Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 32


Icandelo 32

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuParley P. Pratt noZiba Peterson eManchester, eNew York, ebutsheni bukaOktobha kowe-1830. Umdla omkhulu neminqweno yaviwa ngabadala behlonipha amaLeymenayithi, iintsikelelo zawo ezaxelwa ngaphambili iBandla elizifunde kwiNcwadi kaMormoni. Ngeziphumo, umthandazo ocengayo wenziwa owokokuba iNkosi ibe nokuqondisa intando Yayo okokuba abadala bamele ukuthunyelwa na ngeloo xesha kwizizwe zamaNdiya eNtshona. Isityhilelo salandela.

1–3, UParley P. Pratt noZiba Peterson babizelwe ukushumayela kumaLeymenayithi nokukhapha uOliver Cowdery noPeter Whitmer Omnci.; 4–5, Bamele ukuthandazela ukuqonda izibhalo.

1 Kwaye ngoku ngokunxulumene nesicaka sam uParley P. Pratt, qaphela, ndithi kuye okokuba njengokuba ndiphila ndiya kwenza okokuba abe uya kubhengeza ivangeli yam aze afunde kum, kwaye abe nobulali nokuthobeka kwentliziyo.

2 Kwaye oko ndikonyulele yena kokokuba uya kuhamba kunye nezicaka zam, uOliver Cowdery noPeter Whitmer, Omnci., entlango phakathi kwamaLeymenayithi.

3 Kwaye uZiba Peterson kanjalo uya kuhamba kunye nabo; nam isiqu sam ndiya kuhamba kunye nabo kwaye ndibe phakathi kwabo; kwaye ndingumthetheleli wabo kunye noBawo, kwaye akukho nto iya koyisa ngokuchasene nabo.

4 Kwaye baya kunika inyameko koko kubhaliweyo, kwaye bangahanahanisi nakuso nasiphina isityhilelo; kwaye baya kuthandaza rhoqo okokuba ndibe nokusombulula ngokufanayo ekuqondeni kwabo.

5 Kwaye baya kunika inyameko kula mazwi kwaye bangafekethi, kwaye ndiya kubasikelela. Amen.