Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 59


Icandelo 59

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eZiyon, eJackson Khawunti, eMissouri, Agasti 7, 1831. Okukhokela esi sityhilelo, umhlaba wangcwaliswa, njengokuba iNkosi yathi yayalela, kwaye isiza setempile yexesha elizayo sabingelelwa. Ngomhla esi sityhilelo safunyanwayo, uPolly Knight, inkosikazi kaJoseph Knight Omkhulu, wafa, ilungu lokuqala leBandla ukufa eZiyon. Amalungu akuqala afuzisela esi sityhilelo nje “ngomyalelo wabaNgcwele ekubeni angayigcina njani isabatha kwaye angazila aze athandaze njani.”

1–4, AbaNgcwele eZiyon abathembekileyo baya kusikelelwa; 5–8, Bamele ukuthanda nokukhonza iNkosi kwaye bagcine imiyalelo; 9–19, Ngokugcina umhla weNkosi ungcwele, abaNgcwele bayasikelelwa ngokwasenyameni nasemoyeni; 20–24, Amalungisa athenjiswa uxolo kweli hlabathi nobomi obungunaphakade kwihlabathi elizayo.

1 Qaphela, banoyolo, itsho iNkosi, abathe benyukela kweli lizwe ngeliso elijonge kuphela kuzuko lwam, ngokunxulumene nemiyalelo yam.

2 Kuba abo baphilayo baya kudla ilifa umhlaba, kwaye nabo bafayo baya kuphumla kwimisebenzi yabo, kwaye nemisebenzi yabo iya kubalandela; kwaye baya kuzuza isithsaba endlwini kaBawo eneendawo ezininzi, endithe ndabalungiselela yona.

3 Ewe, banoyolo abo banyawo zabo zimi phezu kwelizwe laseZiyon, abathe bathobela ivangeli yam; kuba baya kuzuza ngokomvuzo wabo izinto ezilungileyo zomhlaba, kwaye uya kuzisa ngokwamandla wawo.

4 Kananjalo baya kuthweswa ngeentsikelelo ezivela phezulu, ewe, nakwakunye nemiyalelo engembalwa, nakwakunye nezityhilelo ngexesha labo—abo banyanisekileyo kwaye bekhuthele phambi kwam.

5 Ngako oko, ndibanika umyalelo, ndisithi ngolu hlobo: Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, ngamandla akho onke, ngengqondo, nokomelela; nasegameni likaYesu Krestu uze umkhonze.

6 Uze umthande ummelwane wakho njengokuba uzithanda. Uze ungebi; ungakrexezi, nakubulala, nakwenza nayiphina into enjalo.

7 Uze uyibulele iNkosi uThixo wakho ezintweni zonke.

8 Uze unikele umbingelelo kwiNkosi uThixo wakho ngobulungisa, nangako oko kwentliziyo eyaphukileyo nomoya otyumkileyo.

9 Nokokuba uze uzigcine ngokupheleleyo ngakumbi ungenachaphaza ehlabathini, uze uye endlwini yokuthandaza uze unyusele imithendeleko yakho ngomhla wam ongcwele;

10 Kuba inene lo ngumhla obekelwe wena ukuba uphumle emisebenzini yakho, kwaye unikele imithandazo yakho koseNyangweni:

11 Nangona kunjalo izifungo zakho ziya kunikelwa phezulu ngobulungisa yonke imihla nangamaxesha onke;

12 Kodwa khumbula okokuba ngalo mhla, umhla weNkosi, uya kunikela ngeminikelo yakho nemithendeleko koseNyangweni, uvuma izono zakho kubazalwana bakho, naphambi kweNkosi.

13 Kwaye ngalo mhla uze ungenzi nanye enye into, kuphela yenza ukudla kwakho kulungiswe ngentliziyo enye ukuze inzila yakho ibe nokugqibelela, okanye, ngamanye amazwi, ukuze ukugcoba kwakho kugqibelele.

14 Inene, le yinzila nomthandazo, okanye ngamanye amazwi, kukugcoba nomthandazo.

15 Kwaye njengokuba nizenza ezi zinto ngombulelo, ngeentliziyo ezichwayitileyo neembonakalo, ingabi kukugigitheka okungakumbi, kuba oku kusisono, kodwa ngentliziyo eyonwabileyo nembonakalo echwayitileyo—

16 Inene ndithi, njengokuba nikwenza oku, inzaliseko yomhlaba yeyenu, amarhamncwa asendle neentaka zezulu, nezo zikhwela phezu kwemithi nezihamba phezu komhlaba;

17 Ewe, nemifuno, nezinto ezilungileyo ezivela emhlabeni, nokokuba zezokutya okanye zezokunxiba, okanye zezezindlu, okanye zezoovimba, okanye zezezitiya zeziqhamo, okanye zezitiya, okanye zezezidiliya;

18 Ewe, zonke izinto ezivela emhlabeni, ngexesha lazo, zenzelwe inzuzo nokusetyenziswa ngabantu, kunye zikholise iliso nokonwabisa intliziyo;

19 Ewe, ukutya nokunxiba, incasa nokujoja, ukomeleza umzimba nokuvuselela umphefumlo.

20 Kwaye kuyamkholisa uThixo ukuba ethe wazinika abantu zonke ezi zinto; kuba zazenzelwe oku, ngokuziqikelelela, ingabi kukungazeyisi, ingabi kukuphanga.

21 Kwaye akukho nto umntu athi akhathaze uThixo ngayo, okanye akukho nanye into enokuphembelela umsindo wakhe, ngaphandle kwabo bangasivumiyo isandla sakhe kwizinto zonke, baze bangayithobeli imiyalelo yakhe.

22 Qaphelani, oku kunxulumene nomthetho nabaprofeti; ngako oko, ungandikhathazi kwakhona ngokunxulumene nalo mba.

23 Kodwa funda okokuba lowo wenza imisebenzi yobulungisa uya kuzuza umvuzo wakhe, kwanoxolo kweli hlabathi, nobomi obungunaphakade kwihlabathi elizayo.

24 Mna, iNkosi, nditshilo, noMoya unika ubungqina. Amen.