2016
Usapho Lumiselwe NguThixo
Okthoba 2016


UMyalezo wabaNdwendweli Makhaya, eyeDwarha 2016

Usapho Lumiselwe NguThixo

Funda ngokuthandaza ezi zinto kwaye ucele ukwazi ukuba ungabelana ngantoni. Ukuqonda kabanzi “Usapho: Isibhengezo Kulo Ihlabathi” kuza kulukhulisa kanjani ukholo lwakho kuThixo kwaye kuza kubasikelela kanjani abo ubagadisiweyo ngokubafundisa ngokubandwendwela? Ngenkcukacha ethe vetshe, yiya ku www.reliefsociety.lds.org.

Ukholo, Usapho, Uncedo

“Kumazwi [wengoma yabantwana abancinane], ‘Usapho lolukaThixo,’ … thina siyakhunjuzwa ngemfundiso emsulwa,” watsho uCarole M. Stephens, uMcebisi Wokuqala kuBongameli Jikelele Bombutho Wamanina. “Asifundi qha ukuba usapho lolukaThixo kodwa ukuba sonke siyinxalenye yosapho lukaThixo. …

“… Icebo likaBawo labantwana baKhe licebo lothando. Lona licebo lokumanyanisa abantwana baKhe—usapho lwaKhe—kunye naYe.”1

UMdala L. Tom Perry (1922–2015) weQumrhu LabaPostile Abalishumi Elinambini wathi: “Thina siyakholelwa ukuba iintsapho eziqinileyo ezisesikweni ayingamaqela azinzileyo wokuhlala okuliqilima, wezoqoqosho eliqilima, kunye nenkcubekho yezithethe eziliqilima—kodwa zingamaqela azinzileyo wangonaphakade kunye nobukumkani norhulumente kaThixo.

“Siyakholelwa ukuba isiseko kunye norhulumente wasezulwini uya kokhelwa kwiintsapho kunye nakwiintsapho ezandisiweyo.”2

“Wonke umntu, nokuba isimo sakhe somtshato siyintoni na okanye inani labantwana bakhe, angabangumlweli wecebo likaThixo elichazwa kwisibhengezo sosapho,” watsho uBonnie L. Oscarson, uMongameli Jikelele Wamantombazana Amincinane. “Ukuba elo licebo leNkosi, kumele ibelicebo lethu nathi!”3

IziBhalo Ezongezelelweyo

Iimfundiso Neminqophiso 2:1–3; 132:19

Imfundiso Yosapho

Udade Julie B. Beck, owayesakuba nguMongameli Jikelele Wombutho Wamanina, wafundisa ukuba imfundo yosapho isekelwe phezu kweNdalo, Ukuwa, kunye neNtlawulelo kaYesu Krestu:

“Indalo yomhlaba yanikeza ngendawo apho iintsapho zazingahlala khona. UThixo wadala indoda nomfazi ababeziziqingatha ezimbini ezazibalulekileyo zosapho. Kwakuyinxalenye yecebo likaBawo Osezulwini lokuba u-Adam kunye no-Eva batywinwe kwaye baseke usapho lwanaphakade.

“… Ukuwa kwenza ukuba bakwazi ukuba babenoonyana neentombi.

“… INtlawulelo ka[Krestu] ivumela ukuba usapho lutywinwe kunye ngonaphakade. Ivumela iintsapho ukuba zibenokukhula kwanaphakade kunye nokugqibelela. Icebo lolonwabo, elithi libizwe icebo losindiso, yayilicebo elalidalelwe iintsapho. …

“… Le yayi yimfundiso kaKrestu. … Ngaphandle kosapho, alikho icebo; asikho isizathu sobomi basemhlabeni.”4

Izikhumbuzo

  1. Carole M. Stephens, “The Family Is of God,” Liyahona, Canzibe 2015, 11, 13.

  2. L. Tom Perry, “Why Marriage and Family Matter—Everywhere in the World,” Liyahona, Canzibe 2015, 41.

  3. Bonnie L. Oscarson, “Defenders of the Family Proclamation,” Liyahona, Canzibe 2015, 15.

  4. Julie B. Beck, “Teaching the Doctrine of the Family,” Liyahona, EyoKwindla 2011, 32, 34.

Cingisisa Ngoku

Kutheni usapho ilelona qela libalulekileyo kakhulu kweli xesha kunye nangonaphakade?

Shicilela