Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 53


Icandelo 53

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuAlgernon Sidney Gilbert, eKirtland, eOhio, Juni 8, 1831. Ngesicelo sikaSidney Gilbert, uMprofeti wabuza eNkosini ngomsebenzi kaMzalwana Gilbert nokunyulwa eBandleni.

1–3, Ubizo lukaSidney Gilbert nokonyulwa eBandleni amiselwe abe ngumdala; 4–7, Kanjalo asebenze njengearhente kabhishophu.

1 Qaphela, ndithi kuwe, sicaka sam Sidney Gilbert, okokuba ndiyivile imithandazo yakho, kwaye ubize kum okokuba makwenziwe kwazeke kuwe, okweNkosi uThixo wakho, ngokunxulumene nobizo lwakho nokonyulwa ebandleni, mna, iNkosi, endiluphakamisileyo kule mihla yokugqibela.

2 Qaphela, mna, iNkosi, eyabethelelelwa izono zehlabathi, ndinika wena umyalelo wokuba uya kulilahla ihlabathi.

3 Thabathela phezu kwakho imimiselo yam, nkqu leyo yomdala, ushumayele ukholo nenguquko noxolelo lwezono, ngokunxulumene nelizwi lam, nokwamkela uMoya oyiNgcwele ngokubeka izandla;

4 Kananjalo ube yiarhente kweli bandla endaweni oya kuyonyulelwa ngubhishophu, ngokunxulumene nemiyalelo eya kunikwa ukususela ngoku nakwixesha elizayo.

5 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuwe, uya kuthabatha uhambo lwakho nezicaka zam uJoseph Smith, Omnci., noSidney Rigdon.

6 Qaphela, le yimimiselo yokuqala oya kuyifumana; kwaye intsalela uya kuyenza yaziwe kwixesha elizayo, ngokunxulumene nomsebenzi wakhe esidiliyeni sam.

7 Kwaye kwakhona, ndinga ungafunda okokuba ngulowo kuphela osindiswayo onyamezela kude kuye esiphelweni. Nkqu kunjalo. Amen.