2016
UMbulelo ngoSuku lweSabatha
Novemba 2016


UMyalezo woBongameli bokuQala, eyeNkanga 2016

UMbulelo ngoSuku lweSabatha

KwabaNgcwele beMihla yokuGqibela, iSabatha lusuku lombulelo kunye nothando.

Bazalwana nodade bam ababekekileyo abathe saa ehlabathini kwiBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, ndiyabulela ngokuba uMongameli Thomas S. Monson endicele ukuba ndithethe kwinkomfa ngalo olusuku lweSabatha. Mna ndiyathandaza ukuba uMoya oyiNgcwele uyakuthwalela amazwi wam kwintliziyo yakho.

Namhlanje ndinqwenela ukuthetha ngemizwa yentliziyo. Le inye ndizakugqalisela kuyo ngumbulelo—ingakumbi ngosuku lweSabatha.

Thina siziva sinombulelo ngezinto ezininzi: ububele obusuka kumntu esingamqhelanga, isidlo xa silambile, uphahla olomileyo phezu kweentloko zethu xa inkqwithela zifika, ukumila kwethambo elaphukileyo, kunye nesikhalo sosana olusanda kuzalwa. Uninzi lwethu luyakukhumbula lusiva umbulelo ngamathuba anjalo.

KwabaNgcwele beMihla yokuGqibela, iSabatha lithuba kanye elinjalo, ngokwenene lusuku, lombulelo kunye nothando. INkosi yayalela abaNgcwele eJackson County, eMissouri, ngowama-1831 ukuba imithandazo kunye nemibulelo yabo kumele ibhekiselwe ngasezulwini. AbaNgcwele bakuqala banikwa isityhilelo esimalunga nokuba lugcinwa njani usuku lweSabatha nokokuba kuzilwa kwaye kuthandazwa njani.1

Bona, kunye nathi, saxelelwa yiNkosi ukuba kukhonzwa njani kwaye kunikezelwe imibulelo ngeSabatha njani. Njengokuba unokutsho, okubaluleke kakhulu luthando esiluvela abanikezeli bezipho. Nanga amazwi weNkosi wokuba unikezelwa njani umbulelo nokokuba kuthandwa njani ngeSabatha:

“Ndibanika umyalelo, ndisithi ngolu hlobo: Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, ngamandla akho onke, ngengqondo, nokomelela; nasegameni likaYesu Krestu uze umkhonze. …

“Uyakubulela iNkosi uThixo wakho kuzo zonke izinto.

“Uze unikele idini kwiNkosi uThixo wakho ngobulungisa, nangako oko kwentliziyo eyaphukileyo nomoya otyumkileyo.”2

Kuze emva koko iNkosi iqhubekeke ilumkisa ngengozi ukuba thina siyohluleka kukubulela uBawo oseZulwini kunye noYesu Krestu njengabanikezeli bezipho: “Kwaye akukho nto umntu athi akhubekise uThixo ngayo, okanye akukho nanye into enokuphembelela umsindo wakhe, ngaphandle kwabo bangasivumiyo isandla sakhe kwizinto zonke, baze bangayithobeli imiyalelo yakhe.” 3

Uninzi lwenu bamameleyo sele lufumana uvuyo kwiSabatha njengosuku lokukhumbula kunye nokunikezela ngemibulelo kuThixo ngeentsikelelo. Nina niyayikhumbula ingoma eqhelekileyo:

Xa kumafu wobomi undlandlathekiswa sisaqhwithi,

Xa utyhafile, ucinga konke kulahlekile,

Bala iintsikelelo zakho ezininzi; uzibize nganye nganye,

Kwaye kuyakukumangalisa ukuba kuyintoni iNkosi ekwenzileyo.

Bala iintsikelelo zakho;

Zibize nganye nganye.

Bala iintsikelelo zakho;

Bona uThixo akwenzileyo. …

Ingaba wena ubulaleka ngumthwalo wenkathalo?

Ingaba umnqamlezo ukhangeleka unzima wena obizelwe ukuba uwuthwale?

