Icandelo 127
Incwadi evela kuJoseph Smith uMprofeti isiya kwabaNgcwele beMihla yokuGqibela eNauvoo, eIllinois, iqulathe imigaqo kubhaptizelo lwabafileyo, ibhalwe ngoSeptemba 1, 1842, eNauvoo.
1–4, UJoseph Smith uziqhayisa ngentshutshiso nenkxwaleko; 5–12, Iirekhodi zimele ukugcinwa zinxulumene nobhaptizelo lwabafileyo.
1 Njengokuba iNkosi ityhile kum okokuba iintshaba zam, kunye eMissouri nakwesi Siteyiti, kwakhona zazindisukela; kwaye njengokuba zazindisukela ngaphandle kwesizathu, kwaye zingenalo nelona lincinane ibala okanye ithunzi lobulungisa okanye ilungelo ecaleni lazo ekwenzeni iintshutshiso zazo ngokuchasene nam; nanjengokuba namabango azo onke afunyenwe ebuxokini besona simnyama isijika-mbala, ndicinge ekubeni kufanelekile kwaye bubulumko kum ukunika ixesha elifutshane, ngenxa yokhuseleko olulolwam nokhuseleko lwaba bantu. Ndinga ndingathi kubo bonke ndineshishini kunye nabo, okokuba ndishiyele imicimbi yam kwiiarhente nonobhala abaya kurhweba onke amashishini ngohlobo olukhawulezileyo nolufanelekileyo, kwaye baya kubona ukuba onke amatyala am asuliwe ngexesha elifanelekileyo, ngokunanisa ipropati, okanye ngolunye uhlobo, njengoko imeko inokufuna, okanye njengoko iimeko zinokuvumela. Xa ndifunda ukuba uqhwithela luvuthuze ngokuzeleyo lwadlula, ngoko ke ndiya kubuyela kuni kwakhona.
2 Kwaye njengenxa yamanzithinzithi endibizelwe ukudlula kuwo, abonakala nje eyinto encinane kum, njengokuba umona nomsindo bezilithumelo lam eliqhelekileyo yonke imihla yobomi bam; nangenxa yesizathu esibonakala ngokumangalisayo, ngaphandle kokuba ndamiselwa ukususela ngaphambili kwesiseko sehlabathi ngenxa yesiphelo esithile esilungileyo, okanye esibi, njengoko unokuzikhethela ukusibiza. Zigwebeleni nina iziqu zenu. UThixo uzazi zonke ezi zinto, nokokuba ilungile okanye imbi. Kodwa nangona kunjalo, amanzi anzulu ndiqhelile ukudada kuwo. Zonke zisuke zayindalo yesibini kum; kwaye ndiziva, njengoPawulos, ekuzingceni kwinkxwaleko; kuba ukuza kutsho kulo mhla uThixo woobawo bam undikhulule kuzo bonke, kwaye uya kundikhulula ukususela ngoku kuye phambili; kuba qaphelani, kwaye yabonani, ndiya koyisa phezu kwazo zonke iintshaba zam, kuba iNkosi uThixo ikuthethile.
3 Mabavuye bonke abangcwele ke ngoko, kwaye bonwabe ngokugqithisileyo; kuba uThixo kaSirayeli nguThixo wabo, kwaye uya kwabela ngokuphandle imbuyekezo elungileyo yomvuzo phezu kweentloko zabo bonke abacinezeli.
4 Kwaye kwakhona, inene itsho njalo iNkosi: Umsebenzi wam wetempile, nayo yonke imisebenzi endininyulele yona, mayiqhubekeke kwaye ingemi; kwaye inkuthalo yenu nenzondelelo yenu, nomonde, nemisebenzi yenu maziphindaphindeke, kwaye aniyi kuphulukana nomvuzo wenu nangayiphi na indlela, itsho iNkosi yeMikhosi. Kwaye ukuba batshutshisa nina, njalo batshutshisa abaprofeti nabantu abalungileyo ababephambi kwenu. Ngenxa yako konke oku kukho umvuzo ezulwini.
5 Kwaye kwakhona, ndininika ilizwi elinxulumene nobhaptizelo lwabafileyo.
6 Inene, itsho njalo iNkosi kuni ngokunxulumene nabafileyo benu: Xa nobanina abangabenu bebhaptizelwa abafileyo benu, makubekho umrekhodi, kwaye mvumeleni abe lingqina elibonayo lobhaptizo lwenu; makeve ngeendlebe zakhe, ukuze abe nokungqina okwenyaniso, itsho iNkosi;
7 Ukuze kuzo zonke iirekhodi zibe nokuba zirekhodiwe ezulwini; nakuphina okubotshwe emhlabeni, makube kubotshiwe ezulwini; nakuphina okukhululweyo emhlabeni, makube kukhululwe ezulwini;
8 Kuba sendiza kubuyisela izinto ezininzi emhlabeni, eziphathelele kububingeleli, itsho iNkosi yeMikhosi.
9 Kwaye kwakhona, zonke iimbali mazibe selucwangcweni, ukuze zibe nokubekwa koovimba betempile yam engcwele, zigcinelwe kwiinkumbulo ukusuka kwisizukulwana kuye kwisizukulwana, itsho iNkosi yeMikhosi.
10 Ndiya kuthi kubo bonke abangcwele, ndanqwenela, ngomnqweno omkhulu ngokugqithisileyo, ukuthetha nabo eqongeni kwisihloko sobhaptizelo lwabafileyo, ngeSabatha elandelayo. Kodwa njengokuba kungaphandle kwamandla am ukwenza njalo, ndiya kulibhala ilizwi leNkosi amaxesha ngamaxesha, kweso sihloko, kwaye ndilithumele kuni ngeposi, ngokunjalo ngamanye amaxesha amaninzi.
11 Ngoku ndivala incwadi yam okwa kaloku, ngenxa yokufuna ixesha elingaphezulu; kuba utshaba luthe qwa, nanjengokuba uMsindisi watshoyo, inkosana yeli hlabathi liyeza, kodwa alinanto kum.
12 Qaphelani, umthandazo wam kuThixo ngowokuba nonke nibe nokusindiswa. Kwaye ndibophelela isiqu sam sicaka senu eNkosini, umprofeti nemboni yeBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela.
Joseph Smith.