2016
Ukunyaniseka Kukholo Lookhokho Bethu
Julayi 2016


UMyalezo woBongameli Bokuqala, eyeKhala 2016

Ukunyaniseka Kukholo Lookhokho Bethu

UJohn Linford wayeneminyaka engama 43 xa yena nonkosikazi wakhe, uMaria, kunye nabathathu koonyana babo benza isigqibo sokushiya ikhaya labo eGravely, kwelaseNgilane,ukuba bahambe amawaka-waka wemigama ukuba bangenele abaNgcwele kwintlambo yaseGreat Salt Lake. Bashiya ngasemva unyana wabo wesine, owayesenza umsebenzi wobufundisi, bathengisa konke okwabo, kwaye bathabatha uhambo eLiverpool ngenqanawe iThornton.

Uhambo ngolwandle oluya kwisiXeko iNew York, kunye nangomgaqo oya e- Iowa, lwabonakala lungenaziganeko. Iinkathazo zaqala, kodwa, kufutshane emva kokuba abakwaLinford kunye nabanye abaNgcwele Bemihla yokuGqibela ababethe bahamba ngeThornton bashiya isiXeko sase-Iowa kuNtulikazi ngo 15, 1856, njenge nxalenye yenkampani yezileyiti ezirhuqwa ngeezandla ka James G. Willie eyaba neyelenqe.

Imo yezulu embi kunye nohambo olwalulubi lwaqinisela kuninzi lwenkampani, kuquka noJohn. Ekugqibeleni waye wagula kwaye wababuthathaka wade kwanyanzeleka ukuba atsalwe ngesileyiti esirhuqwa ngeezandla. Ngexesha inkampani yayifika eWyoming, imo yakhe yayisele imbi ngamandla. Iqela lohlangulo eliphuma kwisiXeko saseSalt Lake lafika kweyeDwarha 21, iiyure nje emva kokuba uhambo olumagad’ ahlabayo luka John lwalusandul’ ukuphela. Yena wayesweleke ngaphambili nje ngaloo ntsasa kufutshane nonxweme loMlambo iSweetwater.

Ingaba uJohn wayezisola ngokuba wayetshintshise intuthuzelo kunye nobulula ebutshintshiselela iintlupheko, ukuswela kunye nobunzima bokuthatha usapho lwakhe aluse eZiyoni?

“Hayi, Maria,” yena waxelela unkosikazi wakhe ngaphambili nje kokuba asweleke. “Ndiyavuya ngokuba sithe seza. Andizokuphila ukuba ndifikelele eSalt Lake, kodwa wena kunye nabafana nizofika, kwaye andisoli konke esithe sagqitha kuko ukuba abafana bethu baya kukhula kwaye bakhulise iintsapho eZiyoni.”1

UMaria kunye noonyana bakhe balugqibezela uhambo lwabo. Xa uMaria wayesweleka eminyakeni ephantse ibe ngama 30 emva koko, yena noJohn bashiya ngasemva ilifa lokholo, loncedo, lokuzinikela, kunye neledini.

Ukuba ngoNgcwele weMihla yokuGqibela kukuba nguvulindlela, kuba intsingiselo yovulindlela “ngumntu ohamba phambili ayo kulungiselela okanye avulele abanye indlela yokuba balandele.”2 Kwaye ukuba nguvulindlela kukuqhelana nedini. Nangona amalungu weBandla engasacelwa ukuba ashiye amakhaya wabo ukuba enze uhambo oluya eZiyoni, wona kufuneka rhoqo ashiye iziqhelo zakudala ngasemva, izithethe zakudala, kunye nabahlobo awabathandayo. Amanye enza izigqibo eziyintlungu zokushiya ngasemva amalungu weentsapho athi achasane nobulungu babo beBandla. AbaNgcwele beMihla yokuGqibela baya phambili, kodwa, bethandaza ukuba abo bahle baya kuqonda kwaye bamkele.

Indlela kavulindlela ayikho lula, kodwa silandela kumanyathelo woVulindlela ongundoqo—nkqu uMsindisi— oyena wahamba ngaphambili, wathi wasibonisa indlela yokulandela.

“Uze undilandele,”3 Yena wamema.

“Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi,”4 Yena wabhengeza.

“Yiza kum,”5 Yena wabiza.

Indlela inako ukuvavanya. Abanye bafumana kunzima ukumelana nokuthukwa kunye neentetho ezirhabaxa zabantu abazizidenge abathi bahlekise ngobunyulu, ngobunyani, kunye nangentobeko kwimiyalelo kaThixo. Ihlabathi lasoloko lijongela phantsi ukuzinikela kumthetho-siseko. Xa uNowa wayeyalelwe ukuba akhe umkhumbi, uluntu olunobudenge lwakhangela esibhakabhakeni esingenalifu lwaze lwahlekisa kwaye lwagqezula— kwade kwafika imvula.

Kwilizwekazi laseMelika eminyakeni engamakhulu emide eyagqithayo, abantu babethandabuza, bexambulisana, kwaye abathobela kwade umlilo watshisa iZarahemla, umhlaba wogqumelela iMoronayiha, kwaye amanzi agubungela iMoronayi. Isigqezu, intlekisa, kunye intento embi, kunye nesono zazingekho nya. Zona zaguqulwa yinzolo emyoli, ubumnyama obubi. Umonde kaThixo wawuphelelwe, ixesha laKhe lalizalisekile.

UMaria Linford akazange alahle ukholo lwakhe nangona kwakuno tshutshiso eNgilane, ubunzima bohambo lwakhe oluya “kwindawo uThixo … awayeyilungisile,”6 kunye neentlupheko awayezinyamezelele usapho lwakhe kunye neBandla.

Kumsebenzi owawenzelwe engcwabeni ngo 1937 wesikhumbuzo sikaMaria, uMdala George Albert Smith (1870–1951) wabuza inzala yakhe: “Ingaba niyaku phila ngokunyanisekileyo kukholo lwezinyanya zenu? … Zamani ukuba nilungele wonke amadini abathi [bona] banenzela wona.”7

Njengoko sifuna ukwakha iZiyoni ezintliziyweni zethu, emakhayeni wethu, ekuhlaleni kwethu, kunye nakumazwe wethu, yanga singakhumbula inkalipho kunye nokholo olungapheliyo lwabo abathi banikela konke okwabo khon’ ukuze sonwabele iintsikelelo zevangeli ebuyisiweyo, kunye nethemba layo kunye nesithembiso ngeDini leNtlawulo likaYesu Krestu.

Izikhumbuzo

  1. Bona Andrew D. Olsen, The Price We Paid (2006), 45–46, 136–37.

  2. The Compact Edition of the Oxford English Dictionary (1971), “pioneer.”

  3. Luka 18:22

  4. Yohane 14:6

  5. Yohane 7:37; bona futhi 3 Nifayi 9:22.

  6. “Yizani, Yizani, Nina BaNgcwele,” Amaculo, No. 30.

  7. Bona Olsen, The Price We Paid, 203–4.

Ukufundisa Ngalo Myalezo

Cingisisa ngokucela abo ubafundisayo ukuba bacinge ngabantu ebomini babo abathe bahamba phambili kwaye babangoovulindlela kubo. Uze ke ubabuze ukuba babekhe bangoovulindlela nini kwaye balungiselela abanye indlela. Bameme ukuba bacingisise ngamaxa apho bathe benza amadini kwaye kwakutheni kubalulekile oko. Ungabapha umcelingeni wokuba bashicilele ubungqina babo “Uvulindlela Ongundoqo,” uMsindisi.

Shicilela