Bala iintsikelelo zakho ezininzi; yonk’ intandabuzo iyakubhabha,

Kwaye uyakucula njengokuba iintsuku zisiya zidlula. 4

Mna ndifumana iincwadi notyelelo olusuka kwabaNgcwele beMihla yokuGqibela abanyanisekileyo abaziva besindwa ngumthwalo wenkathalo. Abanye bakufuphi ekuveni oku, ngokokwabo, konke kulahlekile. Ndiyathemba yaye ndiyathandaza ukuba oko ndikuthethayo ngokuba nombulelo kwiSabatha kuyakunceda ekwenzeni iintandabuzo zibhabhe kunye nokokuba ukucula kuqalise ezintliziyweni zenu.

Enye intsikelelo esinokuba nombulelo ngayo kukuba sikhona kwintlanganiso yomthendeleko, sihlangene nabangaphezulu kunomnye okanye ababini babafundi baKhe egameni laKhe. Kukho abasemakhaya abangakwaziyo ukuphakama kwiibhedi zabo. Kukho abanokuthanda ukuba lapho thina sikhoyo kodwa endaweni yoko bayasebenza ezibhedlele kwaye banikezela ngokhuseleko loluntu okanye bayasikhusela ngokubeka ubomi babo emngciphekweni kwintlango okanye ehlathini elithile. Inyani yokuba thina siyakwazi ukuhlangana naye nokuba mnye ongomnye oNgcwele kwaye sixhamle kuwo umthendeleko iyakusinceda ukuba siqalise ukuva umbulelo kunye nothando ngobubele bukaThixo.

Ngenxa yoMprofethi uJoseph Smith kunye nevangeli ebuyiselweyo, enye intsikelelo thina esinokuyibala kukuba thina sinethuba lokuthabatha umthendeleko iveki nganye—olungiselelwe, wasikelelwa, kwaye wagqithiswa zizicaka ezigunyazisiweyo zikaThixo. Thina singaba nombulelo xa uMoya oyiNgcwele uqinisekisa kuthi ukuba amazwi wemithandazo yomthendeleko, enikezwa ngabo babambi bobubingeleli bagunyazisiweyo, iyazukiswa nguBawo oseZulwini.

Kuzo zonke iintsikelelo esinokuzibala, eyona inkulu ukuzothi ga ngoku kukuva uxolelo olufika xa sixhamla kuwo umthendeleko. Thina siyakuva uthando olugqithisileyo kunye nombulelo ngaye uMsindisi, yena odini lakhe lingenasiphelo lenza kubenako ukwenzeka ukuba sihlanjululwe esonweni. Njengoko sixhamla kwisonka kunye namanzi, thina sikhumbula ukuba Yena wasokola ngenxa yethu. Kwaye xa thina sisiva umbulelo ngoko Yena wasenzela kona, siyakuluva uthando lwaKhe ngathi kunye nothando lwethu ngaYe.

Intsikelelo yothando esiyifumanayo iyakwenza kubelula kuthi ukugcina umyalelo othi “bahlale bemkhumbula.”5 Wena usenokuva uthando kunye nombulelo, njengam, ngoMoya oyiNgcwele, yena athe uBawo oseZulwini wathembisa ukuba uyakusoloko unathi xa sihleli sinyanisekile kwiminqophiso esiyenzileyo. Thina singazibala zonke ezontsikelelo ngazo zonke iCawe kwaye sive umbulelo.

ISabatha ikwalixesha eligqibeleleyo lokukhumbula umnqophiso esawenza emanzini wobhaptizo okukuthanda nokunceda abantwana bakaBawo oseZulwini. Ukufezekisa eso sithembiso ngeSabatha kuyakuquka ukuthabatha inxaxheba kwiklasi okanye kwiqumrhu ngenjongo epheleleyo yentliziyo yokwakha ukholo nothando phakathi kwabazalwane noodade abaphaya nathi. Eso sithembiso siyakuquka ukufezekisa ubizo lwethu ngochulumanco.

Ndiyabulela ngeeCawe ezininzi endafundisa iqumrhu labadikoni eBountiful, Utah, kunye neklasi yeSikolo sangeCawe e-Idaho. Ndikwakhumbula namaxesha endandisebenza njengomncedisi wenkosikazi kwigumbi labantwana abancinane, apho owona msebenzi wam ungundonqo wawukukunikezela ngezinto zokudlala kwakunye nokuzichola.

Kwaba yiminyaka phambi kokuba ndiqaphele ngawo uMoya ukuba umsebenzi wam olula endawenzela iNkosi wawunexabiso kubomi babantwana bakaBawo oseZulwini. Ngokumangalisayo kum, abanye babo baye bakhumbula kwaye bandibulela ngeenzame zam zokubancedela uSonini-nanini ngezontsuku zeSabatha.

