2016
Iintsikelelo Zentobeko
Okthoba 2016


Umyalezo Wobongameli BokuQala, Eyedwarha 2016

Iintsikelelo Zentobeko

“Esona sifundo sikhulu esingasifunda kweli limagad’ahlabayo,”uMongameli Thomas S. Monson wafundisa, “sesokuba xa uThixo ethetha kwaye sithobela, siyakuhlala silungile.”1

Kwaye siyakusikeleleka. Njengoko uMongameli Monson ebetshile kwinkomfa yajikelele yakamva nje: “Xa sigcina imiyalelo, ubomi bethu buyakonwaba, bonaliseke ngakumbi, kwaye bubeyingxaka-ngxaka kancinane. Imicelingeni yethu kunye neengxaki zethu ziyakubalula ukuba sizithwale, kwaye siyakufumana iintsikelelo [zikaThixo] ezithenjisiweyo.”2

Kwezi zicatshulwa zilandelayo eziphuma kwiimfundiso zikaMongameli Monson njengoMongameli weBandla, yena usikhumbuza ukuba intobeko kwimiyalelo yewona mgaqo oqinisekileyo oya elonwabeni kunye naseluxolweni.

Imigaqo Yohambo

“Imiyalelo kaThixo ayinikelwanga ukuba isixakekise okanye ibe zimbandezelo kulonwabo lwethu. Isichaso soko siyinyaniso. Lowo owathi wasidala kwaye osithandayo ngokugqibeleleyo uyazi nje ukuba sidinga ukuphila kanjani ubomi bethu khon’ukuze sizuze ulonwabo olukhulu olunokwenzeka. Yena usiphe imigaqo ethi, ukuba thina siyayilandela, iyakusibona sigqitha ngokukhuselekileyo kolu hambo lungcungcuthekisayo lwakeli limagad’ ahlabayo. Sikhumbula amazwi weculo eliqhelekileyo: ‘Gcina imiyalelo! Koku kunokhuseleko; koku kunoxolo’ [bona “Keep the Commandments,” Hymns, no. 303].”3

Ulomelezo kunye Nolwazi

“Intobeko iluphawu lwengqinisekiso lwabaprofethi; yona ithe yanikeza ulomelezo kunye nolwazi kubo kuyo yonke iminyaka. Kubalulekile kuthi ukuba siqonde, njengoko, ukuba sigunyazisekile kulo mnombo wolomelezo kunye nolwazi. Luhlala lukhona komnye nomnye wethu namhlanje njengoko sithobela imiyalelo kaThixo. …

“Ulwazi esilufunayo, iimpendulo esizilangazelelayo, kunye nolomelezo esilunqwenelayo namhlanje ukuba simelane nemicelingeni yelihlabathi lixakekileyo kwaye litshintsha-tshintshayo lungaba ngolwethu xa sithobela imiyalelo kaThixo ngokwentando yethu.”4

Khetha Ukuthobela

“Uluvo lwamaxesha wethu lubonakala lungahoyekanga. Imiboniso yeencwadi kunye nomabonakude ibonisa iinkwenkwezi zemiboniso bhanya-bhanya, amaqhawe wamabala wokubalekela—abo batsha abaninzi abathi balangazelele ukubalinganisa—njengoko benganaki imithetho kaThixo kwaye baqhayise ngezenzo zesono, babonakala bengenaziphumo ezibi. Ungakukholwa oku! Likhona ixesha lokubala—nkqu nokukalwa kwezibalo. Wonke uCinderella unobunzulu bobusuku bakhe—ukuba abukho kobu bomi, ngoko ke kobulandelayo. Umhla woMgwebo uyakufika kubo bonke. … Ndiyanibongoza ukuba nikhethe ukuthobela.”5

Uvuyo kunye Noxolo

“Kungabonakala kuwe ngamanye amaxesha ngathi abo bangaphandle banobumnandi okwegqitha nina. Abanye benu ningaziva ngathi ninyanzelwa ngumgaqo wempatho esithi thina eBandleni sibambelele kuwo. Bazalwane noodade bethu, ndiyavakalisa kuni, ukuba ukukho nto engazisa uvuyo olungaphaya ebomini bethu okanye uxolo oluninzi kwimiphefumlo yethu kunoMoya ongeza kuthi njengoko silandela uMsindisi kwaye sigcina imiyalelo.”6

Hamba Tye

“Ndiyangqina kuni ukuba iintsikelelo zethu esizithenjisiweyo zingaphaya komlinganiselo. Nangona amafu wenkqwithela ehlangana, nangona iimvula zigalela phezu kwethu, ulwazi lwethu lwevangeli kunye nothando lukaBawo wethu Osezulwini kunye noMsindisi wethu luyakusithuthuzela kwaye lusixhase kwaye luyakuzisa uvuyo ezintliziyweni zethu njengoko sihamba tye kwaye sigcina imiyalelo. Akuyi kubananto kweli hlabathi eyakuthi isoyise.”7

Landela uMsindisi

“Ngubani le Ndoda yeentsizi, eqhelene nentlungu? Ngubani na ke yena uKumkani wozuko, le Nkosi yemikhosi? Yena unguMkhokeli wethu. Yena unguMsindisi wethu. Yena unguNyana kaThixo. Yena uyiMbangi yosindiso lwethu. Yena uyamema, ‘Ndilandeleni.’ Yena uyayalela, ‘Hambani, nenje njalo.’ Yena uyabongoza, ‘Gcinani imiyalelo yam.’

“Masimlandeleni. Masilinganiseni umzekelo waKhe. Masithobeleni ilizwi laKhe. Ngokwenza njalo, simpha isipho sobuthixo sombulelo.”8

Izikhumbuzo

  1. “They Marked the Path to Follow,” Liyahona, EyeDwarha 2007, 5.

  2. “Keep the Commandments,” Liyahona, EyeNkanga 2015, 83.

  3. “Keep the Commandments,” 83.

  4. “Obedience Brings Blessings,” Liyahona, Canzibe 2013, 90, 92.

  5. “Believe, Obey, and Endure,” Liyahona, Canzibe 2012, 129.

  6. “Stand in Holy Places,” Liyahona, EyeNkanga 2011, 83.

  7. “Be of Good Cheer,” Liyahona, Canzibe 2009, 92.

  8. “Finding Joy in the Journey,” Liyahona, EyeNkanga 2008, 88.

Ukufundisa Ngalo Myalezo

UMongameli Monson usifundisa ngeentsikelelo ezininzi esingazifumana ngokuthobeka, kuquka nolomelezo, nolwazi, novuyo, kunye noxolo. Cingisisa ngokubuza abo ubafundisayo ukuba basikelelwe kanjani ngokugcina imiyalelo. Ungabakhuthaza ukuba baqhubeke nokucinga nzulu ngeentsikelelo zabo kwaye babhale phantsi iingcinga zabo kunye namava wabo kwincawadana yembali yabo. Mhlawumbi ungabakhuthaza ukuba babonise umbulelo wabo kuThixo weentsikelelo zabo ngokuqhubeka ngokuthobeka.

Shicilela