2021
Ndingazi njani ukuba ndiva ilizwi leNkosi ebomini bam?
EyoMdumba 2021


“Ndingazi njani ukuba ndiva ilizwi leNkosi ebomini bam?” Okwenzelwe Ukomelezwa KoLutsha, EyoMdumba 2021, 29.

UMyalezo wangeNyanga Kwenzelwe Ukomelezwa KoLutsha , EyoMdumba 2021

Ndingazi njani ukuba ndiva ilizwi leNkosi ebomini bam?

Umfanekiso
umfana omncinane efunda izibhalo ezingcwele

UMongameli Russell M. Nelson usimemile ukuba “sicinge nzulu kwakunye narhoqo” malunga nendlela esiva ngayo uYesu Krestu kwaye “sithathe amanyathelo okumva Yena ngcono kwaye rhoqo” (“‘How Do You #HearHim?’ A Special Invitation,” Feb. 26, 2020, blog.ChurchofJesusChrist.org).

Singamva Yena ngezibhalo ezingcwele nangamazwi abaprofeti. Kodwa ayikukuva nje okanye ukufunda la magama okubalulekileyo. Ngomprofeti uJoseph Smith, iNkosi yacacisa:

“Lilizwi lam eliwathethayo [la mazwi] kuni; kuba anikwe ngoMoya wam kuni … ;

“Ngako oko, ninako ukungqina ukuba nilivile ilizwi lam” (IMfundiso neMinqophiso 18:35–36).

Ukongeza koku, ukufuna ukumva Yena akuyiyo into esiyenza ngokukhawuleza. UMongameli uNelson uthe, “Kuthatha umzamo onengqiqo nohambelanayo” (“Mveni Yena,” Tshazimpunzi 2020 kwinkomfa yajikelele [Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2020, 89]).

Njengoko ufunda, uthandaza, unqula, ukhonza, kwaye uthobela imiyalelo yeNkosi, Yona iya kukusikelela ngoMoya waYo kwaye, ngeNtlawulelo kaYesu Krestu, uya kukutshintsha. Emva koko ungazi ukuba ulivile ilizwi laKhe.

Shicilela