Ngokufanayo namaxa esingenako ukubona iziphumo zomsebenzi wethu onikezelwa ngeSabatha, sisenokungaliboni ifuthe lezinye izicaka zeNkosi. Kodwa iNkosi yakha ubukumkani baYo ngokuthuleyo, ngezicaka zaYo ezithobekileyo, ngomculo omncinci, isingise kwelizukileyo elewaka leminyaka ikamva layo. Kuthatha uMoya oyiNgcwele ukubona okokukhula kwenkazimlo.

Ndakhula ndihamba iintlanganiso zomthendeleko kwelincinane isebe laseNew Jersey linamalungu ambalwa kuphela kunye nosapho olunye, olwam mna. Kwiminyaka engamashumi asixhenxe anesihlanu egqithileyo, ndabhaptizwa kwisakhiwo esikuphela kwaso esakhiwa liBandla esasinokusifumana ePennyslvania okanye eNew Jersey. Kodwa apho kwakukho isebe elincinane ePrinceton, New Jersey,kukho ngoku amasebe amakhulu amabini. Kwaye kwintsukwana nje ezigqithileyo, amawaka-waka wabantu abatsha aye athatha inxaxheba kumbhiyozo okhokela ukumiselwa kweTempile iPhiladelphia Pennsylvania.

Ngoko ndandingumfana, ndaye ndabizwa njengomfundisi wesithili apho sasikhonzela khona ngeecawe kwisakhiwo ekuphela kwaso eAlbuquerque, eNew Mexico. Namhlanje kukho itempile kunye nesine seengqokelela zamasebe.

Ndayishiya i-Albuquerque ndisiya esikolweni eCambridge, eMassachusetts. Kwakukho isakhiwo esinye kunye nesithili esasisoluleka kuninzi lweMassachusetts neRhode Island. Ndandiqhuba kwiinduli zelolizwe lihle ukuya kwiintlanganiso zomthendeleko kumasebe amancinane, uninzi lwawo lukwiindawo ezincinci eziqeshiweyo okanye amakhaya amancinci alungisiweyo. Ngoku kukho itempile engcwele kaThixo eBelmont, eMassachusetts, kunye neengqokelela zamasebe ezithe saa kwicala lelizwe.

Into endandingena kuyibona ngokucacileyo ngoko yayikukuba iNkosi yayithululela uMoya waYo phezu kwabantu kwezontlanganiso zincinane zomthendeleko. Mna ndandikuva kona, kodwa ndandingenako ukubona ukuphangalala kunye nexesha leenjongo zeNkosi zokwakha kwaye izukise ubukumkani baYo. UMprofethi, ngesityhilelo, wabona kwaye wabhala oko thina sinokuzibonela ngokwethu. UNifayi wathi isiphumo samanani wethu sasingazukuba sikhulu kodwa ukukhanya okuqokeleleneyo kwakuya kuba ngumbono wokubonwa:

“Kwaye kwenzekile okokuba ndilibone ibandla leMvana kaThixo, kwaye amanani alo ayembalwa. …

“Kwaye kwenzekile okokuba mna, Nifayi, ndiwabone amandla eMvana kaThixo, okokuba ehla phezu kwabangcwele bebandla leMvana, kwaye naphezu kwabantu bomnqophiso beNkosi, ababesasazwe phezu kwabo bonke ubuso bomhlaba; kwaye babexhotyiswe ngobulungisa nangamandla kaThixo ngobuqaqawuli obukhulu.”6

Kwelixesha lokuzihlanganisela, ingcaciso efanayo yobuprofethi yesimo sethu kunye namathuba asezayo ibhalwe kwiMfundiso neMinqophiso:

“Anikathi niqonde ukuba zinkulu kangakanani na iintsikelelo uBawo anazo ezandleni ezizezakhe kwaye ezilungiselelwe nina;

“Kwaye aninako ukuthwala zonke izinto ngoku; nangona kunjalo, yomelelani, kuba ndiya kunikhokela. Ubukumkani bobenu neentsikelelo zabo zezenu, nobutyebi banaphakade bobenu.

