Icandelo 69
Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eHiram, eOhio, Novemba 11, 1831. Ukuqokelelwa kwezityhilelo kwakulungiselela upapasho luphambi kwexesha oluthe lwadluliselwa kwinkomfa ekhethekileyo kaNovemba 1-2. NgoNovemba 3, isityhilelo esibonakala apha njengecandelo 133, ethubeni labizwa Isihlomelo, longezelelwa. UOliver Cowdery wonyulelwa ukuphatha amaphepha angekashicilelwa ezityhilelo eziqokelelweyo nemiyalelo ukuya eIndependence, eMissouri, aze ashicilelwe. Kanjalo ubemele ukuthabathela iimali kuye ukuze kwakhiwe isakhiwo seBandla eMissouri. Esi sityhilelo siyalela uJohn Whitmer ukuba akhaphe uOliver Cowdery kananjalo sibhekisa kuWhitmer ekubeni ahambe aze aqokelele izinto eziyimbali kubizo lwakhe njengombhali-mbali weBandla nomrekhodi.
1–2, UJohn Whitmer umele ukuhamba no-Oliver Cowdery ukuya eMissouri; 3–8, Kanjalo umele ukushumayela nokuqokelela, abhale amanqaku, nokubhala idata eyimbali.
1 Phulaphula kum, itsho iNkosi uThixo wakho, ngenxa yesizathu sesicaka sam uOliver Cowdery. Ayibobulumko obukum okokuba aphathiswe ngokuthenjwa imiyalelo neemali aya kuziphatha ukuya kumhlaba weZiyon, ngaphandle kokuba omnye uhamba naye oya kunyaniseka kwaye athembeke.
2 Ngako oko, mna, iNkosi, ndinga isicaka sam, uJohn Whitmer angahamba kunye nesicaka sam uOliver Cowdery;
3 Kananjalo abe uya kuqhubeka ekubhaleni nasekwenzeni imbali yezinto zonke ezibalulekileyo aya kuziqwalasela kwaye azi ngokunxulumene nebandla lam;
4 Kananjalo abe ufumana ukucetyiswa noncedo oluvela esicakeni sam uOliver Cowdery nabanye.
5 Kananjalo, izicaka zam ezingapha nangapha emhlabeni zimele ukuthumela iingxelo zobugosa bazo emhlabeni weZiyon;
6 Kuba umhlaba weZiyon uya kuba sisihlalo nendawo yokwamkela nokwenza zonke ezi zinto.
7 Nangona kunjalo, vumelani isicaka sam uJohn Whitmer ahambe amaxesha amaninzi ukusuka endaweni aye endaweni, nokusuka ebandleni aye ebandleni, ukuze abe nokuzuza ngokulula ngakumbi ulwazi—
8 Eshumayela kwaye ecacisa, ebhala, ekopa, ekhetha, abe efumana zonke izinto eziya kulungela ibandla, nezizukulwana ezikhulayo eziya kukhulela emhlabeni weZiyon, zilibange ukususela kwisizukulwana kuye kwisizukulwana, ngonaphakade kanaphakade. Amen.