2016
Imililo kunye Nezifundo Zentobeko
Okthoba 2016


Ulutsha

Imililo kunye Nezifundo Zentobeko

UMongameli Thomas S. Monson wakhe wabalisa ngexesha apho wathi wafunda ukubaluleka kwentobeko. Xa wayeneminyaka esibhozo, usapho lwakhe lwathi lwandwendwela indlwana yabo yasendle ezintabeni. Yena nomhlobo wakhe babefuna ukulungisa indawo eyayinengca balungiselela umlilo. Bazama ukususa ingca ngesandla, betsala kanzima kwaye bencothula ngamandla kangangoko benakho, kodwa konke abakufumanayo yayizizandla ezazigcwele ukhula. UMongameli Monson wachaza, “Kwaye ngoko ke eyona nto endandicinga ukuba yayisisifundo sombululo esigqibeleleyo seza kwingqondo yam eyayineminyaka esibhozo. Ndathi kuDanny, ‘Konke esinkudingayo kukubasa ezindiza. Sizovele sitshise isangqa ekhuleni!’”

Nangona wayesazi ukuba wayengavumelekanga ukuba asebenzise izikhanyisi, wabalekela emva kwindlwana yasendle,kwaye yena noDanny babasa umlilwana kuloo ndawo yayinengca. Babelindele ukuba uzokuzicima, endaweni yoko wanda wabangumlilo omkhulu kwaye onobungozi. Yena noDanny babaleka bafuna uncedo, kwaye kwamsinya abantu abadala baxheshisa bayokucima umlilo phambili kokuba ufikelele emithini.

UMongameli Monson waqhubeka, “UDanny nam safunda izifundo ezinzima ezininzi kodwa ezazibalulekile ngaloo mini—esona esasingekho sincinane yayikukubaluleka kwentobeko.” (Bona “Obedience Brings Blessings,” Liyahona, Canzibe 2013, 89–90.)

Njengo Mongameli Monson, ingaba wawukhe wafunda isifundo sentobeko ngendlela enzima? Zeziphi iimbono ongazenza zokuzigcina ukhuselekile ngentobeko kwikamva lakho?

Shicilela