“Kwaye lowo wamkela zonke izinto ngombulelo uya kwenziwa azuke; kwaye izinto zomhlaba ziya kongezelelwa kuye, nkqu kalikhulu, ewe, nangakumbi.”7

Mna ndakhe ndaluva olwatshintsho lokukhula kombulelo ngeentsikelelo kunye nothando lukaThixo lusanda kulo lonke iBandla. Lukhangeleka lukhula phakathi kwamalungu weBandla ngamaxesha nakwiindawo apho kukho uvavanyo lokholo lwabo, apho kunyanzeleka ukuba bathandaze kuThixo ukuze abancede babe nokuqhubekeka.

Amaxesha thina esiza kudlula kuwo ayakube enovavanyo olunzima kuwo, njengoko ayenzile kubantu baka-Alma phantsi kwenkohlakalo ka-Amyulon, owathi wabeka imithwalo kwimiqolo yabo ekwakunzima kakhulu kubo ukuyithwala:

“Kwaye kwenzekile okokuba ilizwi leNkosi lafika kubo ezimbandezelweni zabo, lisithi: Ziphakamiseni iintloko zenu kwaye nithuthuzeleke, kuba ndiyawazi umnqophiso enithe nawenza kum; kwaye ndiya kunqophisana nabantu bam ndize ndibahlangule baphume ebukhobokeni.

“Kwaye ndiya kuyenza lula kanjalo imithwalo ebekwe phezu kwamagxa enu, ukuze nani ningayiva phezu kwemiqolo yenu, nangalo ilixa enisebukhobokeni ngalo; kwaye oku ndiya kukwenza ukuze nibe nokuma njengamangqina wam emva koku; kwaye nokokuba nibe nokwazi ngokuqinisekileyo okokuba mna, Nkosi uThixo, ndiyabavelela abantu bam kwiimbandezelo zabo.

“Kwaye ngoku kwenzekile okokuba imithwalo eyayibekwe phezu koAlma nabazalwana bakhe yaye yenziwa lula; ewe, iNkosi yaye yabomeleza ukuze babe nokuyithwala imithwalo yabo ngokulula, kwaye baye bathobeka ngochulumanco nomonde kuyo yonke intando yeNkosi”. 8

Wena kunye nam singamangqina wokuba nanini sithe sagcina iminqophiso noThixo, ngakumbi xa kunzima, Yena uye wayiva imithandazo yethu yombulelo woko ebesele ekwenzele thina kwaye uye waphendula imithandazo yethu yamandla okunyamezela ngokunyaniseka. Kwaye ngaphezulu kwexesha elinye Yena uye wasenza sachulumanca kwaye somelela.

Wena usenokuxakwa yinto onokuyenza ukuphila nokukhonza ngolusuku lweSabatha ukubonisa umbulelo wakho kunye nokuzomeleza kwakunye nabanye kuvavanyo olusezayo.

Wena ungaqala namhlanje ngowabucala kunye nowosapho umthandazo wombulelo ngako konke uThixo akwenzele kona. Usenokuthandazela ukwazi into iNkosi efuna uyenze ukusebenzela Yena kunye nabanye. Ngokungakumbi, wena ungathandazela ukuba uMoya oyiNgcwele ukuxelele ngomntu olilolo okanye onemfuno oyena iNkosi ingathanda uye kuye.

Mna ndingakuthembisa imithandazo yakho iya kuphendulwa, kwaye njengoko usenza oko kukwiimpendulo oza kuzifumana, uyakufumana uvuyo kwiSabatha, kwaye intliziyo yakho iyakuphuphuma ngombulelo.

Ndiyangqina ukuba uThixo uYise uyakwazi kwaye uyakuthanda. UMsindisi, iNkosi uYesu Krestu, wahlawulela izono zakho ngenxa yothando ngawe. Bona, uYise kunye noNyana, bayalazi igama lakho kanje ngoba babelazi igama lomProfethi uJoseph Smith xa babevela kuye. Ndiyangqina ukuba eli liBandla likaYesu Krestu kwaye Yena uyakuyizukisa iminqophiso oyenza kwaye uyihlaziya noThixo. Isimo sakho siyakuguqulwa sibe njengoMsindisi ngakumbi. Uyakomelezwa ngokuphisene nokuhendwa kunye nemizwa yeentandabuzo malunga nenyani. Uyakufumana uvuyo kwiSabatha. Mna ndikuthembisa kanje egameni leNkosi uYesu Krestu, amen.

Shicilela