaninzi ehlabathini namhlanje abekela bucala ukubaluleka kokuba nabantwana okanye acinga ukulibazisa okanye asike inani lokuba nabantwana kusapho,” watsho uMdala Andersen. “Iintombi zam kutsha nje zindibonise umbhalo othe wabhalwa ngumama woMKrestu (ongengo wenkolo yethu) onabantwana abahlanu. Yena waphawula: ‘[Ukukhula] kwesi simo, kunzima kakhulu ukufumana uluvo lwebhayibhile lobumama. … Abantwana bahamba kwizinga elingaphantsi kakhulu kunedyunivesithi. Ngaphantsi kunokuhamba-hamba ihlabathi ngokuqinisekileyo. Ngaphantsi kuno kuzikhupha ebusuku uye ebumnandini. Ngaphantsi kuno kuzigutyula umzimba wakho ejimini. Ngaphantsi kuwo nawuphi na umsebenzi onawo okanye othemba ukuwufumana.’ Ngoko ke uyongeza: “Ubumama akuyonto yokuchitha isithukuthezi, bulubizo. Awuqokeleli abantwana ngenxa yokuba ubafumana bebahle ukwegqitha izitampu. Abuyonto yokwenza ukuba ungakwazi ukunyakathisa ixesha. Bona buyinto uThixo akuphele yona ixesha.’”3

Izikhumbuzo

  1. Dallin H. Oaks, “The Great Plan of Happiness,” Ensign, Nov. 1993, 72, 75.

  2. Neil L. Andersen, “Children,” Liyahona, eyeNkanga 2011, 28.

  3. Neil L. Andersen, “Children,” 28.

Cingisisa Ngoku

Usapho lwethu lwasemhlabeni ingaba lufana ngandlela ziphi nosapho lwethu lwasezulwini?

Shicilela