INcwadi kaMormoni ifundisa ukuba “bonke bayafana kuThixo,” kubandakanywa “omnyama nomhlophe, umthinjwa nokhululekileyo indoda nomfazi” (2 Nifayi 26:33). Kuyo yonke imbali yeBandla, abantu bazo zonke izizwe neentlanga kumazwe amaninzi bathe babhaptizwa baze bathi bahlala njengamalungu athembekileyo eBandla. Ngexesha lobomi bukaJoseph Smith, amalungu eBandla ambalwa amnyama angamadoda amiselwa kububingeleli. Ekuqaleni kwimbali yalo, iinkokeli zeBandla zakuyeka ukunikeza ububingeleli emadodeni amnyama angumnombo waseAfrika. Iirekhodi zeBandla aziniki zingqiqo zicacileyo kwimvelaphi yesi senzo. Iinkokeli zeBandla zakholelwa ukuba isityhilelo esivela kuThixo sasifuneka ekuguquleni esi senzo kwaye zafuna ngomthandazo isikhokelo. Isityhilelo safika kuMongameli weBandla uSpencer W. Kimball saza sangqinwa kwezinye iinkokeli zeBandla eTempileni iSalt Lake ngoJuni 1, 1978. Isityhilelo sasusa zonke izithintelo ezinxulumene kubuzwe ezakhe zasetyenziswa kububingeleli.