2016
Indlela eGqibeleleyo eya eLonwabeni
Novemba 2016


Umyalezo WabaNdwendweli Makhaya, eyeNkanga 2016

Indlela eGqibeleleyo eya eLonwabeni

Ndiyangqina ngesipho esikhulu esilicebo likaBawo wethu elenzelwe thina. Liyeyona ndlela iyodwa igqibeleleyo eya eluxolweni kunye nolonwabo.

Bazalwane bam kunye nodade abathandekayo, apha kwi-Conference Center nakulo lonke ihlabathi, ndibulela kanjani ngethuba lokwabelana iingcinga zam nani ngalentsasa.

Kwiminyaka engamashumi amaHlanu anambini agqithileyo, ngeyeKhala 1964, ndandithunywe eNew York City ngexesha lomBoniso weHlabathi owawubanjelwe khona. Ngenye intsasa kwangethuba ndaye ndatyelela iMormon Pavilion kulomboniso. Ndafika kanye phambili kokuba kuboniswe umfanekiso bhanya-bhanya weBandla Ukukhangela koMntu uLonwabo, umboniso wecebo losindiso owathi ukususela ngoko wabayindlela yokubonisa iBandla. Ndahlala ecaleni komfana mhlawumbi owayenama-35 eminyaka yobudala. Sathetha kancinane. Yena wayengelolungu leBandla lethu. Zaza izibane zathotywa, kwaye umboniso waqalisa.

Samamela kwilizwi lombalisi njengoko wayebuza imibuzo ebuhlungu neyehlabathi: Ndandisuka phi? Kutheni ndilapha? Ndiyaphi xa ndibushiya obu bomi? Zonke iindlebe zabazwa ukwenzela ukuva iimpendulo, kwaye onke amehlo ayegqaliselwe kulomifanekiso yayiboniswa. Ingcaciso yobomi obuphambi kobu basemhlabeni yanikezelwa, ihamba nengcaciso yesizathu sobukho bethu emhlabeni. Saye sabona ingcaciso echukumisayo yokugqitha kobubomi kotatomkhulu ogugileyo kunye nendibano yakhe ezukileyo nabantu abathandayo ababeye kuqala kunaye kwilizwe loomoya.

Ekupheleni kwalomboniso mhle wecebo likaBawo oseZulwini elenzelwe thina, isihlwele saphuma ngokuthe cwaka, uninzi luchukunyiswe ngokubonakalayo ngumyalezo walomfanekiso bhanya-bhanya. Umhambi omncinci owayesecaleni kwam akazange aphakame. Ndambuza okokuba wawonwabela na lomboniso. Impendulo yakhe egxininisayo: “Le yinyani!”

Icebo likaBawo wethu losindiso elenzelwe ulonwabo lethu kunye nosindiso lwabiwa ngabefundisi bethu kulo lonke ihlabathi. Ayinguye wonke owuvayo lo myalezo wobuthixo owamkelayo kwaye awuwole. Kodwa, amadoda namakhosikazi naphi na, njenga lomhlobo wam umncinci kumBoniso weHlabathi waseNew York, ayaziqaphela iinyaniso zawo, kwaye wona atyala iinyawo zawo kwindlela eziya kubakhokelela ekhayeni ngokhuseleko. Ubomi babo buyaguqulwa ngonaphakade.

Okubalukileyo kwicebo nguMsindisi wethu, uYesu Krestu. Ngaphandle kwedini laKhe elihlawulelayo, konke kungalahleka. Akwanelanga, kodwa, ukukholelwa kuYe nakubulungiseleli baKhe kuphela. Thina sidinga ukusebenza kwaye sifunde, siphengulule, kwaye sithandaze, siguquke kwaye siphucuke. Sidinga ukwazi imithetho kaThixo kwaye siyiphile. Sidinga ukufumana imimiselo yaKhe esindisayo. Ngokwenza njalo kuphela thina siyakufumana olwenyani, lwanaphakade ulonwabo.

Sisikelelekile ngako ukuba nenyaniso. Sinoxanduva lokuba sabelane ngenyaniso. Masikhe siphile inyaniso, ukuze sibenako ukulungela konke oko uYise anako ngathi. Yena akenzi nto ngaphandle kokuba ibe yeyenzuzo yethu. Yena usixelele thina, “Lo ngumsebenzi wam nozuko lwam—ekwenzeni kubekho ukungafi nobomi obungunaphakade bomntu.”1

Ngokusuka kubunzulu bomphefumlo wam kunye nangako konke ukuzithoba, ndiyangqina ngesipho esikhulu esilicebo likaBawo wethu elenzelwe thina. Lona liyindlela ekuphela kwayo egqibeleleyo eya eluxolweni kunye nolonwabo apha kunye nakwihlabathi elisezakuza.

Bazalwana bam noodade, ndinishiya nothando lwam kunye nentsikelelo yam njengoko ndivala, kwaye ndenjenjalo ngegama loMsindisi noMkhululi wethu, nkqu uYesu Krestu, amen.

Shicilela