2021
UThixo Usixelele ukuba Sibhaptizwe
EyoMdumba 2021


“UThixo Usixelele ukuba Sibhaptizwe,” Liyahona, EyoMdumba 2021

UMyalezo wangeNyanga weLiyahona, EyoMdumba 2021

UThixo Usixelele ukuba Sibhaptizwe

UYesu Krestu wabeka umzekelo wokubhaptizwa ngumntu onegunya likaThixo.

Ngelixa singenazo iinkcukacha ezininzi ngobomi bukaYesu Krestu, siyazi ukuba waye wabhaptizwa xa wayeneminyaka engama-30 ubudala (bona Luka 3:23). Nazi ezinye izinto esizifundayo malunga nobhaptizo kumzekelo waKhe.

Kumntu Wonke

Ukuba sibadala ngokwaneleyo kwaye sikhule ngokwaneleyo ukuba sazi umahluko phakathi kokulungileyo nokungalunganga, uBawo oseZulwini ufuna ukuba sibhaptizwe (bona IMfundiso neMinqophiso 18:42). UYesu wayegqibelele, kodwa Yena wakhetha ukubhaptizwa ukuba alandele imiyalelo kaThixo (bona Mateyu 3:13–17; 2 Nifayi 31:7). Nkqu nabo sele beswelekile bangalwamkela ubhaptizo. Sibanika lona ngokubabhaptizelwa ezitempileni. (Bona IMfundiso neMinqophiso 128:15–18.)

Umfanekiso
ubhaptizo

Lwenziwa ngeGunya

UYesu akazange abhaptizwe nangubani na. Ngokukodwa waya kumzala wakhe uYohane, owayenegunya lobubingeleli elivela kuThixo. Emva kokuba uYesu efile kwaye nabafundi baKhe bebulelwe, elo gunya lobubingeleli laye lalahleka emhlabeni. Emva koko, ngo-1829, uYohane uMbhaptizi wabonakala kuJoseph Smith waza wamnika igunya lokubhaptiza egameni likaThixo. Ngenxa yoko kubuyiselwa, singabhaptizwa ngelo gunya linye namhlanje.

Umfanekiso
ukubuyiselwa koBubingeleli buka-Aron

ISithembiso seeNdlela Ezimbini

Ubhaptizo lubandakanya isithembiso seendlela ezimbini, okanye umnqophiso, phakathi kwethu noThixo. Sithembisa:

  1. Ukuthabathela kuthi igama likaKrestu.

  2. Ukusoloko simkhumbula.

  3. Ukugcina imiyalelo yaKhe.

Ekubuyiseni, uThixo uthembisa ukuba uMoya waKhe uya kusoloko ukunye nathi. Amazwi emithandazo yomthendeleko asikhumbuza lo mnqophiso rhoqo ngeveki. (Bona IMfundiso neMinqophiso 20:77, 79.)

Umfanekiso
usapho kwintlanganiso yomthendeleko

Ukwamkela uMoya oyiNgcwele yiNxalenye Ebalulekileyo yoBhaptizo

Emva kokuba uYesu ebhaptiziwe, kwavela uMoya oyiNgcwele ekumila kunje ngehobe (bona 2 Nifayi 31:8). Namhlanje, emva kokuba abantu bebhaptiziwe, bayaqinisekiswa. Oku kuthetha ukuba bafumana intsikelelo ekhethekileyo apho bamenyelwa khona ukufumana isipho esihlambululayo soMoya oyiNgcwele (bona 2 Nifayi 31:17). UMoya oyiNgcwele ungasilumkisa ngengozi, usithuthuzele, usikhokele ekwenzeni izigqibo ezilungileyo, kwaye usincede sive uthando lukaThixo (bona IMfundiso neMinqophiso 39:6).

Umfanekiso
umfazi uyaqinisekiswa

Sinokusoloko Siguquka

UThixo wayesazi ukuba sasiza kuzenza iimpazamo. Ngaphandle kwemizamo yethu emihle, sasiya kona size singakwazi ukufikelela kwizithembiso zethu zobhaptizo. Ngoko ke Yena unika umntu ngamnye kuthi ithuba lokuguquka. (Bona IMfundiso neMinqophiso 18:13.) Yonke imihla sinokwenza konke okusemandleni ethu ukuxolisa nokulungisa nakuphi na okungalunganga. Singathandaza kwaye sicele ukuxolelwa nguThixo. Ke, xa sithatha umthendeleko ngentliziyo ethobekileyo, sinokuba noMoya oyiNgcwele kunye nathi (bona 3 Nifayi 18:11).

Umfanekiso
umfazi ethandaza ecaleni kwebhedi

Zithini iZibhalo eziNgcwele ngoBhaptizo?

Abazali kufuneka bancede abantwana babo balungiselele ukubhaptizwa (bona IMfundiso neMinqophiso 68:25).

Abo bangaphantsi kweminyaka esibhozo ubudala abadingi ukubhaptizwa (bona Moronayi 8).

Xa sibhaptizwa, sithembisa ukuba “siya kulila nabo balilayo; … sibathuthuzele abo baswele ukuthuthuzelwa, kwaye sibe nokuma njengamangqina kaThixo ngamaxesha onke nakuzo zonke izinto, nakuzo zonke iindawo” (Mozaya 18:9).

Shicilela